Ukonyuka kweendleko zokuphila kufuna impendulo emanyeneyo



Kwezi nyanga zimbalwa zidlulileyo, abathengi boMzantsi Afrika baye bathwaxwa kukunyuka kwamaxabiso okuthe kwachaphazela kakhulu indlela esiphila ngayo.
Ukutya kuye kwabiza kakhulu kunye nezinye izinto eziyimfuneko, kuquka nokuhlawulela iinkonzo ezisisiseko kunye nokusebenzisa izithuthi zikawonke wonke okanye ezabucala. Ngelixa ezi ndleko zokonyuka kwezinto kuchaphazela wonke umntu, amakhaya anemivuzo ephantsi ona ava uthwaxeko ngeyona ndlela.
ISalathisi samaXabiso sabaThengi samva nje sika- Tshazimpuzi wama-2022 esipapashwe ezeeNkcukachamanani zoMzantsi Afrika sibonisa ukuba kukho ukuphefumla okuncinci kubemi boMzantsi Afrika abacinezelekileyo. Ukonyuka kwamaxabiso okutya kubhalwe kwi-6.2 pesenti. Okona kutya kusisiseko kubiza ngaphezulu kunonyaka odlulileyo, ukutya okufana ne-oyile yokupheka eyonyuke kakhulu ukodlula zonke.
Ixabiso lepetroli, elichaphazela ixabiso phantse lazo zonke izinto, linyuke ngesithathu kwiinyanga ezilishumi elinesibini ezidlulileyo ukuya kutsho kweyoKwindla wama-2022.
UMzantsi Afrika awuwodwa kule nyewe.
Uhlolisiso olusandul’ ukupapashwa liQonga lezo- Qoqosho lweHlabathi lubonise ukuba phantse ikota yabantu ehlabathini lonke, kuquka nabo bakwimimandla ehambele phambili kwezoqoqosho, batsala nzima ngokwemali ngenxa yokonyuka kwamaxabiso.
Oku konyuka, ingakumbi ixabiso lepetroli, ziziphumo zeziganeko ezingekho sezandleni zethu. Ungquzulwano oluqhubekayo phakathi kwe-Russia ne-Ukraine lube neempembelelo ezibonakalayo kwixabiso lamafutha kunye nokutya. Omabini la mazwe ngabathengisi abaphambili bezichumisi kwiimarike zamazwe ngamazwe, beenkozo kunye neembewu ze-oli ezifuneka kuluhlu lwezinto ezifana ne-oyile yokupheka.
Enye into ebangela oku, kukwehla kwemveliso yezolimo ngenxa yemozulu embi ebangelwa kukuguquka kwemozulu, efana nezikhukula kunye nembalela.
Ngelixa uninzi lweziziganeko lungaphaya kwamandla ethu, urhulumente wenza konke anako ukukhusela abemi boMzantsi Afrika ekunyukeni kwamaxabiso ngoku kunye nakwixesha elizayo.
Enye yezona zinto ziluncedo kuthi njengelizwe yiBhanki enguVimba eyomeleleyo nezimeleyo ekwazileyo ukugcina izinga lokonyuka kwamaxabiso likwiqondo elimxinwa, likwazi ukuba ngaphantsi kakhulu kunoko amanye amazwe amaninzi ajongene nako.
Kutshanje sibhengeze ukuba irhafu yepetroli izakunqunyanyiswa kangangezinye iinyanga ezimbini ukuya kutsho kweyeThupha, nto leyo eza kuzisa isiqabu noko kumakhaya. Ukunqunyanyiswa kwerhafu kunika isiqabu esibalulekileyo noko kubemi boMzantsi Afrika ukusukela oko kwaqaliswa kuTshazimpuzi. Ngenxa yokuba ukunqunyanyiswa kwerhafu kusitya kakhulu kwiimali zoluntu, nto leyo echaphazela ezinye iinkqubo zikarhulumente, kuya kuba nzima ukuqhubeka noku ngokungapheliyo.
Noxa kunjalo, zikho ezinye izinto esinokuzenza.
Ukuphucula ukufumaneka kokutya elizweni lethu kubalulekile kakhulu, ukuze simelane noku kunye nezinye izinto ezingalindelekanga zexesha elizayo. Sinecandelo lezolimo elomeleleyo neliqhubeka nokukhula kunye nokudala imisebenzi.
Ukwandisa ngakumbi imveliso yezolimo kunye nokomeleza ulawulo lwethu lokutya, sityala imali eninzi kakhulu ekuphuculeni umthamo apha ekhaya, ekuxhaseni amafama ashishinayo kunye namafama asakhasayo ngokufanayo kunye nokunceda abantu abaninzi bazilimele ukutya kwabo.
Ngokusebenzisa uVuselelo lweNgqesho kaMongameli, iivawutsha zegalelo zinikwe amafama asakhasayo angaphezu kwama-65 000, kwaye umsebenzi uyaqhubeka ukufikelela kuma-250 000 amafama alolu hlobo. Urhulumente ukwanika amafama alima ukutya izichumiso kunye nezixhobo zokuvelisa ukutya, kwaye unceda amaqela okanye abantu abazizela bebodwa ukuba baqale izitiya zabo zokutya. Kumaphondo afana noMntla Ntshona, amafama asakhasayo axhaswa ‘ngepakethe zokuqalisa’ ezolimo zezithole kunye neenkukhu, ngentsebenziswano neekholeji zezolimo zasekuhlaleni.
NgeSicwangciso-qhinga esi- Setyenzisiweyo sokuFumana umhlaba i-Pro-Active Land Acquisition Strategy kunye nokukhululwa komhlaba ophantsi korhulumente kulungiselelwa ezolimo, sixhasa amafama amaninzi asakhasayo ukuba andise amashishini awo kwaye aphumelele kwezorhwebo. Sikwagxile ekusekeni intsebenziswano phakathi kwamashishini karhulumente kunye namashishini abucala, ukuxhasa ukwandiswa kwamafama amnyama ngamaphulo afana ne-Partners in Agri Land Solutions kunye ne-Arhente yoPhuhliso lwezoLimo.
Ukwandisa ukhuseleko lwezilwanyana kunye nokukhusela impilo yezilwanyana kwizifo ezifana ne-foot-and-mouth, siqinisa amanyathelo ethu okulawula ukuhamba-hamba kwezilwanyana kunye nokukwazi ukuvelisa izigonyo.
Ukongeza ekunyuseni umgangatho weemveliso zokutya zasekhaya, iinkqubo zethu ezibanzi zezibonelelo zentlalo kunye nokungafakwa mlinganiselo kwiimpahla ezisisiseko kunceda ukukhusela abantu abahluphekayo ekunyukeni kweendleko. Ngeenkonzo ezisisiseko zasimahla ezifana namanzi kunye nombane kumakhaya angathathi ntweni, singaqinisekisa ukuba akukho sapho lungenazo iinkonzo ezisisiseko.
Ukudlula kweli xesha linzima, uluntu lonke kufuneka luzibandakanye.
Kwelethu icala, urhulumente uza kuqhubeka eyibeke esweni le meko ngeliso elibukhali kwaye uza kwenza konke okusemandleni akhe ukukhusela abemi boMzantsi Afrika ekunyukeni ngokungazinzanga kweendleko zokuphila.
IQumrhu loMzantsi Afrika kufuneka liqinisekise ukuba abathengi abahlawuleli kutya kakhulu kunokuba bekufuneka. Siyazamkela izibonakaliso ezivela kubavelisi bokutya kunye nabathengisi, ukuba babeka imilinganiselo yokunceda abathengi ukuba bafumane okungakumbi ngemali yabo.
KweyoKwindla kulo nyaka iKomishoni yoKhuphiswano ikhuphele uluntu ukuba luhlomle kwimiqathango yophando lwemarike ngemveliso entsha. Iqaphele ukuba indleko yemveliso etsha yonyuka ngamanqanaba angaphezu kokunyuka kwamaxabiso, kwaye oku kube nefuthe elibi kakhulu kubantu abahluphekayo. Uphando luza kuhlola ukuba akukho kugqwetheka na kwikhonkco lexabiso okwenza ukuba ukutya kubize kakhulu kangaka.
Siza kusebenzisa umgaqonkqubo wethu wokhuphiswano ukukhusela abathengi ekunyukeni kwamaxabiso ngendlela engafanelekanga kunye nakwizenzo zokungakhuphisani ezenziwa ngamashishini, njengoko besenzile ngexesha le-COVID-19.
Inkqubo eqhubekayo yohlaziyo lwezakhiwo kuqoqosho lwethu iza kuzixhasa ezi nzame. Uhlaziyo kwicandelo lezamandla, elezothutho kunye nelezothungelwano ngomnxeba lujolise ekunciphiseni iindleko zombane, zothutho kunye nezeedatha kwixesha elide ngokhuphiswano kunye nokusebenza kakuhle. Sifanele ukuba sihlawule kancinci, singahlawuli ngaphezulu, kwezi nkonzo kwixesha elizayo.
Nangona amaxabiso e-oyile kunye nemozulu embi iziziganeko ezingapha kwezandla zethu, kuninzi esinokukwenza, njengorhulumente, amashishini, abasebenzi kunye noluntu ukunceda abantu baseMzantsi Afrika kweli xesha linzima.  
