Bathweswe izidanga abongikazi bokuqala bezilwanyana eMzantsi Afrika

Allison Cooper

Kube kukuzaliseka kwephupha lakhe umhlali waseRandburg uPhumelela Mthimkhulu (21), owayezithandela izilwanyana kwasebuncinaneni bakhe.
Oku  kusemva  kokuba   abengomnye wabongikazi bokuqala abathweswe izidanga zokuba ngabongikazi bezilwanyana.  Kutsha nje uMthi mkhulu wethweswe isidanga seBachelor of Veterinary Nursing kwiDyunivesithi yasePitoli (i-UP), nekuphela kweyona ndawo yoqeqesho lwezilwanyana eMzantsi Afrika.
Andikayikholelwa nangoku into yokuba bendi yinxalenye yabafundi bokuqala ukuthwaliswa isidanga, emva kweminyaka eminizi ziqulunqwa ezi zifundo, ndiziva ndifumene elona wonga elikhulu.
“Ndiyawabulela amathuba kunye neengcango eziza kusivulekela thina bongikazi ukuze sikwazi ukuqhubekela phambili nezifundo zethu kwaye sibe ziingcaphephe emsebenzini wethu, nto leyo kwakunzima ukuyenza kwixesha langaphambili,” utshilo.
U-Tamarin Fisher, nongu Mongameli woMbutho waBongikazi Bezilwanyana eMzantsi Afrika, uthi eli lelona ngxatho likhulu kwimbali yeminyaka engama-42 yalo msebenzi.
“Le mfundo entsha enesidanga seminyaka emithathu iza kunika abongikazi abaqeqeshiweyo ithuba lokubhalisela izifundo ezinomsila, ngethemba lokuba sizakude sifikelele kwinqanaba lokubathwalisa izidanga zewonga lehonours, imasters kwakunye ne-PhD.”Oogqirha bezilwanyana banyanga izilwanyana ezonzakaleyo kunye nezifo, ngendlela efanayo naleyo ugqirha abonelela ngayo ngonyango lwezempilo kubantu. Abongikazi bezi lwanyana babalulekile njenge nxalenye esebenzisana noogqirha abaqeqeshelwe izilwanyana, utshilo uMthimkhulu.
“Ezinye zezakhono ezibalulekileyo ekufuneka umongikazi azibonakalise kukukhathalela izigulane, ukunxibelelana nabanini bezilwanyana, ukuncedisa oogqirha bezilwanyana ngeenkqubo, nayo nayiphi na into eya kunceda isibhedlele sonyango lwezilwanyana ukuba sisebenze ngendlela eyonelisayo.
“Ngeminye yemisebenzi enomvuzo. Ukuba ufuna ukuba ngumongikazi wezilwanyana, ungavumeli uloyiko okanye ukuswela ulwazi kukuthintele ekuzameni nokonwabela lo msebenzi, kuba lo msebenzi ungakwazi kutshintsha ubomi bakho bubengcono,” utsho uMthimkhulu.
Inkxasomali yokufunda yokujongana nokunqongophala kwezakhonoNgenxa yokunqongophala okukhulu kwezakhono kweli candelo, uMthimkhulu akazange asokole ukufumana  umsebenzi.
“Kunyaka wam wokugqibela ndibe nethamsanqa elikhulu lokufumana umsebenzi kwisibhedlele sezilwanyana i-Fourways Veterinary Hospital .
Ndiqale ukusebenza apho kwisithuba esimalunga nenyanga emva kweemviwo zam zokuphela konyaka, kwaye bendiwonwabela umzuzu-nomzuzu endiwuchitha emsebenzini,” utshilo.
UGunyaziwe weCandelo lezeMfundo noQeqesho kwi Candelo lezeMpilo neNtlalontle (i-HWSETA) lizibophelele ekujonganeni nokunqongophala kwezakhono okugqithisileyo kwicandelo lonyango lwezilwanyana kunye nokuqinisekisa inguqu.
Kutshanje i-HWSETA isungule iPhulo Lokuxhobisa nokuFundisa ngobuNzululwazi Kwezezilwanyana, ibambisene neSebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho, kwaye iza kutyelela izikolo zasemaphandleni ngelokukhuthaza abafundi ukuba bathathele ingqalelo iinkonzo zonyango lwezilwanyana njengekhondo lomsebenzi.
Ikwabhengeze ngeenkxasomali zemfundo ezingama-60 kwiindawo ezisemaphandleni zaseMzantsi Afrika, ngeloku jongana nokunqongophala okumandla koogqirha bezilwa  nyana kunye nabasebenzi abancedisayo kunyango lwezilwanyana.
“Ezi nkxaso-mali  zemfundo zijolise ngokuko dwa kubafundi abakwiindawo ezisemaphandleni nanjengoko bangathi bakwazi ukubuyisela ulwazi kumakhaya abo,” utshilo uGqirha Nomfundo Mnisi, uSihlalo we-HWSETA.
USekela Mphathiswa weMfundo ePhakamileyo, iNzululwazi noTshintsho, uButi Manamela, uzamkele ngezandla ezishushu ezi nkxaso-mali.
Icandelo loBunzulu-lwazi Bezilwanyana lase-UP liza kuncedisa i-HWSETA ekwaziseni, kunkxaso-mali yokufunda kunye nakuma phulo ayo okugaya umtsalane ebantwini.
“Kwakhona siza kunceda i-HWSETA ekulawuleni inkxaso-mali yokufunda, ezakuba yabelwa abafundi bonyaka wokuqala kubunzulu-lwazi bezilwanyana abaphuma kumaqela atyunjiweyo,” utshilo u-Chris van Blerk, oyiNtloko yezoNxibelelwano kunye Namajelo osasazo nopapasho kwiCandelo loBunzulu-lwazi  Bezilwanyana.
Uthi ulutsha olunethemba lokulandela emanyathelweni kaMthimkhulu lubhalisele unyaka wokuqala e-UP kufu neka lube kanti sele lunaso iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (i-NSC), okanye isiqinisekiso esilingana noko, kwaye lube kanti lunazo   iimfuneko kunye namankqaku abuncinane bawo bamkelekileyo kweli ziko lemfundo.  “Kwimfundo yesidanga seBachelor of Veterinary Nursing, bafuna aManqaku okwamkelwa angama-28 ubuncinane kunye ne-NSC enoLwimi lwaseKhaya lwesiNgesi okanye uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo lwesiNgesi, izifundo zezibalo, kunye nezifundo zephysical sciences okanye ilife sciences,” wongeze watsho.
Ukuze ulutsha lufumane ulwazi oluthe vetshe malunga necandelo eli, lu ngaqhagamshelana nonyango lwezilwanyana lwabucala okanye  luthethe nooGqirha abanya  nzelekileyo benkonzo yoluntu (i-CCS) abayi nxalenye yeSebe lezoLimo, uBuyekezo lweMihlaba noPhuhliso lamaPhandle (i-DALRRD) kwilizwe jikelele.
“Inkqubo ye-CCS ijolise ekuboneleleni ngeenkonzozonyango lwezilwanyana ezinamaxabiso afikele lekayo nezikwaziyo noku fikelela kwiindawo ezingabonelelwanga ngo kwaneleyo kunye nezine zibonelelo ezihlwempuzekileyo eMzantsi Afrika.
Ngokunjalo, oogqirha bezilwanyana kule nkqubo bazakuhlala besebenza njengemithombo yolwazi elungileyo,” utshilo u-Van Blerk.