I-Monkeypox eMzantsi Afrika

Vukuzenele Unnamed

EZEMPILO UMphathiswa weZempilo uGqirha Joe Phaahla uqinisekisile ukuba i-Monkeypox iye yafunyanwa eMzantsi Afrika ngethuba ebethetha noonondaba kutshanje ePitoli, eGauteng.
Uthe uye wafumana ingxelo evela kwiiNkonzo zeSizwe zeLabhoretri yezeMpilo (i-NHLS) yokuba baye bayiqinisekisa i-Monkeypox eMzantsi Afrika ngeemvavanyo zaselabhoretri.
Le ntsholongwane ifunyaniswe/ibhaqwe e-Gauteng naseNtshona Koloni.
I-Monkeypox idla ngokuba sisifo esingenabuzaza esibonakala njengamadyungudyungu okanye izilonda ezisesi khumbeni. Idla ngokungabi nabubuzaza kwaye inezinga lokufa lesinye ekhulwini.
Esi sifo besikhe sachazwa kumazwe ase-Afrika afana ne-Nigeria, i-Democratic Republic of the Congo, i-Central African Republic kunye ne-Ghana ekuqaleni kweminyaka yoo-2000.
Uqhambuko lwangoku lulawulwa ngamanani aphezulu eYurophu kwaye i-UK ikhokela ngeziganeko zesifo ezingaphezulu kwama-700, i-Spain inezingaphezulu kwama-500, zilandelwa yiJamani, i-Portugal kunye ne-Fransi.
UMphathiswa uthe iZiko leSizwe leZifo ezoSulelayo (i-NICD) liqeqesha abasebenzi bezempilo kwiintanethi ukuze bakwazi ukusibhaqa esi sifo ukuze kwenziwe iimvavanyo zaselabhoretri eziyimfu neko.
“Esi sifo sisasazeka kuphela ngokudibana ngokusondeleleneyo, ngoko ke awukwazi ukusifumana ngokuba kwigumbi elinye nomntu owosulelekileyo,” utshilo uMphathiswa.
UMphathiswa uPhaahla uqinisekise abemi bo Mzantsi Afrika ukuba i-Monkeypox ayiyontsholongwane engazange ibonwe ngaphambili kwaye iinzululwazi zino lwazi ngayo.
USihlalo weKomiti yeeNgcebiso yabaPha thiswa (i-MAC) kwiCOVID-19 kunye nelungu lesiGqeba se-NHLS, uNji ngalwazi uKoleka Mlisana, uthe i-Monkeypox sisifo esigqugqisayo ku Mbindi nakuMntla Afrika esaziwa ngokungabi nabuzaza.
Isifo esigqugqisayo yimeko esoloko ikho phakathi kwabantu abathile okanye kwindawo ethile.
Uthe kukho ukufana phakathi kwe-Monkeypox kunye ne-Smallpox.
“Akhona amayeza okugonya kunye nonya ngo lwe-Monkeypox.
Esi sifo sizibonakalisa ngeempawu ezifana nomkhuhlane kunye ne-Legionnaires (uhlobo oluqatha lwenyumoniya okanye ukudumba kwemiphunga okudla ngokubangelwa lusu leleko). Into ebalulekileyo kukuba umntu onenkcazelo kagqirha esekelwe kwiimpawu kulula ukumxilonga kwaye okona kubaluleke kakhu lu kukuba kunzima ukusidlulisela kwabanye abantu, asifani nentsholongwane yokuphefumla, kuba yosuleleka ngokudibana. Ubunokusifumana kuphela xa uthe wadibana ngqo nomntu owosulelekileyo,” utshilo.
Isifo se-Legionnaires luhlobo oluqatha lwenyumoniya.
UNjingalwazi Mlisana uthe ukulandelelwa kwabantu abathe badibana kubalulekile kule meko kwaye iSebe lezeMpilo liza kuqhubeka likwenza oko.
Uqinisekise abemi boMzantsi Afrika ukuba amaseko oncedo eLabhoretri anazo zonke izixhobo ezaneleyo zokukwazi ukubeka iliso kulo naluphi na usuleleko olutsha olunokuthi luvele.
–SAnews.gov.za
