Imithetho emitsha izakuqinisa amasolotya edabi lokuchasana ne-GBV

Vukuzenzele Unnamed

Ngasekupheleni konyaka ophelileyo, ndafumana ileta esuka kwiqela la bemi abaxhalabileyo becela urhulumente ukuba akhusele amanina nabantwana beli lizwe ebundlobongeleni.
Kule leta babecacisa ngokwanda kodlwengulo nokuxhatshazwa ngokwesini, babhala ukuba njengamabhinqa basaqhubeka bephila ngoloyiko; nokulahlekelwa lithemba kwabo kwezomthetho.
Ndachukumiseka kakhulu ke kukuva amanina eli lizwe lethu ekhala ngoloyiko lwawo ngenxa yokuphathwa gadalala mihla le.
Ngenzame ke zokusabela kwiimbandezelo abafazi nabantwana aba phantsi kwazo siye sawisa imithetho eyenzelwe ukubakhusela. Nangona kukhona izohlwayo zokushenxisa abenzi bobubi eluntwini, amabhinqa nabantwana basaqhubeka bebandezeleka yaye besifa.
Kutshanje ndiye ndatyikitya iziqendwana ezintathu zomthetho ezihlonipha izithembiso zethu zokuqinisa inkqubo yobulungisa kulwaphulo-mthetho, ukukhuthaza ukuphendula kurhulumente wonke, kwa kunye nokubeka phambili inkxaso kumaxhoba kuzo zonke iinzame zethu zokukhusela abasetyhini nabantwana.
UMthetho-siHlomelo omtsha woLwaphulomthetho kunye neMiba eNxulumene nawo ukhu sela abo basesichengeni sokuxhatshazwa okwesibini ngokuvumela  iinkundla ukuba zinyule abameli apho umntwana osemncinane, abantu abakhubazekileyo okanye abolupheleyo behlolwa ngelixa kusaqhuba ityala.
Lo mthetho ukwavumela ukusetyenziswa okwandisiweyo kobungqina ngokusebenzisa iteknolojiyokuthetha  ngevidiyo.
Oku kunceda ukukhusela amangqina kwingozi, ukuthintela ukulibaziseka okungafanelekanga kunye nokugcina iindleko zetyala.
Umthetho omtsha ukwaluqinisa kakhulu ulawulo lwethu lwebheyile.
Umtshutshisi ongayichasiyo ibheyile kumatyala athile amiselweyo kufuneka izizathu zakhe zibhalwe phantsi.
Ingoko ke kuzakufuneka inkundla ithathele ingqalelo naziphi na izigrogriso zobundlobongela ezenziwa ngummangalelwa kummangali  kunye  nezimvo zommangali ngokhuseleko lwakhe.
Ngaphandle kokuba ke inkundla yanelisekile ukuba kukho iimeko ezizodwa ezibangela ukuba kukhululwe ummangalelwa ngebheyile, ibheyile kufuneka ingamkelwa.
UMthetho-siHlomelo omtsha woMthetho woLwaphulo-mthetho (uLwaphulo-mthetho lwezeSondo kunye neMiba eNxulumene noko) uyakukhaba ukuxhatshazwa ngokwesondo kunye nokuncwaswa kwabantu  abakhubazeke ngengqondo, kwaye ubonelela ngokuba izenzo zolwaphulo-mthetho ngokwesondo ngakubantu abakhubazeke ngokwasengqondweni mazibhalwe kwiRejista yeSizwe yabaPhuli-mthetho ngokweSondo (i-NRSO).
Siye sali sabela ke ikhwelo lokuqinisa ulawulo lweNRSO.
Abo bakhe babanjelwa izenzo zolwaphulo-mthetho ngokwesondo kubantwana okanye abantu abakhubazeke ngokwasengqondweni, kwaye babegwetywe ixesha elingaphezu kweenyanga ezili-18 bangade bakwazi  ukufaka isicelo sokuba amagama abo asuswe kwirejista emva  kweminyaka  engama-20.
Lo Mthetho ukwalawula umsebenzi wokunika  ingxelo wabantu abaziyo ukuba izenzo zolwaphulomthetho ngokwesondo zenziwe kubantu abase sichengeni.
UMthetho-sihlomelo omtsha woBundlobongela baseKhaya ukwathathela ingqalelo ezinye zeengxaki kubudlelwane basekhaya obunobundlobongela.
Siyiqinisile ke nenkqubo yokufumana isithintelo nemiyalelo yokhuseleko, sikwazandisile neemeko zokufaka isicelo somyalelo wokhuseleko.
Nalo mcimbi wabasetyhini nabantwana abaxhatshazwayo nangona kukho, okanye bekwinkqubo yokufaka isicelo somyalelo wokhuseleko siwuso mbulile.
Ukuba ngaba inkundla ikholelwa ukubeni umma-ngali ukufutshane nengozi, inkundla ingakwaziukukhupha umyalelo wokhuseleko ngokukhawuleza ngaphandle kokuba inike ummangalelwa isaziso senkqubo yokuthintela ubudlelwane bakhe nommangali.
Into ebalulekileyo kwakhona, kukuba ngaba inkundla iyamkhulula u mntu otyholwa ngobundlobongela basekhaya ngebheyile engenawo umyalelo wokhuseleko awunikiweyo, inkundla kufuneka iwukhuphe emva kokuchotshelwa kophando.
Xa inkundla ikhupha umyalelo wokhuseleko kufuneka kwangaxeshanye ikugunyazise ukukhutshwa kwencwadi egunyazisa ukubanjwa, enqunyanyisiwe, myalelo lowo ekufuneka unikezelwe kwiNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS).
Ukuba ngaba ilungu leSAPS likrokrela ukuba ummangali usengozini ngenxa yokwaphulwa komyalelo, ummangalelwa makabanjwe ngoko nangoko.
Ngoku lo mthetho ubakhusela ngokucacileyo abantu abadala kuzo zonke iintlobo zobundlobongela basekhaya, kwaye ukwavumela abamangali ukuba bafake izicelo zokhuseleko kwiintanethi, ukonga ixesha kunye neendleko zokuhamba.
Ukukhusela abamangali kwimpatho-gadalala eyongezelelekileyo, inkundla ingakhupha iSaziso sokuJonga uKhuseleko i-Safety Monitoring Notice esiya kufuna ukuba ilungu le-SAPS lisoloko linxi-belelana nommangali ngaphandle kolwazi lo mxhaphazi.
Amaxhoba e-GBV asoloko ekhalazela ukuphathwa kakubi okanye ukungahoywa kweenkxalabo zawo xa efaka izikhalazo kwizikhululo zamapolisa. Phantsi kwalo mthetho mtsha amalungu e-SAPS asilelayo ukuthobela izibophelelo zawo ayakuba netyala lokuziphatha kakubi.
Bonke abantu abadala abanolwazi okanye abakro krela ukuba ubundlobongela basekhaya benziwa emntaneni, umntu okhubazeke ngokwengqondo okanye umntu osele ekhulile banyanzelekile ukuba baxele izenzo ezinjalo kunontlalontle okanye emapoliseni.
Ukusilela ukwenza oko kuzakuba lityala lolwaphulomthetho.
Oku kubeka ngokusemthethweni umgaqo wokuba ubundlobongela obujoliswe kwabasetyhini nabantwana luxanduva  lawo  wonke umntu.
Ukubekwa kwale mithetho mitsha linyathelo elibonisa ukuba sithatha amanyathelo okulwa nobu bundlobongela.
Kodwa ke ayisosisombululo, eyona nto kufuneka yenzekile kwasekuqaleni kukuthintela ubundlobongela kunye nokuxhatshazwa ukuba kungenzeki.
Ngokusebenzisana njengoluntu, kufuneka sisebenzise ilizwi lethu, i-arhente yethu kunye nesibindi esinaso ukuphelisa ngonaphakade ubundlobongela obenziwa ngamadoda ngakubafazi nabantwana.