Ukuphela kweMeko yeNtlekele kusondele eMzantsi Afrika

Vukuzenzele Unnamed

UMongameli Cyril Ramaphosa usandula ukubhengeza kwiNtetho yakhe engoBume beSizwe (i-SONA) ka-2022 ukuba urhulumente uceba ukuphelisa iMeko yeNtlekele yeSizwe njengokuba ilizwe lingena kwisigaba esitsha solawulo lobhubhane wesifo seNtsholongwane yeCorona (i-COVID-19).
“Yinjongo yethu uku -phelisa iMeko yeNtlekele yeSizwe ngokukhawuleza sakube sigqibe amanye amanyathelo phantsi koMthetho weMpilo weSizwe neminye imithetho ukulawula lo bhubhane,” utshilo uMongameli.
Ngomhla we-15 kweyoKwindla 2020, uMongameli Ramaphosa wabhengeza iMeko yeNtlekele yeSizwe ngokwemimiselo yoMthetho woLawulo lweNtlekele waze wazisa uluhlu lwamanyathelo okunqanda ukwanda koqhambuko lwe-COVID-19.
UMongameli Ramaphosa uthe phantse zonke izithintelo ezikwiintshukumo zoqoqosho nezasekuhlaleni sele zisusiwe, kwaye uninzi lwazo ngenxa yokuqhutywa  kwenkqubo yokugonya.
Ukhumbuze abemi beli ukuba amachiza okugonya ayeyona ndlela ihamba phambili yokuzikhusela ngasekuguleni, ekufeni nakwi-COVID-19, esele ithathe ubomi babantu abaphantse bafikelele kuma100 000 kweli.
“Oko ndatsho ukuba ngokubona kwam, ukuba bendingagonyanga, ngeyoMnga ukufumana kwam i-COVID-19, mhlawumbi ngendingemanga apha ngoku,” utshilo ecinga emva.
UMongameli uthabathe ithuba ukubongoza abemi boMzantsi Afrika ukuba bafumane isitofu esisindisa ubomi nokuba baqhubeke nokulandela amanyathelo ezempilo asisiseko nokuba bahlale bethe qwa. “Siza kukwazi ukuqhubeka nobomi bethu, nokuba le ntsholongwane isephakathi kwethu,” utshilo, esongeza ngelithi lo bhubhane wenze mandundu iyantlukwano phakathi kwabo baqeshiweyo nabo bangenamisebenzi.
INgxowa-mali yoManyano
UMongameli Ramaphosa ubhengeze ukuba iNgxowamali yoManyano sele iqokelele i-R3.4 yeebhiliyoni kubemi boMzantsi Afrika neenkampani, ngethuba ngaphaya kwama-400 abantu neenkampani ezili100 zizinikele ngexesha neenkonzo zazo.
“Le ngxowa-mali idlale indima engundoqo ekuxhaseni impendulo yesizwe yempilo nokunciphisa  ingxaki yoluntu eliye lajongana nayo ilizwe nabantu.” Ubulele wonke umntu oye  wafaka isandla kule ngxowa-mali, kuquka namaLungu ePalamente kunye namanye amaphulo ukuxhasa abo bachatshazelwe ngulo bhubhane.
UMongameli ukwanike imbeko kubasebenzi abaninzi bezempilo abasebenza nabantu bedlala indima ebalulekileyo kumlo onxamnye ne-COVID-19.
“Isizwe sityala umbulelo omkhulu kubasebenzi bezempilo abazinikeleyo nakwabanye abantu abasebenza phambili ababeke iimpilo zabo nobomi babo emngciphekweni ukukhathalela abo bagulayo nababuthathaka ngeli xesha,” utshilo.
– SAnews.gov.za