Inkundla ekhethekileyo ibonisa ukuba ulwaphulo-mthetho alubhatali

Allison Cooper

Ngexesha leMbizo kaMongameli yakutshanje e-Mahikeng, abemmi abaninzi bavakalise iinkxalabo malunga nesantya sokulwa urhwaphilizo. Bandi  xelele into endiyivileyo kwezinye iindawo zokuhlala kwilizwe liphela: ukuba abenzi bezenzo ezinje bayaziwa, kuba baqhayisela ngeenzuzo zolwaphulo-mthetho lwabo.
Kodwa ingalo yomthetho inde. Abo babileyo kurhu lumente banokukholelwa ukuba babhungcile. Kodwa izenzo zabo ekugqibeleni ziza kubafumana, nokuba bangoobani na, nakwesiphi na isikhundla abakuso.
Baza kufunda ukuba ulwaphulo-mthetho alubhatali.
Ngokubhekiselele koku, esinye sezona zixhobo zethu zisebenzayo eku lweni urhwaphilizo kunye nokubanjwa ngobhongwane kombuso yiNkundla eKhethekileyo yeCandelo loPhando eliKhethekileyo (i-SIU), endaliseka ngowama-2019.
Igweba kwimiba ethi  i-SIU iyisungulele ama tyala oluntu emva kokuba iluqukumbele uphando  lwayo. Inkundla eKhethekileyo yamiselwa ukuba kukhawuleziswe ukuxoxwa kwamatyala.
Le ndlela yenze ukuba imali karhulumente kunye neempahla zikarhulumente ezithe zalahleka kwizenzo zorhwaphilizo zibuyiselwe ngokukhawuleza, kuthi ntelwe ukulibaziseka kwii nkundla eziphakamileyo, apho i-SIU bekunyanzeleke ukuba ilinde ithuba layo kunye nabanye abamangali.
I-SIU inokucela imiyalelo yogcino kunye nokuthintelwa kokusetyenziswa kwempahla  ukuthintela ilahleko eyongezelelweyo kuRhulumente. Oku kubalulekile xa kuqwalaselwa ukuba abenzi bobubi abarhanelwayo badla ngokwenza inzame ezi nkulu zokuhambisa, bafihle okanye balahle iinzuzo zorhwaphilizo.
Akukho mathandabuzo ukuba iNkundla eKhethekileyo iye yaguqula izinto.
Ukususela ekusekweni kwayo, iNkundla yaMa tyala iye yafumana malunga ne-R8.6 yeebhiliyoni zeerandi kwiikhontrakthi ezingekho mthethweni.
Ukuze nawuphi na umlo ochasene norhwaphilizo ubonakale unempumelelo, akwanelanga ukuba abenzi bobubi batshutshiswe.  Iinzuzo zolwaphulo-mthe tho lwabo kufuneka zibu yiselwe. Le mali yeyabemmi kwaye kufuneka isetyenziselwe ukuhlangabezana neemfuno zabo.
Inkundla eKhethekileyo kutsha nje iyalele iinkampani ezimbini zokwakha ukuba zibuyise iingeniso eziyifumene kuma-R40 ezigidi zeekontrakthi zokwakha ucingo lomda we-Beit Bridge. Oku kula ndela uphando olwenziwa yi-SIU oluthe lwafumanisa izinto ezininzi ezitenxileyo, eziquka ukuhlawulwa kwangaphambili kwiinkampani liSebe lemiSebenzi kaRhulumente neziSeko ezinguNdoqo.
Kwezi veki zimbalwa zidlulileyo zizodwa, iNkundla yaMatyala iye yaphonononga kwaye yabekela bucala ngaphezulu kwe-R100 lezigidi zeekhontrakthi ezingafanelekanga nezingekho mthethweni ezivela kwiinkqubo zokufumana abaniki-zinkonzo ezinxulumene neCOVID-19.
Inkundla eKhethekileyo iye yabanempumelelo ekufumaneni imali kubaphathi abaphezulu abakumashishini karhulumente abaqhube imisebenzi engafanelekanga yoshishino.  Umzekelo, kulo nyaka uphelileyo owayesakuba sisigqeba sakwa-Transnet wayalelwa ukuba ahlawule ama-R26 ezigidi zeerandi awazifumanayo njengo mnini-zabelo kwishishini leenjineli zabacebisi ngokuthi abengumcebisi wakwa-Transnet ngethuba wayengumsebenzi wesi gxina.
I-SIU iye kwiNkundla yaMatyala ngenxa yamatyala amaninzi ukulibazisa ukuhlawulwa kwezibonelelo zomhlalaphantsi, kusalindwe iziphumo zo phando lwayo, kubasebenzi bakarhulumente abachaphazeleka kwizitenxo zemali okanye kwiinkcitho ezingenanzuzo neziyilahleko.
Amatyala aphambi kweNkundla eKhethekileyo abonisa ukuba usemninzi umsebenzi ekusafuneka wenziwe ukuqinisa ula wulo lukarhulumente kunye nolawulo kuwo onke amasebe karhulumente. Bachaza ukusilela okumandla kwicala lamagosa anika ingxelo kunye nokusilela ekuthobeleni imithetho nemigaqo elawula iinkqubo zokufumana abaniki-zinkonzo.
Ndakhe ndatsho ngaphambili ukuba ukuphumelela umlo worhwaphilizo kuza kuba nzima, kwaye kuza kutha tha ixesha ukucombulula intaphane yamagunya alawula ukuqeshwa kwabantu esele imiliselwe.
Ndikwayigcinile into yokuba kufuneka silwe urhwaphilizo lwecandelo labucala ngamandla alinganayo, kuba kuye wonke umsebenzi wecandelo likarhulumente ozimiseleyo ukunyotywa, kukho usomashishini ozimiseleyo ukunyoba.
Obu budlelwane borhwaphilizo buye baphazamisa amandla karhulumente okuphumeza igunya lakhe.
Baye babuyisela umva iinzame zombuso zokunikezela ngokhathalelo lwezempilo olundilisekileyo, ukuhambisa amanzi acocekileyo, kunye nokuqinisekisa ngonikezelo lwamandla ombane olungaguqukiyo kuluntu nakumashishini.
Kodwa, njengoko iNkundla eKhethekileyo ibonisile, sithe chu siguqula imeko. Ayipheleli nje eku banjweni kwabenzi bobubi baze basiwe ezinkundleni zamatyala; kukwafanele ukuba balahlekelwe ziinzuzo zabo zolwaphulomthetho.
Isende indlela ekufuneka ihanjiwe, kwaye kusekho isixa esikhulu seemali zoluntu ezibiweyo ekusafuneka zibuyiselwe.
Kodwa i-SIU kunye ne Nkundla eKhethekileyo zenze isiqalo esihle, kwaye ndiqinisekile ngeempumelelo ezininzi kwiinyanga nakwiminyaka ezayo.