Zikhusele kwi-COVID-19  ngaphambi kobusika

Allison Cooper

Njengoko iimeko zoMzantsi Afrika ze-COVID-19 ziye zisanda ngaphambi kweenyanga ebeziqikelelwe zetyeli lesihlanu kunye neenyanga ezibandayo zasebusika zisondele, urhulumente uyaqhubeka nokukhuthaza uluntu ukuba lugonyelwe le ntsholongwane kwaye lungashiyeki kwisigonyo sokuvuselela.
NgokukaMphathiswa wezeMpilo uGqr. Joe Phaahla, ngomhla wama-25 kuTshazimpuzi uMzantsi Afrika ubale ukunyuka okungange-137% kwe-COVID-19, xa kuthelekiswa neentsuku ezisixhenxe ezidlulileyo, okuqhutywa ikakhulu ngamazinga aphezulu osuleleko eRhawutini, KwaZulu-Natal kunye naseNtshona Koloni.
I-COVID-19 iseyingozi kwaye asinako ukuyeka zonke iindlela zokuzithintela,” utshilo uMphathiswa uPhaahla.
“Siyaphinda sibongoza bonke abo bangekagonywa ukuba beze ngaphambili bafumane isigonyo. Basengaphantsi kwama-50% abantu abadala abathe bafumana isigonyo esinye kwaye oko akulunganga.
Sibongoza abantu abatsha ukuba beze ngaphambili.
Ukungabi nakusulelwa ngokwendalo kuye kwehle  emva kwexesha kwaye akufani nesigonyo, akubekelwa xesha. Sibongoza bonke abo bakulungeleyo ukuba bafumana isigonyo sokuvuselela ukuba bathathe elo thuba phambi kobusika” wongeze watsho.
ISebe lezeMpilo eNtshona Koloni lithi iingcombolo zasekhaya nezamazwe ngamazwe zingqina ukuba ugonyo lwe-COVID-19 luhleli ilelona khuseleko  lubalaseleyo kule ntsholongwane. Oku kukhusela ngakumbi kubantu abanamajoni omzimba abuthathaka.
Sisezakuhlala nayo i-COVID-19. Ukuze siyoyise, kufuneka siyitshabalalise ngokuqinisekisa ukuba abantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka bayagonywa kwaye baqhubeke nokufumana isigonyo sokuvuselela, litshilo isebe.
Ityeli lesihlanu
Nangona amanani e-COVID-19 esanda kwaye ilizwe lilindeleke ukuba lingene kwityeli lesihlanu kungekudala, akukaziwa ukuba eli tyeli liya kuba bukhali kangakanani na.
“Eyona nto esathandabuzekayo izazinzulu zethu zisixelela ukuba eli tyeli litsha liza ngolunye uhlobo olutsha olubizwa ngokuba yiPi, oluzakusulela ngakumbi nangona ukuba unamajoni omzimba omelele. Kodwa, kweli nqanaba, eyona ingqinwayo  ukuba yeyona ihamba phambili yiOmicron ebizwa ngokuba yi-B.4 kunye ne-B.5,” utshilo uPhaahla.
Ukuthintela usuleleko
Unganceda ukuthintela usuleleko lwe-COVID-19 ngokuqinisekisa: 
• Ukuba ugonyo lwakho lwe-COVID-19 (kubandakanywa nesigonyo sokuvuselela) aluphelelwa lixesha.
• Ukuba iindawo ezingaphakathi zingena umoya kakuhle.
• Ukunxiba isigqubutheli-buso xa ungaphakathi kunye nakwiindawo ezinabantu abaxineneyo.
• Ukuba ufumane isitofu sokugonyela umkhuhlane.
• Ukuba uyayazi into omawuyenze xa uneempawu ezinjengomkhuhlane.
• Ukuba uhlamba izandla zakho kwaye ufaka isibulali zintsholongwane.
