UkuXhotyiswa kwaBantu abaMnyama kwezoQoqosho kuko okufunekayo kuhlumo

Vukuzenzele Unnamed

Kwinyanga kaTshazi mpunzi kulo nyaka, intengiselwano yokuxhotyiswa kwabantu abamnyama ngokubanzi kwezoqoqosho yaqukunjelwa eMpuma Koloni ethe yaphucula ngokubonakalayo ukuthatha inxaxheba kwamashishini abasetyhini abamnyama kwicandelo lezamandla.
Indawo yamafutha amaninzi olwelo esetyenziswa yi-BP Southern Africa eMonti ithe ngiselwe i-Wasaa, eyinkampani ezimeleyo yeekhemikhali zepetroli. I-Wasaa ifumene yonke impahla yenkampani kunye nesabelo se-20% kwimibhobho ehambisa amafutha.
Ngengxelo yowama-2020 yeKomishoni yokuXhotyiswa kwaBantu abaMnyama ngokuBanzi kwezoQoqosho ebonisa ukuba uninzi lwamacandelo ezoqoqosho ayasilela kwizinto ebekujoliswe kuzo zobunini babasetyhini abamnyama, le ntengiselwano efunyenwe yinkampani yamafutha olwelo yowasetyhini omnyama iluphuhliso oluyimbali.
Inegalelo kumzamo wethu wesizwe wokulungisa ukungalingani kunye nokuqinisekisa ukuba kukho ukuthatha inxa xheba okunentsingiselo yesininzi selizwe kuqoqosho lwethu.
Kutshanje, ndibhengeze ukuqeshwa kweBhunga elitsha leeNgcebiso zokuXhotyiswa kwabantu abaMnyama ngokuBanzi kwezoQoqosho, eliquka urhulumente, amashishini, abasebenzi kunye nabanye abachaphazelekayo. Lasekelwa ukukhuthaza injongo yenguqu kwezoqoqosho.
Ibhunga linemvelaphi yalo kwingxelo yowama-2001 eyaveliswa yiKomishoni ye-BEE.
Le ngxelo iphuma kuphando olubanzi malunga nobume bezoqoqosho loMzantsi Afrika, kunye nento eyayifuneka ukuguqula uqoqosho, ukukhulisa ushishino lwabamnyama, ukuqinisekisa ulawulo olubanzi lwabantu abamnyama kunye nobunini bamashishini, kunye nokuzisa abasetyhini abamnyama kuqoqosho olungundoqo.
Kunyaka ozayo, iza kuba ngamashumi amabini eminyaka ukususela oko uMthetho wokuXhotyiswa kwabantu abaMnyama ngokuBanzi kwezoQoqosho (i-B-BBEE) – owaseka ibhunga – waphunyezwa.
Ukuzinikela kwethu ekuzinziseni nasekuqiniseni ukuxhotyiswa kwezoqoqosho akugungqi. Yiyo loo nto ukuxho tyiswa kwabantu abamnyama kwezoqoqosho kuyinxalenye ebalulekileyo yolwakhiwo ngokutsha nokuvuselelwa koqoqosho lwethu emva kobhubhane we-COVID-19.
Esi sesinye seziqinisekiso endazithetha kwiBhunga loShishino lwabantu abaMnyama ekuqaleni kwenyanga ephelileyo, apho besixoxa ngobume be-B-BBEE elizweni, inkqubela esele yenziwe kunye noko kufuneka sikwenze njengembumba ukwakhela phezu kweenzuzo zethu.
Ngelixa kukho inkqubela ebonakalayo kule minyaka ingamashumi amabini idlulileyo, kukho iindawo ezithile apho kuye kwakho ukuhlehla.
Sibuyele umva xa kufikelelwa ekwandiseni ulawulo lokuphatha kwabantu abamnyama, ukunyusa uphuhliso lwezakhono, ukuzinzisa uphuhliso lwamashishini kunye nokwandisa inkqubo yokufumana abaniki-zinkonzo ukuze ku nikwe amathuba abasetyhini abamnyama kunye nolutsha.
Urhulumente wobandlululo wenza ngabom ekwakheni uqoqosho olungeyonyani olwalulungiselelwe ukuba kuxhamle abantu abamhlophe.
Uninzi lwabemmi boMzantsi Afrika bebejongelwe phantsi kuqoqosho olungundoqo, apho oosomashishini abantu abamnyama bebevaleleke kumashishini amancinane ezilokishini.
Ekupheleni kobandlululo, ubunini babantu abamnya ma beenkampani ezikuluhlu lwe-JSE babungaphantsi kwepesenti enye. Eli nani aliphucukanga kangako kule minyaka ingama-28 idlulileyo.
Ngaxeshanye, kubekho amaphulo abalulekileyo ecandelo labucala kunye namanyathelo angabom karhulumente ukuququzelela ukuthatha inxaxheba okukhulu kwabantu abamnyama nokunentsingiselo kuqoqosho.
Phakathi kowama-2017 nowama-2020, phantse iintengiselwano zokuxhotyiswa ezingama-500 zangeniswa ukuba zibhaliswe kwiKomishoni ye-B-BBEE. Kumacandelo angundoqo afana nelokwakha, ipropathi, ubugcisa bolwazi nonxibelelwano, ukhenketho nothutho, ubunini babantu abamnyama bugqithile koko bekujoliswe kuko.
Inguqu kwezoqoqosho kunye nohlumo lwezoqoqosho ngumtya nethunga. Akunakubakho enye ngaphandle kwenye.
Ngokudibanisa inguqu kwi nkqubo yophuhliso lwemizimveliso, siqhubelisa phambili umfuziselo wohlumo olubandakanya wonke umntu owabelanayo, endaweni yokugxila, kubutyebi.
ISebe lezoRhwebo, uShishino kunye noKhuphiswano (i-DTIC) lilandela le njongo ngendlela yeenkqubo ezahlukeneyo. Ziquka inkqubo yenkxaso kumashishini asezilokishini, uqeqesho olunxulumene nokuthunyelwa kwempahla kwamanye amazwe eyenziwa liQumrhu loPhuhliso lwezoShishino (i-IDC) kumashishini abantu abamnyama, awabantu basetyhini kunye nawolutsha, kunye nokwa ndiswa kohlahlo lwabiwomali lweziseko ezingundoqo kwii-SMME kuMmandla woQoqosho oKhethekileyo waseTshwane.
Ngendlela yezicwangciso eziyintloko zamacandelo si qhuba ukuveliswa kwasekhaya okuxhamlisa amashishini angawabantu abamnyama.
Umzekelo, abalimi bexeshana abangabantu abamnyama abali-10 baye basekwa ngotyalomali oluzizigidi zeerandi ezingama-336 njengenxalenye yesicwangciso esiyintloko sokufuya iinkukhu. Urhulumente ukwasungule uthungelwano lwabarhwebi abamnyama oluncediza ngokuthunyelwa kwempahla kumazwe angaphandle olu za kudibanisa iinkampani zabantu abanyama ekutyeni, kwiimveliso zobunjineli, kwizinto zezithuthi, kwiimveliso zobuhle namanye amacandelo ezoqoqosho.
Njengenxalenye yephulo lethu lokuvelisa isizuku lwana esitsha soosomashishini abangabantu abamnyama, kunyaka ophelileyo urhulumente uvumele iibhiliyoni zeerandi eziyi-2.5 kwinkxaso entsha koosomashishini abangabantu abamnyama abamalunga ne-180 nge ndlela yemali-mboleko esuka kwi-IDC nakwiNgxowa-mali yokuXhobisa yeSizwe (i-NEF) nangezibonelelo-mali ezivela kwisicwangciso senkuthazo se-DTIC. Kwisithuba semi nyaka emithathu ezayo i-IDC, i-NEF kunye namanye amaziko aye azibophelela ngokunikezela ngeebhiliyoni zeerandi ezingama-21 ezongezelelweyo ukuxhasa oosomashishini babantu abamnyama. Imali eyongezelelweyo yeebhili yoni zeerandi ezingama-25 izakunikezelwa ekuxhaseni iinkampani zabantu abamnyama, ezabasetyhini, ezolutsha kunye nezabasebenzi.Kucacile ukuba mkhulu umsebenzi ekufuneka wenziwe ukulungisa imiceli-mngeni emininzi ajongene nayo amashishini abantu abamnyama.
Oku kuquka ubunzima bokufikelela kwimali yokuqalisa kunye nokwandisa ishishini kunye nokubanakho kweeSMME ukufumana iimarike zeemveliso zazo. Amashishini angawabantu abamnyama basetyhini, ingakumbi, adibana nobunzima ekuthatheni iintengiselwano zokuxhobisa ngokomlinganiselo omkhulu.
Ukuqhawula umjikelo wokunqongophala kophuhliso ngendlela yokuxhotyiswa koqoqosho lwabantu abamnyama akuyomfuneko nje yokuziphatha; kwenza ingqiqo kwezoshishino kananjalo.
Ukungaqukwa okuqhubekayo kwesininzi sabantu abamnyama kuqoqosho olungundoqo kuthintela uhlumo lwezoqoqosho, nto leyo enefuthe kumashishini onke. Ukwandisa isiseko soshishino lwelizwe kubalulekile kuhlumo.
Sinoxanduva lwentsebenziswano lokuphembelela umzamo wokuzinzisa i-B-BBEE kuba imalunga nokuphelisa ukungalingani. Uqoqosho olungalinganiyo luvelisa uluntu olungalinganiyo, kwaye uluntu olungalinganiyo aluhlumi kwaye aluphumeleli.
Ayiyonto engalunganga nje kuphela, kodwa kukwayinto engagcinakaliyo, ukuba amashishini agcine ulawulo lwawo nobunini bezakhiwo ikakhulu kubantu abamhlophe okanye amadoda.
Ngapha koko, luluntu lwaseMzantsi Afrika olungabathengi abaphambili beempahla kunye neenkonzo zalo. Oku kufuneka kuboniswe kwii ndlela ezahlukeneyo zokuqesha kunye nokulawula, kubunini nakwinkqubo yokufumana abaniki-zinkonzo.
Ukuxhotyiswa kwabantu abamnyama ngokubanzi kwezoqoqosho kuza kuphunyezwa kuphela ngobambiswano nangokuzinikela kwintsebe nziswano ukuya kwinguqu.
Ukuqeshwa kweBhunga elitsha le-B-BBEE kuza ku sinceda ekwandiseni imida yokuxhotyiswa kwabantu abamnyama ngokubanzi kwezoqoqosho. Ndihlaba ikhwelo koosomashishini, kubasebenzi nakushishino ukuba basebenzisane nebhunga njengoko lisenza lo msebenzi ubaluleke kangaka.
