Yilwa ulwaphulo-mthetho, hayi abafuduki

Vukuzenzele Unnamed

Kwiminyaka engamashumi amabini anesihlanu eyadlulayo, uMgaqo-siseko wethu omtsha wentando yesininzi waqalisa ukusebenza. Ekwamkeleni lo Mgaqo-siseko, siye saqinisekisa ngokuzibophelela kwethu kuluntu ngokusekelwe kwiinqobo ezisemgangathweni zentando yesininzi, ubulungisa bezentlalo nakumalungelo oluntu.
Kananjalo besilibaleka ngokupheleleyo ixesha elidlulileyo lethu. Eli yayilixesha elidlulileyo lobunjineli bezentlalo obusekelwe kubuhlanga obuzibonakalise ngolawulo lokungena kwabantu abaninzi, ukugcinelwa imisebenzi, iindawo zamaqela obuhlanga kunye needompasi ezoyikekayo.
Xa ookhokho bethu babebhala uMqulu weNkululeko ngowe-1955, omigaqo-siseko yawo iye yabandakanywa kuMgaqo-siseko wethu, baza babhengeza ukuba uMzantsi Afrika ngowabo bonke abantu abahlala kuwo, babefuna uluntu olukhululekileyo ekuthandeni izwe ngokobuzwe, isizwe, ucalucalulo kunye nocalucalulo ngokwesini. Ngoko ke iyaphazamisa kakhulu indlela iziganeko zakutsha nje zokuchasa abantu bamazwe angaphandle kwiindawo ezithile zelizwe eziphinda zifane nocalucalulo lwethu lwexesha elidlulileyo. Siye sabona abantu bemiswa esitratweni ngabemmi babucala kwaye benyanzelwa ukuba baveze izazisi ukuqinisekisa ubumme babo bemfuduko.
Siye sabona ezinye iinkokeli zopolitiko zisenza iingxelo ezingasekelwanga kulwazi lwezenzululwazi malunga nabaphambukeli ukuze baxhaphaze izikhalazo zabantu ukuze bazuze ezopolitiko.
Siye sabona imingcelele isiya kumakhaya abantu kunye neendawo zabo zokuhlala zigqogqelwa ubungqina bezenzo zolwaphulo-mthetho. Siye sabona abantu behlaselwa, bengxwelerheka de babulawe ngenxa yenkangeleko yabo okanye ngenxa yendlela abathetha ngayo.
Le yayiyindlela abacinezeli bocalucalulo ababesebenza ngayo.
Babesithi abanye abantu banokuhlala kwiindawo ezithile kuphela, baqhube amashishini athile okanye bathathe imisebenzi ethile.
Phantsi kocalucalulo, abantu abantsundu babebonwa njengabarhanelwa ngokungazenzisiyo kwaye bamiswe ngamapolisa xa befunyenwe kwindawo ezazibizwa ngokuba zezabamhlophe.
Abantu abantsundu babenyanzelwa ukuba bavelise idompasi kwaye ukuba babengenakuyenza loo nto, bavalelwa entolongweni.
Asinakuvumela izinto ezingenabulungisa ezinjalo ukuba zenzeke kwakhona.  Iziganeko ezenzeke kwilokishi yase-Diepsloot e-Gauteng mva nje zibe yintlekele. Kwimpelaveki nje enye, kwabulawa abantu abasixhenxe, nto leyo eyadala uqhankqalazo. Oku kulahleka kwemiphefumlo kulusizi, njengoko oku ikukubulawa kom-Afrika osuka eZimbabwe ngabo batyholwa ngokuthathela umthetho ezandleni zabo.  Ulwaphulo-mthetho yingxaki enkulu kweli lizwe.
Kuchaphazela lonke uluntu kwaye abantu badinwe ngokufanelekileyo kukuhlala  besoyika  izaphuli-mthetho. Ngokuchaseneyo noko kuthethwa ngamaqela kunye nabantu abachasene nemfuduko, abenzi bolwaphulo-mthetho ngabantu abantsundu nabamhlophe, amadoda nabasetyhini, umntu wasemzini kunye nommi.
Ulwaphulo-mthetho, hayi abafuduki, lutshaba oluxhaphakileyo ekufuneka sisebenzisane ukuze siloyise. Asinako ukoyisa ulwaphulo-mthetho ngokuphembelela, ubundlobongela, ukugrogrisa kunye nokuthathela umthetho ezandleni okujoliswe kubemmi bamazwe angaphandle, ingakumbi abemmi abavela kwamanye amazwe ase-Afrika. Siyavuma ukuba uninzi loluntu lukhathazekile kukubonakala ngathi amapolisa awakwazi ukujongana nabaphuli-mthetho. Phakathi kwamanyathelo esiwathathayo okuxhobisa amapolisa kukugaywa kwamagosa awongezelelweyo angaphezulu kwama-12 000.
Sikwaseka kwakhona amaqonga amapolisa asekuhlaleni kwilizwe jikelele.
La maqonga adibanisa abahlali kunye nabammeli bamapolisa ukuze bekunye baphucule ukhuseleko lwengingqi kwaye babeke uxanduva emapoliseni. Nanjengoko siqinisa idabi lethu lokulwa nolwaphulomthetho, akukho sizathu sokuba abantu bathathele umthetho ezandleni zabo.  Kwangaxeshanye, siyaqonda ukuba imfuduko engekho mthethweni ibeka emngciphekweni ukhuseleko loMzantsi Afrika, uzinzo kunye nenkqubelaphambili yezoqoqosho.
Ukufudukela kwelinye ilizwe ngokungekho  mthethweni kuchaphazela unikezelo lwenkonzo kwaye kubeka umthwalo owongezelelweyo kwiinkonzo ezibalulekileyo ezifana nokhathalelo lwempilo kunye nemfundo.
Njengaso nasiphi na isizwe esizimeleyo, sinelungelo lokuphumeza imigaqo-nkqubo kunye namanyathelo aqinisekisa isidima semida yethu, ukukhusela amalungelo abemmi boMzantsi Afrika kunye nokubonelela ngokuba bonke abantu abahlala kwimida yethu banelungelo elisemthethweni lokuba lapha.  Ukulawula imfuduko luxanduva lukarhulumente.
Akukho mmi wabucala onokuthi athathe indima yokuba ngamagunya emfuduko okanye amagunya ogcino-mthetho ngokunyanzelisa ukuba abemmi bamazwe angaphandle bavelise izazisi.
Phantsi kweCandelo lama41 loMthetho weMfuduko, lilungu lamapolisa kuphela okanye ligosa lezemfuduko elinokucela umntu ukuba azichaze njengommi, umhlali osisigxina okanye ummi welizwe langaphandle.
Ukuba la magosa akholelwa, ngezizathu ezivakalayo, ukuba umntu lowo ungaphakathi elizweni ngokungekho mthethweni, angabanjwa ngelixa kusenziwa uphando ngobumme bakhe. Xa besenzenjalo, amagunya ogcino-mthetho kufuneka ahloniphe amalungelo nesidima saloo mntu.
Unyanzeliso lomthetho wemfuduko ngumba ophambili kurhulumente.
Sisebenzela ukuqinisekisa ukuba amaqumrhu aqhuba  ubuqhophololo bemfuduko asebenzisana namagosa anorhwaphilizo bayohlwaywa ngamatyala abo.
Njengawo onke amanye amashishini, amashishini angabemmi bamazwe angaphandle kufuneka athobele imithetho efanelekileyo, kuquka nemithetho yezempilo nokhuseleko, abe nawo onke amaphepha-mvume kunye neelayisensi ezifunekayo, kwaye ahlawule irhafu efunekayo.  Siyintando yesininzi esekwe kulawulo lomthetho.
Izenzo zolwaphulo-mthetho ezijoliswe kubemmi bamazwe angaphandle azinakunyamezelwa, nokuba banamaphepha-mvume okanye abanawo amaphepha-mvume. Namhlanje, umsindo wethu usenokujoliswa kubemmi base-Zimbabwe, abase-Mozambique, abase-Nigeria okanye abasePakistan. Ngomso, umsindo wethu unokujoliswa phakathi kwethu. Masigxile ekoyiseni ulwaphulo-mthetho, kungakhathaliseki ukuba lwenziwa ngubani.
