Ingeniso yerhafu ephuculweyo ixhasa ukuvuselelwa nokukhula koqoqosho

Vukuzenzele Unnamed

Kutshanje, iNkonzo yeNgeniso yoMzantsi Afrika (i-SARS) ibhengeze kwisiphumo sayo sokuqala sokuqokelelwa kwengeniso yerhafu ukuba iqokelele ngaphezulu kwe-R1.5 yetriliyoni phakathi kukaTshazimpunzi wama-2021 kunye neyoKwindla wama2022.
Oku kukuphucuka oku ngangama-25% kunonyaka ophelileyo kunye nokukhula kangange-15% ukusekela kulo nyaka uphelileyo phambi kobhubhani weCOVID-19.
Kwangeli xesha linye, i-SARS ikwahlawule eyona mali iphezulu kwimbuyekezo yerhafu ukususela oko yasekwayo kwiminyaka engama-25 eyadlulayo.
I-arhente enakho ukuqokelela ingeniso yerhafu isembindini wokwakha urhulumente onobuchule.
Ingeniso yerhafu ikhuthaza uphuhliso lwesizwe sethu.
Le mali iqokelelwa yi-SARS ixhasa unikezelo lwenkonzo kunye neziseko ezingundoqo. Nge-R17.8 yeetriliyoni ethe yaqokelelwa yi-SARS ukususela ekusekweni kwayo ngo-1997, sikwazile ukwakha iziseko ezingundoqo zentlalo ezifana neekliniki, izikolo kunye nezibhedlele, ukuphucula kunye nokwakha iindlela ezintsha, kunye nokuxhasa abona bantu banokwenzakala ngezibonelelo zentlalo kunye nangamanye amanyathelo.
Xa iinkqubo zokuqokelelwa kwengeniso yerhafu kunye nemithetho exhasayo isebenza kakuhle, ingantsonkothanga kwaye inobulungisa, oko kukhuthaza ukuthotyelwa okukhulu.
Ukubuyisela uzinzo kunye nokuthembeka kwe-SARS kwakuyeyona nto iphambili kum xa ndandisonyulwa njengoMongameli ngowama-2018.
Njengamanye amaziko abalulekileyo aliqela, i-SARS iye yathwaxwa ziziphumo ezibi zokubanjwa ngobhongwane kombuso, nokugxuphuleka kwezopolitiko, nokulawulwa gwenxa kunye nezinye izinto  ezichaphazela ukusebenza kakuhle kwayo. Oku kube neziphumo ezithe ngqo zokungajongeli nje phantsi kuphela izimilo zokuziphatha kakuhle zabahlawuli berhafu, kodwa kwalahleka nentembeko kweli ziko.
Ngo-2018, ndityumbe ikomishoni yophando kulawulo lwerhafu kunye nokuphathwa kwe-SARS echotshelwe nguJaji Robert Nugent osele esidla umhlala-phantsi.
Le khomishini yanikezela ngengxelo yayo yokugqibela ekupheleni kwaloo nyaka.
Kwiminyaka emine emva koko, i-SARS iphumeze phantse zonke iingcebiso ezili-16 kunye neengcebiso ezincinci ezingama-27 zokubuyisela uzinzo kwiziko.
I-SARS iye yaqhuba isicwangciso-qhinga esigxile ekuguquleni izinto ukuze ibeke phambili ukusebenza kakuhle kunye nokugqwesa kwenkonzo. Inenkqubo emanyeneyo yokukhuthaza ukuziphatha kakuhle kunye nokuthotyelwa kwerhafu.
Amaxabiso aphezulu akhoyo eemveliso zorhwebo, akhokhelele ekonyukeni kwengeniso yerhafu yamashishini, abe nenzuzo ebingalindelekanga ekuqokeleleni ingeniso yamva nje. Okunye okuphinde kwadlala indima ephambili ibe ngamanyathelo i-SARS ewathathileyo ukuphucula ulwazi lobuchwephesha kunye nezinye iziseko zophuhliso, ukuphucula amasiko, ukugaya abasebenzi abanezakhono, kunye nokulwa ukuphetshwa kwerhafu kunye nezenzo zolwaphulo-mthetho.
Esinye sezindululo zeKomishoni ka-Nugent yayikukuba i-SARS iphinde imisele amandla okubeka iliso kunye nokuphanda urhwebo olungekho mthethweni.
IYunithi yezoQoqosho oluNgekho seMthethweni ethe yasekwa ngokutsha ngo-2018 ifumene impumelelo eliqela ekulweni urhwebo lwezoqoqosho olungekho mthethweni, kubandakanywa nokugxila ekungathombeleni imithetho yerhafu.
Ukuqokelelwa kwerhafu kwiinkampani ezidweliswe kwi-JSE, kumazwe ngamazwe kunye nakubantu abanexabiso eliphezulu ngoku kulawulwa ngokufanelekileyo ngeYunithi yamaShishini amaKhulu, eyathi yaziswa ngokutsha ngo-2020.
Ngenxa yotshintsho lwe-SARS kubekho ukuthotyelwa ngakumbi kwirhafu yengeniso yabantu, kwirhafu yengeniso yeenkampani kunye nakwirhafu yangangomrholo iPay as You Earn.
I-SARS ikhupha ukunyebelezela kwabadoji berhafu, abaxhamli bengeniso yolwaphulo-mthetho, kunye nabo babandakanyeka kwizenzo zorhwaphilizo.
Kucace gca ukuba ‘umbuthi werhafu’ sesinye sezona zixhobo zisebenzayo zokulwa urhwaphilizo.
Kwiimeko apho indlela yokuphila yomntu ingahambelani noko bakubhengezileyo, i-SARS ibisenza uphicotho lwendlela yokuphila. Kulo nyaka uphelileyo, i-SARS ilugqibile uphicotho lwendlela  yokuphila ekhokelele ekuqokelelweni kwezigidi ezingama-R474.
Njengoko siqhubela phambili neenzame zokuqinisa amandla karhulumente kunye nokwakha ngokutsha amaziko athe enziwa buthathaka kukubanjwa ngobhongwane kombuso, kuninzi esinokukufunda koko kuzuzwe yi-SARS kwixeshana nje elifutshane.
Xa amaziko karhulumente eqhutywa kakuhle kwaye esebenza kakuhle, xa ebonisa intembeko kunye nobulungisa kwimisebenzi yawo, oku kuba negalelo ekukhuleni kwamanqanaba okuthembeka kukarhulumente.
Ukuzithemba kwamashishini kunye nabatyali-mali nako kuyaphucuka, kukhuthaze utyalo-mali olukhulu kunye nokukhula koqoqosho.
Iinkokeli kunye nabasebenzi bakwa-SARS kufuneka kuvuyiswane nabo ngomsebenzi wabo. Umbulelo mawuye nakubahlawuli berhafu abathembekileyo baseMzantsi Afrika. Ngapha ndle kwentsebenziswano yabo, ingeniso yamva nje ibingenakufumaneka. Into yokuba i-SARS yandise isiseko serhafu ngokubhalisa abantu abatsha abayi-1.8 yesigidi kulo nyaka uphelileyo yenye impumelelo eqaqambileyo.
Singawakha ngokutsha uMzantsi Afrika kuphela xa sinokuqhubeka nokuhlangabezana nesi sinyanzeliso sokwabelana, kwaye ukuba siqinisa lo msebenzi oqhubekayo ngoku ukuqinisekisa ukuba ezi rhafu zisetyenziswa ngobulumko kunye nangempumelelo.