I-SONA ka-2022: Ukwenza ubomi neendlela zokuziphilisa ngcono

Vukuzenzele Unnamed

Urhulumente uzibophelele ukuqinisekisa ukuba abantu baba yeyona nto ibalulekileyo, kwaye uzinike iintsuki ezili-100 ukugqibezela isicwangciso esibandakanya onke amacandelo asekuhlaleni ukukhulisa uqoqosho loMzantsi Afrika, ukudala imisebenzi nokulwa indlala.
Oku kuye kwagxininiswa nguMongameli Cyril Ramaphosa kwiNtetho yakhe engoBume beSizwe ka-2022.
“Lo msebenzi uza kukwakha isiseko sesiCwangciso soKwakhiwa ngokuTsha nokuVuselelwa koQoqosho, nto leyo eseyinkqubo yethu sonke yokwakha kwakhona uqoqosho,” utshilo.
UMongameli uthe izinto eziphambili kurhulumente kukoyisa ubhubhane weSifo seNtsholongwane yeCorona (i-COVID-19), ukwakha amaseko, ukonyusa iimveliso zeli, ukudala imisebenzi nokulungisa ingxaki yamandla ombane.
“Ukuba kukho into enye esivumelana ngayo sonke, kukuba le meko ikhoyo  ngoku – yentlupheko enzulu, intswela-ngqesho nokungalingani – ayamkelekanga kwaye ayinakho ukuhlala inje.” 
Ukudala Imisebenzi
Kulo nyaka uphelileyo, izinga lentswela-ngqesho liye lafikelela kwelona nqanaba liphezulu elakhe labonwa lama-34.9% kwikota yesithathu, emveni kwentshabalalo ebangelwe yi-COVID-19.
“Sonke siyazi ukuba urhu-lumente akadali misebenzi.
Ngamashishini adala imisebenzi. Owona msebenzi karhulumente ubalulekileyo kukudala iimeko eziza kwenza ukuba icandelo labucala – elincinci nelikhulu – livele, likhule, likwazi ukungena kwiimarike ezintsha, livelise iimveliso ezintsha, nokuba liqeshe abantu abongezelelekileyo,” utshilo.
Malunga ne-80% yabantu abaqeshiweyo basebenza  kwicandelo labucala.
UMongameli uthe urhulumente uza kukwazisa inkqubo entsha yokuqinisekisa imali-mboleko ukunceda amashishini amancinci ukuba achache kwakhona.
INkqubo yobuRhulumente yoVuselelo lweNgqesho, esele ixhase ngaphaya kwamathuba engqesho angama-850 000,  iza konyuswa. Uninzi lwabaxhamli ibingabantu abancinci; ngaphaya kwe-60% ngamanina.
Uvuselelo lwengqesho luza kwenza ukuba iSebe leMicimbi yeKhaya lifune abantu abatsha abangama-10 000  abangaqeshwanga ukuba basebenze ukwenza iingxelo esisemaphepheni zibe dijithali, iNgxowa-mali yeNtswela-ngqesho yoLuntu iza kudala amanye amathuba omsebenzi angama-50 000.
ISebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho liza kufaka abantu abangama-10 000 abangaphangeliyo abaphumelele imfundo yobugcisa nemisebenzi yezandla kunye nezithwalandwe zoqeqesho kwiindawo zokusebenza ukususela kwekaTshazimpuzi  2022.
Iqonga leSAYouth.mobi elinceda ulutsha olukhangela imisebenzi lukwazi ukufikelela kumathuba ngoku linolutsha olungaphaya kwezigidi eziyi-2.3 olubhalisiweyo. Kwaba, ngaphaya kwama-600 000 sele befakwe emisebenzini.
“INkonzo yeSizwe yoLutsha evuselelweyo iza kukhangela iqela layo lokuqala labantu abatsha abangama-50 000 kulo nyaka uzayo [ku-2023], ibe idalela abantu abatsha amathuba okuba negalelo kwiindawo abahlala kuzo, ukuphuhlisa izakhono zabo nokukhulisa ukuqesheka kwabo.”
Isibonelelo se-SRD siyaqhubeka
ISibonelelo sesiQabu seNkxwaleko (i-SRD) se-COVID-19, esele sincede ngaphaya kwezigidi ezili-10 zabantu abangaphangeliyo, sandisiwe ngomnye unyaka – de kube sekupheleni kweyoKwindla 2023.
Ngaphaya koko, urhulumente nabo asebenza nabo baza kukhangela iindlela zokuqhubeka nokuxhasa abantu abaphantsi koxinzelelo lwenkxwaleko ngendlela engazi kuxabisa ilizwe kakhulu kwixesha elide elizayo.
Ukufikelela kumhlaba
Urhulumente uyaqhubeka nohlaziyo lomhlaba kwaye ulindele ukuba uMthetho oYilwayo wokoXhuthwa koMhlaba upasiswe kulo nyaka. Ukusekwa kwe-Arhente yoHlaziyo noPhuhliso loLimo noMhlaba nako kuza kugqitywa kulo nyaka.
“ISebe leMisebenzi yoLuntu naMaseko liza kugqiba ukutshintshelwa kweehektare ezingama14 000 zomhlaba karhulumente uye kwi-Arhente yoPhuhliso lweZindlu,” utshilo uMongameli.
Wongeze ngelithi kukho umhlaba owaneleyo olimekayo ukuxhasa izigidi zabalimi abakwizinga elincinci beenkukhu, imfuyo,  iziqhamo nemifuno.
Sele kukho ngaphaya kwabalimi abangama100 000 abafumene iivawutsha zeembewu ukwandisa iimveliso zabo kwaye le nkqubo iza kongezwa ukuba ifikelele kubalimi abongezelelekileyo.
Urhwaphilizo nolwaphulo-mthetho
Ukususela ekusekeni iKomishoni yoPhando ejonge ukuBanjwa kweLizwe, ukuya ekuphandeni izivumelwano zokuthengwa kwezinto ezoyamene ne-COVID-19, uMongameli Ramaphosa uguqulula yonke into xa kufikelelwa ekupheliseni urhwaphilizo.
“Akho nanye kwiinzame zethu zokuvuselela uqoqosho eliza kuphumelela ukuba asilwi esi sibetho sorhwaphilizo kube kanye,” utshilo uMongameli.
Ungagqithanga umhla wama-30 kweyeSilimela, uza kuhambisa isicwangciso sentshukumo njengempendulo yeengcebiso zeKomishoni.
Ucacise ukuba ii-arhente ezahlukeneyo zikarhulumente bezisebenzisana ukuchonga abenzi bobubi, ukubohlwaya, nokuze benze kubuyiswe imali karhulumente ethe yebiwa.
Ukhuselo nokhuseleko luza komelezwa ngokukhangelwa kwabasebenzi bamapolisa abangama12 000 nokusekwa kwakhona kwamaqonga obupolisa asekuhlaleni.
Ukulwa i-GBVF
Urhulumente uza kuphinda aqhubeke nokuqinisa umlo ngakubuNdlobongela obusekelwe kwiSini nokuBulawa kwabaseTyini (i-GBVF) kulo nyaka, ngokumiselwa kwesiCwangciso sesiZwe seCebo esingeGBVF.
Imithetho emithathu emitsha sele isebenza ukomeleza inkqubo yobulungisa yolwaphulo-mthetho ixhase abo basindileyo. “Ukumi-selwa kwalo mthetho kuza kuhamba umgama omde ekuqinisekiseni ukuba izehlo zitshutshiswa ngokuyimpumelelo, ukuba abo basindileyo bayakhuselwa nokuba kumiselwa izithintelo ezisebenzayo.”Omnye wale mithetho mitsha athetha ngayo uMongameli Ramaphosa  ububhekise kuMthethosilungiso waboPhuli-mthetho neMiba eyoyamene nayo okhusela abo basengozini ekubeni ngamaxhoba okwesibini. Lo Mthetho uvumela iinkundla ukuba zichonge abalamli ukuba abangathi abantwana abancinci, abantu abakhubazekileyo okanye abantu abolupheleyo bangahlolwa ngayo ngethuba kuqhutywa iinkqubo zenkundla.
UMongameli ebekwathetha ngoMthetho-silungiso omtsha woLwaphulo-mthetho (amaTyala ezeSondo kunye neMiba eyoyamene nawo) okhupha emthethweni ukusetyenziswa ngokwesondo nokuncwasa abantu abakhubazeke ngokwengqondo.
Lo Mthetho ukwaxela ukuba amatyala ezesondo ngakubantu abakhubazeke ngokwengqondo kufuneka bafakwe kuMqulu weSizwe waBoni bezeSondo.
UMthetho wobuNdlobongela baseKhaya ujonga okunye ukuntsokotha kobundlobongela kubudlelwane basemakhaya. Lo Mthetho uvumela inkqubo yokufumana imiyalelo yokhuseleko kwaye wandisa iimeko esingafakwa phantsi kwazo isicelo somyalelo wokhuseleko.
UMongameli Ramaphosa uthe lo Mthetho ukwakhusela abo bolupheleyo ngakuzo zonke iintlobo zobundlobongela basekhaya kwaye ukwavumela abakhalazi ukuba bafake izicelo zonyanzeliso lokhuselo kwi-intanethi, nto leyo ibongela ixesha neendleko zokuhamba.