Isizwe sethu sizilela ulutsha oluphulukene nobomi balo kwintlekele yethaveni yase-Enyobeni

Vukuzenzele Unnamed

Kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo iintsapho zelokishi yase-Scenery Park ngaphandle kwaseMonti, zifumene iindaba wonke umzali athandazela ukuba angaze azive.
Baxelelwa ukuba abantwana babo abangama-21 bafunyenwe bebhubhile, kwithaveni. Oyena mntwana mncinane ebeneminyaka eli-13 kuphela ubudala.
Uphando lwamapolisa ngale ntlekele luyaqhuba ngokukhawuleza. Kuqhubekeko ngolu phando, uMasipala oMbaxa wase- Buffalo City uphanda ukuba ingaba ikhona na imigaqo kamasipala eyophulileyo le thaveni.
Iingcinga zethu kunye nemithandazo ikunye neentsapho ezisokolayo ukwamkela esi sehlo simanyumnyezi singathethekiyo.
Siyamncoma urhulumente wephondo leMpuma Koloni ngokuncedisa iintsapho ezichaphazelekileyo, kwakunye no-AVBOB ozinikele ekuncediseni ezi ntsapho ngezingcwabo.
Ngethuba abasemagunyeni abafanelekileyo behlabamahlongwane okwenzekileyo ukuqinisekisa ukuba kukho ubulungisa ngakumaxhoba, kukho incoko ekufuneka sibe nayo njengelizwe. Ingxaki yokusela kwabantwana abangaphantsi kweminyaka efanelekileyo ngokomthetho.
Imifanekiso kamabonakude kunye nakwi-intanethi yetheko elibizwa ngokuba ‘yi-pens down’ elalikula ndawo ngoba busuku ibonisa ulutsha olonwabileyo lubambe iibhotile zotywala. Uninzi lwalo kule mifanekiso lukhangeleka ngathi lusekwiminyaka yolutsha.
Iqela labantu abatsha abasuka e-Scenery Park lixelele amajelo eendaba ukuba libone isaziso esisasazwa kumajelo eendaba zoluntu, esinikezela ngemijikelo yotywala basimahla kubo bonke abantu abebezimase umsitho ngoba busuku.
Ukwamkeleka okwandileyo kwentlalo yabantu abatsha abasela utywala kuyingxaki enkulu kwilizwe apho uninzi lwabantu abaselayo sele behlelwe nguMbutho wezeMpilo weHlabathi njengabasela kakhulu.
Ukuselwa kotywala phakathi kolutsha olufikisayo koyanyaniswa nokungasebenzi kakuhle, ukungahambi isikolo kakuhle, ukwenzakala okunxulumene notywala, iingcinga kunye neenzame zokuzibulala, kunye nokuziphatha ngokusemngciphekweni.
Kufuneka sidibane silwe lo mkhwa uphanga ulutsha lwethu eyona minyaka igqwesileyo yobomi balo, ubenza babe sesichengeni sokuzenza amakhoboka otywala.
Njengeentsapho, kuthetha ukuba neencoko ezivulekileyo neziphandle malunga notywala nokubeka imilinganiselo. Into yabantwana abangaphantsi kweminyaka eli-18 abasela utywala ichasene nomthetho.
Njengabantu abadala, kufuneka sizikhwebule kwimikhwa efana nokuthuma abantwana abasebancinane ukuba basithengele utywala okanye ukuvuma izicelo zokuthengela olu lutsha utywala.
Asikokokuqala ngqa sijongana neziganeko ezimbi ezifana nesenzeke e-Scenery Park kwiveki ephelileyo.
Into efanayo phakathi kwethaveni yase-Enyobeni, intlekele yeklabhu yasebusuku i-Throb eThekwini ngowama-2000, kunye nentlekele yethaveni i-Osi eKhayelitsha ngowama- 2015, kukuba la maziko ayethengisela abantwana abasebancinane utywala.
Ukwanda kwamaziko atyeshela ngokuphandle umthetho kubonakalisa ukusilela kwabasemagunyeni ekunyanzelisa imigaqo.
Phantsi koMthetho wo- Tywala weSizwe, abanini bamaziko anamaphephamvume okuthengisa utywala abanakuthengisela nabani na ongaphantsi kweminyaka eli-18 utywala. Kufuneka kwakhona bathabathe amanyathelo afanelekileyo ukuqinisekisa ukuba nabani na abamthengisela utywala ukumlinganiselo wobudala beminyaka.
Sihlaba ikhwelo kuluntu ukuba lusebenzisane nabasemagunyeni ukuqinisekisa ukuba iithaveni, iishibhini, iindawo zolonwabo kunye neendawo ezophula umthetho zijongana neziphumo zoko.
Sihlaba ikhwelo kumapolisa ethu ukuba aqinise ukunyanzeliswa kwemithetho ethintela ukuthengiswa kotywala kufutshane nezikolo kwaye aqinise uhlolo lweendawo ezithengisa utywala ukuqinisekisa ukuba utywala abuthengiselwa abantwana abasebancinane.
Enye into eyinyani kukuba utywala yindlela yolutsha yokubaleka kwiindawo zokuhlala apho amathuba olonwabo olukhuselekileyo nolulungele ubudala beminyaka embalwa.
Uluntu lwase-Scenery Park luveze ukunqongophala kwemidlalo, ukufunda kunye nezinye izibonelelo zophuhliso kulutsha, nto leyo ebangele ukuba lubhenele ekuzulazuleni kwiithaveni.
Emva kwesi sihelegu, uluntu luveze ukuba akukho mabala emidlalo asebenzayo, amathala eencwadi oluntu okanye amaziko olutsha e-Scenery Park.
Njengorhulumente kwinqanaba lesizwe, elephondo kunye nelengingqi kufuneka siphendule izibongozo zolu luntu kunye nezo zolunye uluntu ngokuphuhlisa iindawo zokuzonwabisa, amaziko, iinkqubo, kunye neeprojekthi ezilungiselelwe ulutsha lwethu kwiindawo ezihlelelekileyo kwiphondo.
Amanye amahlakani asekuhlaleni afana noosomashishini kufuneka nabo bancedise ngenkxaso-mali.
Njengoluntu, kufuneka sisebenzisane namaQonga ethu aJongene nolwaphulomthetho ekuHlaleni, nemibutho yethu yoluntu kunye namabhunga olawulo lwezikolo kwaye sidlale indima ebonakalayo kubomi babantwana bethu nasekuqinisekiseni ukhuseleko nentlalo-ntle yabo.
Njengoko besitsho kwizithethe zethu zakudala zemveli zase-Afrika "kuthatha uluntu ukukhulisa umntwana".
Masisebenzisaneni ukuze sikhusele isizukulwana sethu esixabisekileyo sekamva kumonakalo wokusetyenziswa gwenxa kotywala neziyobisi kunye neziphumo zazo.
Masisebenzisaneni ukuqinisekisa ukuba abo babeka inzuzo phambi kobomi babantwana bethu abavumeleki ukuba basebenze.
Kwakhona, masimisele umzekelo omhle kobethu ubudlelwane notywala.
Masingabi ngabagcini babantwana bethu kuphela, kodwa nababantwana babamelwane bethu ngokunjalo.
