Abenzi borhwaphilizo lwe-COVID-19 baziswe ngaphambili

Vukuzenzele Unnamed

Abantu kunye neenkampani ezibandakanyeka kurhwaphilizo olunxu lumene nokuthengwa kweempahla neenkonzo zentsholongwana ye-Corona (i-COVID-19) zikarhu lumente bayaphenduliswa ngezenzo zabo.
Ingxelo yeYunithi yoPhando eKhethekileyo (i-SIU) emalunga nophando lwayo lwezityholo ezinxulumene nokusetyenziswa gwenxa kwemali ye-COVID-19, kuwo onke amanqwanqwa karhu lumente kunye namacandelo abucala. Kutsha nje uMongameli u-Cyril Ramaphosa ugunyazise ukuba ikhululelwe uluntu.
Le ngxelo linyathelo elibalulekileyo lokulwa u rhwaphilizo kunye nolawulo olugwenxa kumacandelo karhulumente nawabucala, utshilo uMongameli.
KweyeKhala ngowama-2020, uMongameli Ramaphosa wagunyazisa uphando lwe-SIU.
Ngelo xesha ke waye wazibophelela ngelithi  ukuba ngaba i-SIU ifumene ubungqina bokuba kwenziwe ityala lolwaphulo-mthetho, iya kunyanzeleka ukuba idlulisele ubungqina kwiGunyabantu lezoTshutshiso leSizwe (i-NPA).
Kwakhona i-SIU yaphinda yagunyaziswa ukuba ithathe amanyathelo ezomthetho ukuze kubuyiselwe nawuphi na umonakalo okanye ilahleko eyenziwe ngurhu lumente.
Ingxelo yeziphumo
I-SIU iphande iikhontrakthi ezingama-5 467 ezinikwe ababoneleli-nkonzo aba ngama-3 066, ezixabisa i-R14.3 yeebhiliyoni zizonke.
Uphando kwiikhontrakthi ezingama-4 549 sele luqukunjelwe,  kwaye ezingama 2 803 kuzo zafunyanwa zingekho mgaqweni.
Oku kufikelela kwi-62% yophando olugqityiweyo.
UMongameli uthe, “Olu phando lujolise kubantu kunye namaziko akholelwa ukuba angasebenzisa ixeshana lokuba semngci-phekweni kwesizwe ukuze bazityebise kunye nabo bathe basebenzisana nabo ukusebenzisa kakubi izixhobo zoluntu.” Wongeza ngelithi akwamkelekanga kwaphela ukuba iikhontrakthi ezininzi ezinxulunyaniswa nokusindisa ubomi kunye nokukhusela iindlela zokuziphilisa kwabantu  zazingekho mgangathweni, zingekho mthethweni okanye zinobuqhophololo.
“Olu phando lubonakalisa ukuzimisela kwethu ekuncothuleni neengcambu urhwaphilizo kwanokujongana nabenzi bobubi,” utshilo uMongameli Ramaphosa.Ingxelo yokugqibela inika iinkcukacha ngemiba esele i-SIU iyigqithisele kwi-NPA, amasebe namaqumrhu kwicandelo likarhulumente nakwamanye amaqela.
UMongameli ucacise wathi, i-NPA iza kuqukumbela inkqubo yokuzisa abenzi bobubi entolongweni kunye nokujongana nobuthakathaka obuqatshelwe luphando lwe-SIU.
Inyathelo elithatyathiweyo 
Oko luqalile uphando, i-SIU, isebenzisana nezinye ii-arhente, yenze le nkqubela ilandelayo: 
• Imiba engama-45, enexabiso elidityanisiweyo le-R2.1 yeebhiliyoni, iye yabhaliswa kwiNkundla eYodwa yoRhwaphilizo, ubuqhophololo kunye nokuHamba kwee-Mali ngokungekho mthethweni. 
Inkundla ekhethekileyo inegunya elisemthethweni lokubuyisela iimali zoluntu ezibiwe ngorhwaphilizo, ubuqhetseba kunye nokuhamba kwemali ngokungekho mthethweni, kwaye ithathele amanyathelo omthetho kubaphuli-mthetho;
• Amatyala angama-224 athunyelwe ukuze kuthathwe amanyathelo oluleko ngakumagosa kumasebe okanye amaqumrhu karhulumente;
• Amatyala angama386 athunyelwe kwi-NPA, kwaze amatha -thu agqithiswa  ukuze uMongameli athathwe amanyathelo;
• Amatyala angama-330 agqithiselwe kumanyathelo olawulo, aquka ukufakwa kuluhlu lwabantu bangesokuze baphinde benze umsebenzi kurhulumente.
Ngokwengxelo, yi-R551.5 yezigidi zeerandi (ixabiso lemali nempahla) eza kubuyiswa, ngelixa i-R34.2 yezigidi sele ibuyisiwe ukuza kuthi ga ngoku.
Olu phando luthintele ilahleko ye-R114.2 yezigidi zeerandi, laze labekela bucala izivumelwano ezixabisa i-R170.4 yezigidi. I-SIU ilindele ukuba le miba igqitywe phakathi kwenyanga yeNkwindla nekaTshazimpuzi kowama-2022, phambi kokuba kungeniswe  ingxelo eyongezelelweyo kuMongameli ekupheleni kwenyanga yeSilimela.
Le ngxelo ayizibandakanyi iinkcukacha zophando oluqhubekayo kwizityholo ezifunyenwe yi-SIU emva kwexesha elibekiweyo lengxelo yokugqibela.
Oku kuquka uphando kubanikezeli beenkonzo abangama-476, abanxulunyaniswa neekhontrakthi ezingama-964, ezixabisa ngaphezu kwezi-gidi ezingama-R961.6.
Iziphumo zolu phando, i-Ofisi kaMongameli ithe, ziza kuqukwa kwingxelo yange nyanga yeSilimela.
UMongameli ubulele i-SIU ngomsebenzi owenziweyo kwezi nyanga zili-18 zigqithileyo, kunye nabo bathe bahlaba ikhwelo, namanye amangqina athe anika ulwazi kubaphandi.