Gcina abantwana bekhuselekile kwi-intanethi

Vukuzenzele Unnamed

Njengoko ilizwe lisiya lihambela phambili kwi-intanethi, kubalulekile ukuba abantwana bawasebenzise la mathuba ngelixa bekhuselekile.
INkqubo yoNxibelelwano loLwazi lukaRhulumente (i-GCIS) kunye ne-Digify Africa mva nje zibambe indibano ku-intanethi kunye neMedia Monitoring Africa (i-MMA) neBhodi yeFilimu noPapasho (i-FPB) ngenjongo yokufundisa abantwana, abafundisi-ntsapho, abazali noluntu jikelele ngokuziphatha ngendlela enoxanduva kwiintanethi.
UPhakamile Khumalo, uMphathi weNkqubo yoPhuhliso lweZakhono zoLuntu kunye nezoSasazo kwi-MMA, uthe abantwana abasixhenxe kwabalishumi kwabaphendule imibuzo njengenxalenye yophononongo lwe-SA Kids Online Study bathi basebenzisa i-intanethi ngaphandle  kwemvume yabazali babo.
Bane kuphela kubantwana abalishumi abathi banolwazi oluthile malunga nokhuseleko kwi-intanethi.
Oku kubonisa ukuba abantwana badinga izakhono kunye nezixhobo zokubanceda basebenzise i-intanethi ngokukhuselekileyo.
UMmaletjema Poto, iGosa loKhuseleko lwaBantwana le-FPB, uthe abazali kufuneka bazazi iingozi abantwana babo abajongene nazo kwi-intanethi,  kubandakanya ukubukela amanyala wabantwana okanye ukuxhatshazwa kwabantwana ngokwesondo, kunye nokuqeqeshwa ngabaxhaphazi ngokwesondo.
Abantwana banokuba lixhoba labaxhaphazi ngokwesondo kwi-intanethi ngokuthi esenza nje uphando olumsulwa kwi-intanethi aze acofe ikhonkco elimsa kwindawo engalunganga.
Emva koko abaphuli-mthetho baye bafumane ikroba lokuba  abantwana babathembe kwaye baqalise ukubaqeqesha.
“Umntwana uye ehlazeke koku kwaye angathethi ngako, nto leyo eyenza kube nzima ukuba aphume kokukuqeqeshwa,” utshilo uPoto.
Ukwalumkise ngokwabelana ngeevidiyo okanye imifanekiso yamanyala yabantwana kwiintanethi.
“Kuye kwaba yinto eqhelekileyo ukwabelana ngezinto kumakhasi onxibelelwano.
Kodwa ukwabelana ngohlobo olunje lwento bubungqina bokuxhatshazwa kwabantwana. Ukuba nezinto ezinjalo okanye wabelana ngazo lityala elo,” wongeze watsho uPoto.
Uncedo olukhoyo
Kukho izixhobo ezahlukeneyo ezikhoyo zokunceda abantwana ukuba basebenzise i-intanethi ngokukhuselekileyo.
I-MMA iqhuba i-Web Rangers, inkqubo yokufunda nokubhala edijithali yokuphucula izakhono zabafundi, ootitshala kunye nabazali. Iividiyo ezifundisa  malunga nokuxhatshazwa kwi-intanethi, ukuthumela imiyalezo yamanyala kunye nokuqeqeshwa kwi-intanethi, ziyafumaneka ku-www.webrangers.co.za.  
I-MMA ikwanceda aba ntwana ngewebhusayithi ye-Hashplay (https://hashplay.co.za) , equka iqonga lonxibelelwano elivumela abantwana ukuba bathethe nomcebisi ngezinto abahlangabezana nazo kumakhasi onxibelelwano.
IDigify Africa ine-Kitso WhatsApp bot yasimahla enceda abantwana baphuhlise izakhono zokufunda nokubhala kwidijithali.
Ndwendwela ku-https://digifyafrica.com/learnersresponsible-citizens.
Ungaxela ukuxhatshazwa kwabantwana ngokwesondo kwi-intanethi okanye ubundlobongela obujolise ebantwaneni kwi-FPB ngokuthumela i-imeyile ku-hotline@fpb.org.za okanye utsalele umnxeba ku-012 003 1400.
Unokuxela oku ungazichazanga.
