Landa ikhadi lakho lelayisenisi yokuqhuba

Vukuzenzele Unnamed

Abaqhubi beenqwelomafutha abafake izicelo zekhadi elitsha okanye lokuhlaziya ikhadi lelayisenisi yokuqhuba okanye imvume yokuqhuba ngokomsebenzi (i-PrDP) phakathi kweyeDwarha neyoMnga kulo nyaka uphelileyo bayabongozwa ukuba bazilande.
Ngokutsho kweQu mrhu loLawulo lweZithuthi zeNdlela (i-RTMC), yi-42% kuphela yamakhadi elayisenisi yokuqhuba kwengama-32 748 aveliswe ngeli xesha sele elandiwe.
UMphathiswa wezoThutho uFikile Mbalula uvule amaziko eelayisenisi e-RTMC e-Midrand nase-Eco Park kulo nyaka uphelileyo, ephendula ngokusilela kwamaphephamvume okuqhuba ebesele ephelelwe lixesha ngenxa yeCOVID-19.
I-Akhawunti yeKhadi leLayisenisi yoMqhubi, eyenza iilayisenisi, isebenza imini nobusuku ukukhawulezisa kokwenziwa kwala makhadi kwaye izama kangangoko ukuba ekupheleni kwenyanga yeSilimela libesele liqukunjelwe inani ebelisilela emva.
I-RTMC ithi abantu bangakwazi ukujonga ubume besicelo sabo ngaphambi kokuba bade  baye kulilanda kwiziko lovavanyo.
Oku kusenokwenziwa nge-SMS okanye kwi-intanethi.
Imibuzo ngelayisenisi yokuqhuba ngeSMS
Ukuba ngaba abafaki-zicelo bano mbuzo omalunga nelayisenisi yokuqhuba, bangathumela inombolo yabo yesazisi ku-33214.
Emva kokwenza njalo bazakufumana enye yezi SMS zilandelayo:
• Application received: The application was received, but has not yet been processed.
• Production queue: The card is still being processed and manufactured.
• Produced and ready for collection: The card will be ready for collection in 21 days. However, due to the high number of cards being processed, the RTMC advises you to wait 35 days before going to collect.
• Problem card: There is a problem with the production of your card. Please return to  the testing centre.
Xa unombuzo ngesicelo se-PrDP, thumela inombolo ye-ID yakho ku-44220.
Xa unombuzo welayisenisi yomqhubi kwiintanethi
Ungakwazi ukufumana ulwazi ngobume besicelo sakho simahla kwi-intanethi.
•  Ndwendwela  kuonline.natis.gov.za.
•  Yenza iprofayili ukuze ukwazi ukungena.
•  Cofa kwindawo yokujonga ubume besicelo sakho kwideshibhodi.
Abo banamaphepha-mvume okuqhuba aphelelwe lixesha  phakathi kwenyanga ye Nkwindla 2020 ukuya ngomhla wama-31 kwe yeThupha 2021, nababephoswe ngumhla  wokugqibela wokuhlaziywa owawu ngomhla wesi-5 kuCanzibe, bayacetyiswa ukuba bafumane ilayisenisi yokuqhuba yethutyana xa befaka isicelo sokuhlaziywa kwabo ukuze bahlale bengabaqhubi abathobele umthetho.
Nangona amaziko e-RTMC evulwa ukususela ngoMvulo ukuya ngeCawe ukusuka ngentsimbi yesi-7 kusasa ukuya kweyesi-9 ebusuku, uluntu luyakhuthazwa ukuba luzithathele icham lemigca emifutshane ngooLwezihlanu nangempelaveki.