Ukusetyenziswa gwenxa kwe-sibonelelo-mali somntwana akukho semthethweni

More Matshediso 

Ukuba uyazi ukuba isibonelelo-mali somntwana esifunyenwe ngulowo umgcinayo sisetyenzi swa gwenxa, unoxanduva lokuxela oko kwi-Arhente yeziBonelelo zezeNtlalo noMhlalaphantsi yaseMzantsi Afrika (i-SASSA).
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi sakwa-SASSA uPaseka Letsatsi, isibonelelomali somntwana sihlawulwa kumntu omgcinayo, kodwa yenzelwe ukuba ijongane neemfuno zomntwana. Isibonelelo-mali okwangoku ngama-R480 ngenyanga ngomntwana ngamnye.
Isibonelelo-mali sabantwa- na saziswa ngurhulumente ukuze anikeze ngenkxasomali kubantwana abahlala kumakhaya angathathintweni.
“Ukuba kukhe kwaxelwa nje ukusetyenziswa ngwenxa kwesibonelelo-mali, uphando luyenziwa. Ukuba uphando lufumanise ukuba imali efunyenweyo ayimxhasi umntwana, abakwa-SASSA bangachonga omnye umntu ukuba afumane kwaye alawule isibonelelo-mali egameni lomntwana lowo,” utsho uLetsatsi.
Wongeza ngelithi kuba lulekile ukuba umgcini oyintloko, ogcina umntwana imihla ngemihla, ibe nguye obhaliselwe ukufumana isibonelelo-mali.
“Kwimeko apho umntwana esuka komnye umngcini esiya komnye, isibonelelo-mali kufuneka sihambe no mntwana. Kulindeleke ukuba lo mntu ebemgcina kuqala anike ingxelo kwa-SASSA ukuba umntwana akasekho phantsi kwakhe, kwaye lo mntu mtsha uzakumgcina afake isicelo sesibonelelomali,” wongeze ngelitshoyo uLetsatsi.ULetsatsi uthi abantu abathe gqolo ukufumana isibonelelo-mali sabantwana emva kokuba abantwana bengasahlali nabo, kuzakufuneka ukuba bayibuyise imali abayifumene ngokungekho semthethweni. Basenokuba phantsi kwetyala lolwaphulo- mthetho ukuba injongo yabo yokuqhatha urhulumente inokuqinisekiswa.
Iziphumo ezinjalo ziyasebenza nakubantu abasebenzisa gwenxa izibonelelo zoxhomekeko - ezinikezwa yi-SASSA ukunika isibonelelo-mali kubantwana abakhubazeke kakhulu abafuna ukhatha- lelo olusisigxina, nakwi zibonelelo zokukhubazeka okanye izibonelelo zabantu abadala.
Ukuba le mali isetyenziswa ekuthengeni utywala, iziyobisi okanye ukugembula, ingekuko ukuxhasa umntu lowo ufanele ukufumana isibonelelo-mali, kufuneka kulandelwe inkqubo enye yokuxela,” utsho uLetsatsi.
Ngubani onokufaka isicelo sesibonelelo-mali somntwana? 
Ngokutsho kuka-Letsatsi, nawuphi na ummi woMzantsi Afrika, umhlali osisigxina okanye imbacu ebhaliweyo ekhathalele umntwana, nokuba ngumntwana wakhe okanye ayingomntwana wakhe, angafaka isicelo sesibonelelo-mali somntwana, ukuba uhlangabezana nale migaqo idweliswe ngezantsi:   
• Umntwana kunye no-mgcini wakhe kufuneka bahlale ngokusisigxina eMzantsi Afrika.
• Umgcini womntwana kufuneka abe neminyaka eli-16 ubudala (kwimeko yamakhaya aphethwe nga bantwana) okanye ngaphezulu.
• Umntwana kufuneka abe ngaphantsi kwe-18.
• Umamkeli wesibonelelo-mali kufuneka abe ngoyena mntu uyintloko ogcine umntwana kwaye umntwana kufuneka ahlale naye.
• Umamkeli kufuneka ahla ngabezane neemfuno zovavanyo (uvavanyo lomvuzo).
Ukuba umgcini womntwa- na oyintloko akatshatanga (akazange atshate, aqhawule umtshato okanye ungumhlolokazi), umvuzo wakhe awunakuba ngaphezu kwama-R4 800 ngenyanga.
Ukuba umgcini womntwa- na oyintloko utshatile, umvuzo udibene owomfakisicelo kunye noweqabane lakhe awunakuba ngaphezu kwama-R9 600 ngenyanga.
Umvuzo weqabane uya kujongwa kuzo zonke iinkalo – akukhathaliseki nokuba esi sibini sitshate ngokokuhlanganisa okanye ngokungahlanganisi zii- mpahla, batshate phantsi kwezithethe zesiNtu okanye zase-Asia, bakumanyano lwasekuhlaleni okanye ukuba umfaki-sicelo neqabane lakhe abangabo abazali bo- mntwana.
Ukuxela ukusetye- nziswa gwenxa kwesibonelelo-mali, tsalela umnxeba kwa-SASSA ku-0800 60 10 11 (simahla).
“Ukuba kukhe kwaxelwa nje ukusetyenziswa ngwenxa kwesibonelelo-mali, uphando luyenziwa. Ukuba uphando lufumanise ukuba imali efunyenweyo ayimxhasi umntwana, abakwa-SASSA bangachonga omnye umntu ukuba afumane kwaye alawule isibonelelo-mali egameni lomntwana lowo.”
