Ukukhupha isisu ngokukhuselekileyo nokusemthethweni kusimahla

Allison Cooper

Asikho isizathu sokuba abase tyhini basebenzise iklinikhi yokukhupha isisu engekho mthethweni nengakhuselekanga ukuba bafuna ukukhupha izisu zabo.
Oku kungokutsho kukaSekela Mphathiswa wezeMpilo uGqr Sibongiseni Dhlomo, ocacisa athi, ngokomthetho, bonke abasetyhini banelungelo lokukhupha isisu, simahla kwisibhedlele okanye kwiklinikhi karhulumente kwiiveki ezili-12 zokuqala.
“Kuyasikhathaza thina njengeenkokheli zikarhulumente ukubona abantu bethu beshiya iinkonzo zempilo ezikhuselekileyo nezisimahla, nokuba kungasiphi na isizathu, besiya kuchitha imali yokugqibela ekunganyanzelekanga ukuba bayihlawule umntu obeka ubomi babo emngciphekweni. Asikho isizathu sokuba abasetyhini balungise ukukhulelwa okungacetywanga ngokuthi bakhuphe isisu ngokungekho mthethweni nangokungakhuselekanga kuba sonke siyazenza iimpazamo. Ukukhupha isisu ngokungekho mthethweni akusosisombululo,” utshilo uGqr Dhlomo.Wongeze ngokuthi iSebe lezeMpilo linamaziko ezempilo oluntu angama346 abonelela ngeenkonzo zokukhupha isisu ngokukhuselekileyo.
Amaziko afumaneka eMpuma Koloni (46), eFreystata (16), eRhawutini (25), KwaZulu-Natal (56), eLimpopo (54), eMpumalanga (27), eMntla Koloni (6), eMntla Ntshona (26) kwaye eNtshona Koloni (90).
Iingxaki zokukhupha isisu ngokungekho mthethweni
IBambela loMlawuli weNkonzo yezeMpilo yaBantwana  neyabaseTyhini kwiSebe lezeMpilo KwaZulu-Natal, uPhalanndwa Muthuphei, uthi abasetyhini bangajongana neengxaki ezininzi xa bekhupha izisu kwiklinikhi yokukhupha isisu engekho mthethweni.
“Ezi ngxaki zikhawulezileyo ziquka ukopha kakhulu, ukukrazuka komlomo wesibeleko, umonakalo omkhulu kumalungu angasese nakwisisu, ukosuleleka ngaphakathi esiswini kunye nokutyhefeka kwegazi.
“Kwixesha elide, abasetyhini banokujongana nokwanda kancinci komngcipheko wokungazali, ukukhulelwa kwindawo engaqhelekanga, ukuphuncukelwa sisisu okanye ukubeleka phambi kwexesha okanye nokufa,” utshilo uMuthuphei.
“Abasetyhini basenokuchaphazeleka ngokweemvakalelo ngenxa yokukhupha isisu okungakhuselekanga, ngokungekho mthethweni, okuquka ukuphazamiseka koxinzelelo lwasemva kokwenzakala, ukudakumba kunye neengxaki zobudlelwane phakathi kwabantu.
“Ukukhupha isisu okungakhuselekanga nako kunokukhokelela kwiimpembelelo zoqoqosho lwentlalo olubi kwabasetyhini, ebantwaneni, kwiintsapho noluntu,” wongeze watsho. 
Iindlela zokukhupha isisu ezisemthethweni
UMuthuphei uthi abasetyhini abafuna ukukhupha isisubaneendlela ezikhuselekileyo nezisimahla zokwenza oko kwiiklinikhi nakwizibhedlele zikarhulumente.
“Ukhetho lweendlela kufuneka lube khona, konke kufuneka kwenziwe ngugqirha oqeqeshiweyo nonamava okanye ngumongikazi oqeqeshiweyo,” wongeze watsho.
Ezi ndlela, nokuba kukukhupha isisu ngonyango okanye ngotyando, zixhomekeke kubude bexesha lokukhulelwa kowasetyhini.
Ukukhupha isisu ngonyango, okubandakanya ukusela iipilisi ezimbini ukuphelisa ukukhulelwa, kunokwenziwa de kube ziiveki ezilithoba zokukhulelwa.
“Isigulane ngoko ke sinokukhupha isisu  ekhaya hayi eklinikhi okanye esibhedlele,” utshilo uMuthuphei.
Ukukhupha isisu ngoqhaqho kwenziwa ngumongikazi obhalisiweyo (ukuya kwiiveki ezili-12) okanye ngugqirha (ukusuka kwiiveki ezili-12 ukuya kwezingama-20).
NgokoMthetho wokuKhetha ukuKhupha Isisu (UMthetho Nombolo 92 wowe-1996), ukukhupha isisu kunokwenziwa ukusuka kwiiveki ezili-13 ukuya kwezingama-20 ukuba ugqirha, emva kokubonisana nowasetyhini okhulelweyo, ukholelwa ukuba:
• Ukukhulelwa okuqhubekayo kubangela umngcipheko wokwenzakala kwimpilo yomzimba okanye kweyengqondo yowasetyhini.
• Kukho umngcipheko omkhulu wokuba umntwana ongekazalwa angaba nokukhubazeka okukhulu ngokwasemzimbeni okanye ngokwasengqondweni.
• Ukukhulelwa kube sisiphumo sokudlwengulwa okanye umbulo.
• Ukukhulelwa okuqhubekayo kunokuchaphazela kakhulu imeko yentlalo okanye eyezoqoqosho kwabasetyhini.
Ukukhupha isisu kusenokwenziwa emva kweveki yama-20 ukuba ugqirha, emva kokubonisana nombelekisi obhalisiweyo, ukholelwa ukuba ukukhulelwa okuqhubekayo kunokububeka esichengeni ubomi bowasetyhini, kubangele ukukhubazeka okukhulu kusana olungekazalwa okanye kubangele umngcipheko wokwenzakala kusana olungekazalwa.
NgokoMthetho, bonke abasetyhini, nokuba bangaphantsi kweminyaka eli-18 ubudala, banelungelo lokukhupha isisu.  Akukho mfuneko yokufumana imvume kubazali okanye umgcini.
NgokweSebe lezeMpilo laseNtshona Koloni, ukuba ungumntwana, uya kucetyiswa ukuba uthethe nomntu omdala omthembileyo kwaye uze nomntu kwidinga lakho.  Nangona kunjalo, awunyanzelekanga ukuba wenze njalo.
