Iphulo i-Operation Vulindlela livula indlela yokukhula koqoqosho

Vukuzenzele Unnamed

Uqoqosho loMzantsi Afrika, njengalo naluphi na olunye uqoqosho, alunakusebenza, singasathethi ke ngokukhula, ngaphandle koshishino olusebenzayo kunye nolukhuphisanayo. La mashishini aquka umbane, amanzi, ezothutho kunye nawonxibelelwano ayimithambo yokuphila koqoqosho.
Iingxaki zokwakheka kwezi ndawo kudala zichazwa njengezinye zezona zithintela uhlumo loqoqosho loMzantsi Afrika. Ukungasebenzi kakuhle kunye neendleko eziphezulu zeenkonzo zothungelwano kungumqobo ekwenzeni ishishini kweli lizwe.
Ukujongana kunye nokoyisa le mingeni, siye saseka iOperation Vulindlela  kweyeDwarha yowama2020 njengenyathelo le-Ofisi kaMongameli kunye noNondyebo weSizwe ukukhawulezisa ukwenziwa ngokutsha kwezakhiwo kula mashishini othungelwano.
Ngelixa amasebe karhulumente kunye namaqumrhu anoxanduva eqhuba olu hlaziyo, iOperation Vuli ndlela ibeke esweni kwaye yachonga imingeni kunye nemiqobo. Apho kuyimfu neko, iye iququzelele amasebe inkxaso yobugcisa.
Ingxelo yekota yakutsha nje ichaza umgama osele uhanjiwe iOperation Vulindlela kunye namasebe anoxanduva loku kwenziwa ngokutsha.
Kurhulumente wonke, sigxile ekwenzeni ngo-kutsha okusisiseko kunye nokuguqulayo; nokuvelisa ngokutsha indlela esebenza ngayo uqoqosho lwethu.
Oku kuquka intengiso yamaza omoya emfonomfono zonxibelelwano ezishukumayo nafunwa kakhulu, eyalibaziseka ngaphezu kweminyaka elishumi yaza ekugqibeleni yagqitywa kweyoKwindla.
Ukukhutshwa kwamaza omoya amatsha kuya kuphucula uqhagamshelwano kwaye luhlise iindleko zedatha.
Ukusekwa koGunyaziwe wamaZibuko eSizwe njengecandelo elizimeleyo le-Transnet kulo nyaka uphelileyo, kulibaziseke ngaphezu kweminyaka eli-15. Eli yaba linyathelo eliyimfuneko ekuvumeleni icandelo labucala ukuba lithathe inxaxheba kunye nasekwandiseni ukusebenza kakuhle kweetheminali zethu zamazibuko.
Siphinde sabuyisela inkqubo yeBlue Drop, iGreen Drop kunye neNo Drop okokuqala ngqa ukusukela ngonyaka wama-2014 ukuqinisekisa ukubekwa esweni okubhetele komgangatho  wokucocwa kwamanzi kunye namanzi amdaka.
Sipapashe uLuhlu lweZakhono eziBalulekileyo, nokokuqala ngqa ukusukela ngo-2014.
Le yeminye yemizekelo apho olu lawulo lukwazile ukuqhuba inkqubela, ngokuthi lujolise umzamo kunye nengqalelo kwinani elicuthiweyo lokwenza ngokutsha kwezinto eziphambili.
Ngokusebenzisa iOperation Vulindlela , sikwazile nokuthatha indlela ejolise ngqo kunye nebandakanya zonke iinkalo zokwenza ngokutsha, siqinisekisa ulungelelwaniso olungcono oluquka amasebe amaninzi kunye namaqumrhu karhu lumente.
Owona mzekelo ubalaseleyo woku ukwicandelo lezamandla, apho uninzi lokwenza ngokutsha olubalulekileyo nolunxibeleleneyo luqhuba khona ukuze kutshintshwe indlela esivelisa kunye nesiwusebenzisa ngayo umbane.
Amanqaku abalulekileyo aquka ukunyuswa kobume belayisenisi yeeprojekthi zokuvelisa ngokutsha ukuya kutsho kwi-100MW,  oku kuvumela ezi projekthi ukuba ziqhagamshelane kwaye zithengisele abathengi umbane. Siyivuselele iNkqubo yokuFumana uMvelisi waMandla oMbane oVuselelekayo ngokuvula izikroba ezintsha zokunika amaxabiso.
Utshintsho kwimimiselo yomthamo wokuvelisa ngokutsha kuvumele oomasipala ukuba bathenge umbane ngokuzimeleyo okokuqala ngqa. Kwaye uhlaziyo lwemithetho ekugqibeleni luya kuzala imarike entsha ekhuphisanayo yombane, exhaswa kukupapashwa koMthethosihlomelo oYilwayo woLawulo loMbane kunye nomsebenzi oqhubekayo wokuhlomela uMgaqonkqubo wamaXabiso oMbane.
Inkqubo yokohlula-hlula u-Eskom isendleleni, yaye eli qumrhu lihlangabezana nomhla walo wokugqibela owabekwa ngenyanga yoMnga wama-2021 wokusekwa kweNkampani yeSizwe yoThumelo Lombane. NgeyoMnga kulo nyaka sinethemba lokugqiba ukohlulwahlulwa kwecandelo lokuvelisa kunye nokusasaza kombane lika-Eskom.
Ingxelo yekota iqaqambisa ezinye izinto ezibalulekileyo eziphunyeziweyo, kwakunye nemimandla apho umsebenzi onzima uqhubeka khona.
Kwicandelo lamanzi, iOperation Vulindlela  inikezela ngenkxaso yobuchwephesha kwiSebe lezaManzi noGutyulo ukuze liphumeze isicwangciso sotshintsho ekunikezelweni  kweelayisenisi zokusebenzisa amanzi, lijolise ekujongeni malunga nama80% zazo zonke izicelo zingaphelanga iintsuku ezingama-90.
Usaqhubeka umsebenzi wokuseka i-Arhente yeSizwe yeZiseko Zophuhliso lweMithombo yaManzi eza kuqinisekisa ulawulo olungcono lwemithombo yamanzi esizwe sethu.
Kwicandelo lezothutho, ukungasebenzi kakuhle kwamazibuko kunye noololiwe kukuchaphazele kakhulu ukuthumela kwethu impahla kumazwe angaphandle. Uyaqhubeka umsebenzi wokuseka intsebenziswano nabasebenzi becandelo labucala ukuze batyale imali kwiziseko zophuhliso lamazibuko kunye nokuphucula ulawulo lweetheminali zeekhonteyina kumazibuko aseThekwini kunye nawaseNgqura.
IPhepha leNgcacisonkqubo loMgaqo-nkqubo weSizwe kaLoliwe, elavunywa yiKhabhinethi kweyoKwindla, lichaza izicwangciso zokuvuselela amaziko kaloliwe kunye nokwenza ukuba abantu bafikelele kuthungelwano loololiwe bokuthutha.
I-Transnet Freight Rail sele iqalisile nenkqubo yokwenza imizila ifumaneke kubasebenzi bakaloliwe babucala bothungelwano.
Inkqubo yee-Visa esebenza ngokupheleleyo iye yaqaliswa kumazwe ali-14, kubandakanywa nezinye zezona marike zethu zinkulu zabakhenkethi.
Uphononongo olubanzi lwenkqubo yevisa yomsebenzi nayo iyaqhuba ukuze sikwazi ukutsala izakhono ezifunwa luqoqosho lwethu.
Oku kwenziwa ngokutsha kwenzekile ngenxa yentsebenziswano engcono koorhulumente bebonke, bexhasa i-ajenda yohlaziyo ekwabelwane ngayo.
Sihlaba ikhwelo koosomashishini kunye nabatyali-mali ukuba bathathe ithuba kolu tshintsho luqhubekayo kwaye bajike izibhambathiso kunye nezibophelelo zabo zibe lutyalo-mali olubonakalayo, noludala imisebenzi.