Inkxaso yezikhukula KwaZuluNatal naseMpuma Koloni

Allison Cooper

Urhulumente uza kunceda abahlali baKwaZuluNatal nabaseMpuma Koloni ukuba bakhe ubomi namakhaya abo ngokutsha emva kwezikhukula kutsha nje ezishiye umzila wokufa nentshabalalo kula maphondo mabini.
Umongameli u-Cyril Ramaphosa uthe uNondyebo weSizwe uza kwenza ukuba imali ifumaneke kwimizamo yokuxhasa abo bachatshazelwe zizikhukula.
“UMphathiswa wezeMali uthe ibhiliyoni enye yeeranti iyafumaneka ngokukhawuleza,” utshilo.
UMongameli Ramaphosa naye uza kudibana nePalamente ukuze afumane izixhobo ezongezelelweyo.
Urhulumente usebenzisana neNgxowa-mali yoManyano, icandelo labucala kunye nemibutho engekho phantsi kukarhulumente kunye neyasekuhlaleni ukuxhasa amaxhoba.
Ingxowa-mali yoManyano iza kuseka i-akhawunti yebhanki eyahlukileyo yokujongana nentlekele yezikhukula ukwenzela abaxhasi baseMzantsi Afrika nabangaphandle ukuba bafake isandla kwiinzame zenkxaso.
Urhulumente uza kubonelela ngeevawutsha ukunceda amakhaya ukuba akhe ngokutsha izindlu ezonakeleyo, utshilo uMongameli.
“Kusafuneka kwenziwe uhlolo olubanzi lweendleko zoqoqosho zezi zikhukula, kodwa kuyacaca ukuba ziza kufikelela kwiibhiliyoni zeerandi ukuze kwakhiwe ngokutsha iziseko zophuhliso kunye nelahleko yemveliso.”Uqhube wathi imali ebekelwe amaxhoba ezikhukula kufuneka ifikelele kwabo bayidinga kakhulu.
“Kuya kubaluleka kakhulu, njengokuba sisenza lo msebenzi, ukuba zonke izixhobo esiziqokelelayo zisetyenziselwe iinjongo ekujoliswe kuzo kwaye zifikelele kwabo bafanele ukuzifumana.
Akunakubakho sithuba sorhwaphilizo, ulawulo gwenxa okanye ubuqhophololo balo naluphi na uhlobo,” ugxininisile uMongameli.
Inkxaso yezigaba ezintathu
UMongameli Ramaphosa uthe urhulumente uza kusabela kule ntlekele ngokwezigaba ezintathu.Iza kugxila kwinkxaso ekhawulezileyo yoluntu, ukuqinisekisa ukuba wonke umntu ochaphazelekayo ukhuselekile kwaye iimfuno zabo ezisisiseko ziyahlangatyezwa.
“Okwesibini, siza kugxila ekuzinziseni nasekuvuselelweni kwemeko yesiqhelo, ukubuyisela abantu abaphulukene namakhaya kwiindawo zabo nokubuyisela ukunikezelwa kweenkonzo.  Okwesithathu, siza kugxila ekwakhiweni ngokutsha,” utshilo.
Isigaba sokwakha ngokutsha siza kuquka ukwakhiwa kwezindlu kwiindawo ezifanelekileyo.
Isebe lezokuHlaliswa koLuntu sele liqalisile ukuhlola umonakalo wezindlu kwiphondo jikelele.
“Umsebenzi ongxamisekileyo kukuhlalisa abo bantu bathe ababinamakhaya ngenxa yezikhukula kwaye ayaqhubeka namalungiselelo okubonelela ngezindlu zethutyana,” utshilo uMongameli Ramaphosa.
ISebe lemiSebenzi kaRhulumente kunye neZiseko zoPhuhliso liqwalasela umhlaba karhulumente ofanelekileyo onokusetye nziselwa ukuhlaliswa kwabantu ngokutsha.
Umonakalo omkhulu 
Iimvula zibangele umonakalo omkhulu ezindlwini; kumashishini; kwiindlela nakwiibhulorho; emanzini, embaneni, kumzila kaloliwe nakwiziseko zophuhliso lonxibelelwano. Izikolo, amaziko ezempilo, izikhululo zamapolisa kunye neenkundla zoomantyi nazo zichaphazelekile, kunye nezibonelelo zamafutha nokutya.
“Kuqikelelwa ukuba bangaphezulu kwama-270 000 abafundi abachatshazelweyo kwaza konakaliswa izikolo ezingaphezulu kwama-600, ezili-16 kuzo ezingakwaziyo ukufikelelwa kuzo ngenxa yokonakala kweendlela neebhulorho ezidibanisayo.
"Ngamaziko okhathalelo lwempilo angamashumi amathandathu anesithandathu achaphazelekileyo, nangona bekukho ukuphazamiseka okuncinane kwiinkonzo zempilo kwizithili ezininzi ezichaphazelekileyo," utshilo uMongameli.
Umsebenzi omkhulu uyaqhubeka ukuze kubuyiselwe iinkonzo ezisisiseko kwiindawo ezahlukeneyo KwaZulu-Natal.
Bangaphaya kwama-400  abantu abathe baphulukana nobomi babo KwaZulu-Natal kwaye uninzi lwabantu lulahlekile. Kukwanikezelwe ngengxelo yokubhubha komntu omnye eMpuma Koloni.
Amakhaya angaphezulu kwama-4 000 atshatyalalisiwe kwaye angama-8 300 onakaliswe kancinane, nto leyo eshiye abantu abangama40 000 bengenamakhaya.
UMongameli uthe iNkonzo yaMapolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) kunye noMkhosi woKhuselo weSizwe woMzantsi Afrika (i-SANDF) bezikhokela kwiinzame zokukhangela nokuhlangula.
Oku kuquka ukusasazwa kwabasebenzi be-SAPS, amaqela okuntywila, amacandelo ezinja kunye neenqanawa ezahlukeneyo, iinqwelo-ntaka kunye neenqwelo-moya ezisebenzisa amaphiko ukuya kwezona ndawo zichaphazelekayo.
“Iinqwelo-moya ezisuka kwi-SANDF zisetyenziselwe ukuhlangula kunye nokuhanjiswa kwezixhobo zenkxaso – ezinjengokutya, amanzi, iintente kunye neengubo – kubantu abakwiindawo ezingafikelekiyo.
“Ndigunyazise i-SANDF ukuba izise abasebenzi abaninzi, ugcino lwamanzi kunye nezixhobo zokucoca kunye namaqela eenjineli ukuncedisa ngombane kunye nokubuyiselwa kwamanzi,” utshilo.Ukongeza, amasebe karhulumente kuzwelonke nakwiphondo; oomasipala; imibutho engekho phantsi kukarhulumente kunye namashishini asasaza izinto zenkxaso ezisisiseko ezifana nokutya, iingubo, oomatrasi, iimpahla, amayeza ezifo ezingapheliyo, izinto zangasese kunye nezixhobo zokupheka.
Ikhabhinethi isandula ukubhengeza Imeko yeNtlekele yeSizwe ukuphendula kwizikhukula.
UMongameli uchaze ezi zikhukula njengentlekele yoluntu efune “umzamo wenkxaso omkhulu nongxamisekileyo.”“Ubomi, impilo kunye nentlalontle yamawakawaka abantu zisesemngciphekweni.
Izikhukula zenze umonakalo omkhulu kwezoqoqosho na-kwezentlalo,” utshilo.Izibuko laseThekwini, elibaluleke kakhulu kuqoqosho loMzantsi Afrika kwaye lelinye leendawo zokuthu-mela ngeenqanawa ezinkulu kakhulu nelixakekileyo kwilizwekazi, lichaphazeleke kanobom.
“Ukubaluleka kweZibuko laseThekwini kunye neziseko zophuhliso ezinxulumene nokusebenza ngokukuko koqoqosho lwelizwe kuthetha ukuba le ntlekele inefuthe elingaphaya KwaZulu-Natal,” utshilo uMongameli.
Inkqubela sele yenziwe ekubuyiseleni ukusebenza kwiZibuko laseThekwini, kuvulwe ezinye iindlela zokuba iilori zikwazi ukufikelela kwiindawo zamazibuko kunye nokucoca inkunkuma kwizibuko.