Ukwakha kwakhona ubomi kunye neendlela zokuziphilisa emva kwezikhukula  

Vukuzenzele Unnamed

Sele kusondela kwisithuba esingangeenyanga ezimbini ukususela oko izikhukula zathi  zenza umonakalo owaba yintshabalalo kwiindawo ezithile zaKwaZulu-Natal, eMpuma Koloni naseMntla Ntshona, ezi zikhukula zabangela ukuphulukana nobomi kwabantu kunye nomonakalo omkhulu wezindlu neziseko ezingundoqo.
Kutshanje bendityelele eThekwini KwaZulu-Natal ndiyokudibana noosomashishini basedolophini ngeenjongo zokubanika inkxaso kwiinzame zabo zokubuyisela ukusebenza kwabo.
Ngelixa lemeko eyintlekele yemvelo igadla kanabom, kwakukho inkxalabo yokuba abasemagunyeni abanawo amandla okanye umnqweno wokusabela ngokufanelekileyo nangempumelelo kwimeko emaxongo ehlasele abo baphulukene nayo yonke into.
Utyelelo lwam lwesibini kwesi sixeko emva kwezikhukula, lundicacisele ngokuthe bhaa ukuba le nkxalabo yayingaqondisiswanga ngokwenene.
Kwiphondo laKwaZuluNatal, njengaseMpuma Koloni naseMntla Ntshona, bonke abo banoxanduva bebethe bhazalala besebenza nzima bebila besoma bezama ukubuyisela ubomi esiqhelweni emva kweli shwangusha.
Iziko leSizwe loLawulo lweNtlekele belinxibelelanisa onke amacandelo karhulumente ngeenzame zokubonelela ngoncedo  loluntu kumakhaya amaninzi athe achaphazeleka.
Kuyavuyisa ukubona imibutho engekho phantsi kukarhulumente, imibutho yamashishini kunye nemibutho yoncedo isebenzisana norhulumente ukunika uncedo olufuneka ngamandla emaxhobeni.
Bonke ke abathathinxaxheba babonelele ngokutya, iimpahla, iingubo, iingxowa ezinezinto ezibuyisela isidima somntu kwakunye nempahla yesikolo kwiintsapho ezisemngciphekweni ngelo kuhlangabezana neemfuno zazo ezingundoqo. Ku ngoku nje sele kunikezelwe ngeenkonzo zokuhlala ebantwini abangaphezu kwama-7 000 kwezona zithili zintlitheke kano bom KwaZulu-Natal.
Sele uqalile umsebenzi wokwakha iindawo zokuhlala zethutyana kwaye neendawo ezikumhlaba   karhulumente sezicho  ngiwe ukuze kuhlaliswe iintsapho ezichaphazelekileyo KwaZulu-Natal.
ISebe leMicimbi yezeKhaya, lezeMpilo neloPhuhliso lweNtlalo belisoloko lithe gqolo linceda uluntu oluchaphazelekayo ukuze lukwazi ukufikelela kwiinkonzo ezibalulekileyo.
Umzekelo, iiofisi ezingomahamba nendlwana ezinceda abo baphulukene namaxwebhu abalulekileyo kwizikhukula ukuba bafumane ii-ID ezintsha zamakhadi, nokukhutshwa kwakhona kweziqinisekiso zokuzalwa. Iinkonzo zempilo ezingomahamba nendlwana, kubandakanywa ugonyo  lweCOVID-19, zinikwa abantu abakwiindawo apho amaziko akhoyo angekasebenzi ngokupheleleyo.
Akwakhona ke namatiletile enziweyo okulungiselela ukuhlawulwa kwezibonelelo zikarhulumente kuluntu oluthe lwachaphazeleka.
Kukwathengwe amagumbi okufundela angomahamba nendlwana ukwenzela ukuba ukufunda nokufundisa kungaphazamiseki ithuba elide kwizikolo ezichatshazelwe zizikhukula.
Uyaqhubeka umsebenzi wokulungisa iindawo zokucocwa kwamanzi amdaka ezonakeleyo, izitishi zokumpompa kunye nemi bhobho yokuhanjiswa kwamanzi. Iindlela ezonakeleyo nazo ziyalungiswa. Kukwacwangciswe ukwakhiwa kweebhulorho ezintsha ezilishumi elinesibhozo njengenxalenye yenkqubo iWelisizwe Rural Bridges.
 Kukwakho nenkqubela phambili enkulu ekulungiseni iziseko ezingundoqo ezixhasa iZibuko laseThekwini. Ngenxa yokubaluleka kwezibuko kuqoqosho lwelizwe nolwelizwekazi, zilungisiwe iindlela zokuthutha ezibukweni, imisebenzi yase zibukweni ibuyele ngokupheleleyo kananjalo umsebenzi wokulungisa iziseko zoncedo zikaloliwe ezonakeleyo nawo uyaqhubeka.
Amanyathelo awongezelelekileyo aye amiselwa ukubonelela ngenkxaso yemali kumashishini amakhulu namancinane asengxakini. Oku kuyimfuneko engxamisekileyo ukuze kuqinisekiswe ukuba amashishini ayakwazi ukuhlala emile kwaye nemisebenzi ikwazi ukuzinza.
Kumaxesha ahlukeneyo kwimbali yethu yentando yesininzi, siye sajongana neziganeko kunye neemeko eziye zavavanya ngokuqatha ukuzimisela kwabantu bethu kunye nokusebenza nge mpumelelo kwamaziko ethu.
Sibone intsebenziswano nenkxaso engaqhelekanga kuluntu oluchaphazelekayo lwaKwaZulu-Natal, eMpuma Koloni naseMntla Ntshona. OoMasipala noorhulumente bamaphondo bebesebenza ngokusondeleleneyo namasebe kazwe lonke kunye nee-arhente ukuze abantu bakwazi ukwakha kwakhona ubomi babo kunye nokubuyisela uqoqosho lwasekuhlaleni.
Baye basebenzisana nabo bonke abathathi-nxaxheba abasuka kuzo zonke ezi  nkalo ukuqinisekisa ukuba silungelelanisa ngokufanelekileyo iinzame zokubuyisela ubomi nokuqinisekisa ukuba xa sisakha ngokutsha sakha ngendlela ezokwazi ukumelana neziganeko ezinefuthe elibumila bunje kwixesha elizayo.
Ukunyamezela koluntu oluchaphazelekayo, ukuzimisela kwalo ngempumelelo kunye nokukwazi kwalo ukuhlangana lube mxhelomnye ngamaxesha obunzima kube yinkuthazo enkulu kuthi. Sibothulela umnqwazi bonke abo bebeyinxalenye yeenzame zokunceda abantu bamaphondo achapha zelekayo.
Njengorhulumente, sihlanganisa zonke izibonelelo ezikhoyo kwaye sizama ngazo zonke ii nzame zokuqinisekisa ukuba, njengoko sisakha ngokutsha, akukho mntu ushiyeka ngasemva.