Inkqubo yesondlo esikolweni iqinisekisa ukuba abantwana abalambi

Vukuzenzele Unnamed

Bangaphezu kwezigidi ezilithoba abantwana abafumana ukutya okunesondlo ezikolweni ngenxa karhulumente ngeNkqubo yeSizwe yeSondlo eZikolweni (i-NSNP), eyaqaliswa ngo-1994.
Le nkqubo ijolise ekuphuculeni uhlobo abantwana abafunda ngalo, ngokuthi inciphise ukungondleki, indlala kunye nehlobo abahamba ngalo isikolo, ingakumbi kwizikolo ezihlelelekileyo.
Le nkqubo ibalulekile ekuqhubeleni phambili amalungelo abafundi akumgaqo-siseko esondlo esisiseko kunye nemfundo esisiseko,” ucacise watsho uSekela Mphathiswa weMfundo esiSiseko uGq Reginah Mhaule.
Ngenxa ye-NSNP, abantwana abaninzi bafika esikolweni ngexesha kwaye baya rhoqo, futhi ukuzikisa ingqondo kwabo eklasini kuye kwaphucuka.
NgokweSebe leMfundo esiSiseko (i-DBE), abafundi bafundiswa indlela efanelekileyo yokutya kunye neyokuphila.
Izikolo zikwakhuthazwa ukuba zizenzele ezazo izitiya ukongeza ekutyeni kwe-NSNP.
Abafundi, ootitshala kunye nabazali bafundiswa ukuzilimela okwabo ukutya.
Amawonga e-NSNP
Isikolo samabanga aphantsi i-Thabang Primary School ese-Bethlehem, eFreystata, sesinye sezikolo ezixhamlayo kwi-NSNP.
Esi sikolo kutshanje siphumelele imbasa ye-NSNP yeSikolo esiBalaseleyo.
La mawonga abhiyozela iinkqubo zesondlo zezikolo ngokujonga ucoceko, iindlela zokhuseleko, ukutya okunesondlo, izitiya zokutya kunye nokufundisa ngesondlo.
“Ndinombulelo omkhulu ngokuba isikolo siphumelele  le mbasa,” utshilo u-Seyanokeng Sejake, oyinqununu yase-Thabang Primary School ukusukela kwiminyaka engama-24 eyadlulayo.
Esi sikolo saqalisa ukuqhuba inkqubo yaso yesondlo ukususela ngo-1994. Namhlanje, siqinisekisa ukuba abafundi baso abali-1 065 bafumana isidlo sakusasa esisempilweni yonke imihla kumashishini asekuhlaleni.
Ukutya kuphekwa ngamalungu okuhlala angaphangeliyo, natyunjwe libhunga lolawulo lesikolo (i-SGB).
“Abasebenzi bethu abathandathu abaphatha ukutya (ii-VFH) bapheka ukutya esikunikwa liSebe lezeMfundo ngokwabelwa kwesikolo imali,” utsho uSejake. I-VFH nganye ifumana isibonelelo ngokunceda ukulungiselela ukutya.
Isikolo samabanga aphantsi i-Thabang Primary School siye safumana iwonga eliphezulu kula mawonga ngenxa yokusebenza nzima nokuzinikela kwe-SGB, kweqela labaphathi kunye neKomiti ye-NSNP yaso esebenzayo, utsho uSejake.
Ukufika ngexesha sisonka sethu semihla ngemihla.
Asikuvumeli ukungezi esikolweni ngaphandle kwesizathu esibambekayo, kwaye asinabo nabantwana abayekayo esikolweni. Ukuzikisa ingqondo kubafundi bethu kunye nendlela abaqhuba ngayo ngokubanzi kuphucukile kakhulu,” wongeze ngelitshoyo.
Njengoko ibhaso esi-lifumeneyo ilikhitshi elikumgangatho ophezulu elakhiwe yi-Tiger Brands Foundation, inkqubo yesondlo yesikolo imiselwe ukuba ibengcono ngakumbi.
Isikolo sikwaqinisekisa ukuba ukutya kukhona ngokwaneleyo kwaye kulawulwa ngendlela eyiyo, ukuqinisekisa ukuba kusoloko kukho ukutya kwenkqubo.
Umzekelo, sinesitiya esisinika imifuno ukongeza kwisabelo se-NSNP,” ucacise watsho uSejake.
Abaphumelele iimbasa
Kwinqanaba leZikolo eziBalaseleyo, i-Grootdrink Intermediate, kwiSithili saseMgcawu eMntla Koloni,  ithathe indawo yesibini; isikolo samabanga aphantsi i-Aaron Gqedu Primary School, e-Nelson Mandela Bay eMpuma Koloni, sathatha indawo yesithathu sona.
Ezi zikolo ziya kufumana izixhobo zasekhitshini kwiSebe leMfundo esiSiseko.
Imbasa yesona Sithili siBalaseleyo ifunyenwe sisithili saseMzinyathi (KwaZuluNatal). Isithili i-ZF Mgcawu (eMntla Koloni) iphume kwindawo yesibini, yaze i-Metro North (eNtshona Koloni) yafumana indawo yesithathu. Isithili ngasinye siphumelele izixhobo ze-ofisi nezekhompyutha.
Ngo-2020/21, i-NSNP ibonelele ngokutya kubantwana abakwizikolo eziyi-21 189.