I-CACH idibanisa abafundi namathuba okufunda

Silusapho Nyanda

Abantu abatsha abangekazifumani iindawo zokufunda kumaziko emfundo ephakamileyo  bangakwazi ukufaka izicelo kwinkqubo ye-Central Application Clearing House (i-CACH) ukuze bafumane uncedo.
I-CACH yinkonzo karhulumente efunyanwa kwi-intanethi elawulwa  liSebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho (i-DHET).
Le nkonzo inceda abo bafuna ukufikelela kwiiyunivesithi, iikholeji zeMfundo yobuGcisa noQeqesho (i-TVET) kwakunye nokufikelela kumathuba ophuhliso lwezakhono.
“Iinkonzo ze-CACH sele ziqalile ukufumaneka ukususela ngomhla wama-24 kweyoMqungu 2022, kwaye ziza  kuvalwa  ngomhla wama-31 kweyoKwindla, ngelokunceda abo bafuna ukungena kumaziko emfundo enomsila kodwa bajongane nemiceli mngeni yokufumana indawo,” utshilo uMphathiswa weMfundo ePhakamileyo noQeqesho uGqirha uBlade Nzimande.
I-CACH ingakwazi ukunceda  abo abangakhange banikwe ndawo kwizifundo ebebezikhethile, nangona bebefake izicelo zabo zokwamkelwa eyunivesithi okanye ekholejini kwangethuba kunyaka ophelileyo ka-2021.  I-DHET icacise  yathi oku kudla ngokwenzeka xa umfaki-sicelo engazifezekisi iimfuno ezibalulekileyo zokufaka isicelo okanye xa iziko lifikelele kumda walo othile wenani labafundi elinokubabhalisa.
Kwakhona i-CACH ingakwazi nokunceda nabo babefake izicelo kumaziko emfundo ephakamileyo baza bamkelwa, kodwa  ngoku bafuna ukutshintsha izifundo zabo.
I-CACH iza kuthumela abantu kwiinkonzo zophuhliso lwamakhono omsebenzi, ukanti xa kunokwenzeka ingabanika nezithuba ezisafumanekayo kwiiyunivesithi  nakwiikholeji ze-TVET okanye uqeqeshelo-msebenzi kwiCandelo leMfundo noQeqesho (i-SETA), nga phandle kokuba umfakisicelo ade axhamleke aye ngeenyawo kulo naliphi na iziko.
Zonke iiyunivesithi zikarhulumente, iikholeji zeTVET kwakunye nee-SETA zizakukwazi ukufikelela kwiziko le-database ye-CACH zikhangela abantu abahlangabezana nemilinganiselo yezithuba ezisafumanekayo.
“Amaziko akhetha abantu kwiziko le-database yeCACH ze aqhagamshelane nabo ngqo abo bathe babakhetha,” sitshilo isithethi se-DHET u-Ishmael Mnisi.Abafaki-zicelo ababhalise kwi-CACH kufuneka bangenise iinkcukacha zabo, kuquka nezifundo abazifunayo. Kananjalo abafaki-zicelo bangakwazi ukwamkela okanye ukukhaba izifundo abazinikwayo kwinkqubo yeCACH.
Bakuba abenzi-sicelo bebhalisile baza bafaka iziphumo zabo zeBanga le-12. Amaziko emfundo ephakamileyo angakwazi ukufikelela kwii nkcukacha zabafaki-sicelo kwi-CACH.
UMnisi uqhube wathi i-CACH ikwanceda abo baza kuba ngabafundi kodwa bangade bafikelele kwizigqibo zokukhetha amakhondo omsebenzi, ibanceda ngokubathumela kwiNkonzo yoPhuhliso lwamakhondo yakwa-DHET iKhetha Career Development Service.