Amacandelo karhulumente nelabucala abalulekile ekukhuleni koqoqosho

Vukuzenzele Unnamed

Njengokuba sisebenzela ukukhulisa uqoqosho lwethu nokudala imisebenzi, kukho iingxoxo ezininzi malunga nokoyamana kwendima yombuso neyamashishini ekufezekiseni ezi njongo.
Abanye abantu bacebise ukuba kufuneka sikhethe phakathi kombuso wophuhliso odlala indima ebalulekileyo kwinguqu yoqoqosho nasekuhlaleni kwelinye icala kunye necandelo labucala elikhulayo elidlamkileyo neliqhuba ukukhula nengqesho kwelinye icala.
Eneneni sizidinga zombini.
Sidinga umbuso wophuhliso onobuchule kunye necandelo labucala elinamandla nelikhawulezayo.
Sidinga ukuba asebenzisane ancedisane apho elinye lisilela khona.
Lo mbono awukho mtsha.
Kwiminyaka engamashumi amathathu eyagqithayo, ngo-1992, iAfrican National Congress yamkela njengeyalo uxwebhu olunesihloko esithi ‘Ready to Govern’. Olu xwebhu lwaluqulethe izikhokelo zomgaqo-nkqubo woMzantsi Afrika wenta ndo yesininzi kwaye kwiminyaka engaphaya kwamashumi amathathu sele ube nempembelelo kwindlela ethathwa ngumgaqo-nkqubo wolawulo lwentando yesininzi olulandelelanayo.
Uxwebhu oluthi ‘Ready to Govern’ lalinombono wombuso wentando yesininzi onoxanduva olupheleleyo ‘lokuququzelela, ukucwangcisa nokukhokela uphuhliso loqoqosho luhambe ngendlela yokukhula ezinzileyo’ lusebenzisana nentshukumo yeemanyano zorhwebo, amashishini kunye namanye amalungu oluntu.
Luquka nemfuneko yokubakho komgaqo-nkqubo woqoqosho owenza uqoqosho lube yintando yesininzi nodala amathuba engqesho aphuhlisayo apho bonke abemi boMzantsi Afrika bafumana umvuzo olungele ukuphila.
Olu xwebhu lukwanombono ‘wecandelo labucala elinamandla, elisebenzisa zonke izakhono nobukrelekrele babo bonke abemi boMzantsi Afrika… nalapho izenzo zoshishino olunegalelo elikhulu ekudaleni imisebenzi zikhuthazwayo.’KwiNtetho engoBume beSizwe esandula ukubakho, ndiye ndenza amagqabantshintshi malunga nendlela ekumelwe ukuba urhulumente, amashishini nabasebenzi basebenze kunye ngayo, inye isebenzisa izakhono zayo ezikhethekileyo ukudala imisebenzi.
Enye yezona zinto ezibalulekileyo eziqhuba ukukhula nengqesho ngamashishini karhulumente (ii-SOE).
Avelisa umbane, alawula amazibuko, akha iindlela kwaye azisa amanzi adingwa luqoqosho ukuze lusebenze.
Oko kwathi kwaqala intando yesininzi, ezi SOE sele zandise ukufikeleleka kweenkonzo ezisisiseko ebantwini abahlelelekileyo ngendlela ebonakalayo.
Yiyo le nto inxalenye eba lulekileyo yenkqubo yethu  ikukomeleza amashishini karhulumente, ukuvuselela impilo yawo yezezimali, ukuphucula indlela asebenza ngayo nokuwenza akwazi ukudlala indima ebonakala nangakumbi nenegalelo eliluncedo kuqoqosho.
Ngokuhambelana nendima engumbono we‘Ready to Govern’, umbuso ukhokela ukukhula nenguqu usebenzisa izixhobo ezifana nomgaqo-nkqubo wokhuphiswano, izibonelelo zokuxhotyiswa ngokubanzi ngokwezoqoqosho kwabamnyama kunye nemithetho yolingano, nangokudibanisa ukunikwa kwamaphephamvume ohlukeneyo kwiinkonzo jikelele nezibophelelo zokuxhobisa.
Urhulumente ukwachaphazeleka ngqo ekudalweni kwemisebenzi engeyiyo eyabantu abaqeshwe ngurhulumente. INkqubo eYandisiweyo yemiSebenzi yoLuntu, eyasungulwa ngo-2003, sele inike amathuba emisebenzi kwizigidi zabantu. Kutsha nje, njengempendulo yentshabalalo yefuthe lobhubhane weCOVID-19, lo rhulumente uye wongamela okona kwandiswa kubalulekileyo kokuqeshwa koluntu kwimvelaphi yelizwe lethu.
UVuselelo lweNgqesho lukaMongameli luxhase ngaphaya kwamathuba angama-850 000 ngeenyanga nje ezili-16. Ngaphaya kokwandisa ingqesho yoluntu, lunika inkxaso kulutsha olungasebenziyo ukululungiselela umsebenzi, ukulwenza luqesheke nokuludibanisa namathuba.
Zininzi ezinye iindlela urhulumente angaba negalelo ngqo ngazo ekudaleni imisebenzi, kuquka notyalomali olubanzi kumaseko, ukusekwa kwemida ekhethekileyo yoqoqosho nangokuxhasa ukukhula okusebenza nzima kwamashishini.
Siza kugxila ngokukodwa kulo nyaka kumashishini amancinci, aphakathi namancinci kakhulu, kumashishini ajolise ekunikeni inkonzo ethile nakwicandelo elingekho sesikweni.
Ngokuyilwa kwakhona kwenkqubo yesiqinisekiso semali-mboleko esiyazise kwiinyanga zokuqala zobhubhane weCOVID-19, senza inkxaso-mali yokuchacha kwakhona ifikeleleke lulana kumashi shini amancinci.
Sandisa inkuthazo yerhafu yengqesho kwaye sijonga olunye uluhlu lotshintsho lolawulo ukwenza kube lula ukuba amashishini amancinci aqeshe abantu abongezelelekileyo.
Njengokuba benditshilo kwiNtetho engoBume beSizwe, ezi ziphakathi kwamanyathelo esiwathabathayo njengorhulumente “ukudala iimeko eziza kwenza icandelo labucala – elikhulu nelincinci – livele, likhule, lingene kwiimarike ezintsha, ukudala iimveliso ezintsha nokuqesha abasebenzi abongezelelekileyo.”Icandelo labucala liqesha isithathu kwisine sabasebenzi boMzantsi Afrika kwaye lingunobangela wesibini kwisithathu lwenkcitho yotyalo-mali kunye nophando nophuhliso.
Ndawo-nye nombuso onobuchule nophuhliso, ilizwe lethu lidinga icandelo labucala elichachayo elityala imali kwimveliso.
Njengokuba ingqesho isanda kwicandelo labucala, kuxhaswa kwaye kugcinwa iindlela zokuziphiilisa ezongezelelekileyo. Izinto neenkonzo zihanjiswa ngezinga elingaphezulu kwaye umbuso wentando yesininzi uyakwazi ukuqokelela ingeniso eyongezelelekileyo ukuphuhlisa uluntu.
Uxwebhu lwe-‘Ready to Govern’ luthi indima yombuso “kumelwe ukuba ihlengahlengiswe ngokwezidingo zoqoqosho lwesizwe ngendlela etshintshekayo”, nokuba kungokonyusa icandelo likarhulumente ngendlela enecebo okanye ukulehlisa ngezinye.
Asizi kufikelela kuqoqosho olunje ngaphandle kombuso wophuhliso owomeleleyo nonobuchule kunye necandelo labucala elibandakanyayo nelikhula ngokukhawuleza. Akumelanga ukuba sicelwe ukuba sikhethe enye okanye enye.
Sizidinga zombini.
