Uqeqesho lwasimahla kunye neenkonzo ezenzelwe amashishini

Kgatiso Tlhakole

Amaqumrhu amathathu karhulumente agxile ekuncediseni ukuba kube lula ukwenza ushishino eMzantsi Afrika ukuze kukhule uqoqosho.
Iintetho nge-intanethi zakutshanje zeVuk Talks , ebezibanjwe yiNkqubo yoNxibelelwano loLwazi lukaRhulumente, zabanjelwa ukwazisa ngesigunyaziso, imigaqo-nkqubo kunye neenkonzo ezinikezwa yiKomishini yokuBhalisa iiNkampani nobuGcisa beNgqondo (i-CIPC), iNkundla yeeNkampani (i-CT) kunye neKhomishini yokuXhotyiswa kwabaMnyama ngokuBanzi kwezoQoqosho (i-B-BBEE).
Onke la ngamaqumrhu eSebe lezoRhwebo, uShishino noKhuphiswano.
Ngokutshiwo ngu-Ofentse Shakung, uMphathi we-CIPC wokuSungulwa kwezinto ezintsha kunye neNtsebenziswano kunye noMlawuli weE-learning, i-CIPC inemisebenzi eyahlukeneyo, equka ukubhaliswa kweenkampani, umanyano lwamashishini kunye namalungelo obunini bempahla  (iimpawu zorhwebo, amalungelo awodwa omenzi wempahla, uyilo kunye nelungelo lokushicilela).
I-CIPC iphuhlise iqonga layo leBizPortal ukuze kubhaliswe iinkampa ni kunye neenkonzo zayo kwiintanethi, oku kukwenza lula inkqubo yokubhalisa ishishini kunye nokuthobelaizinto ezifunwayo.
IBizPortal inika abo bafuna ukuqalisa ishishini iqonga elipheleleyo lokubhalisa inkampani, ukubhali sela irhafu, ukubhalisa igama, ukufaka isicelo sesatifikethi se-B-BBEE, ukubhalisa kwiNgxowa-mali yeMbuyekezo kunye neNgxowa-mali yeInshurensi yokungaSebenzi, kunye nokuvula i-akhawunti yebhanki yeshishini.
“Yinkqubo engasebenzisi maphepha kwaye inkampani iya kubhaliswa kwiiyure ezingama-24 ingenisiwe.
Sikwangeze iinkonzo zeshishini likaGoogle, ezenza ukuba iinkampani zifumane iprofayile yeshishini kunye newebhusayithi yenkampani kuGoogle simahla,” utshilo u-Shakung.
Ukusebenzisa ezi nkonzo, yiya kuwww.bizportal.gov.za ucofe ku'register' ophezulu kwephepha elo.
Iportal ilula ukuyiphendla-phendla kwaye ichaza ngendlela yokubhalisa ishishini.
Uqeqesho lwasimahla
I-CIPC isandu kuphehlelela iqonga loqeqesho lasimahla kwi-intanethi iLearni-Biz ukunceda abalawuli bamashishini amancinci, aphakathi kunye nasakhasayo kunye noosomashishini ukuze bakhulise izakhono zabo zokuqhuba amashishini anempumelelo, ngelixa beqinisekisa ukuba bathobela iimfuno zomthetho.
Eli qonga sisikhokelo sokufunda esidijithali kwaye sibandakanya izifundo zevidiyo kunye nokuzivavanya kwimodyuli nganye kwezi zisixhenxe,” utshilo u-Shakung.
Iimodyuli zibandakanya uqeqesho lokuba yintoni inkampani kunye nomlawuli, abantu abaphambili kwinkampani, uxanduva lomlawuli, umdla wobuqu kwezezimali kunye nokungqubana kwemidla, umvuzo wabalawuli nokwabelana ngeenzuzo kunye nabalawuli bebhodi.
Ukubhalisela uqeqesho, yiya kuwww.elearning@cipc.co.za.
INkundla yeeNkampani 
UGqr Mohammed Chicktay, uSihlalo we-CT, ucacise wathi eli qumrhu linceda ngokunika isisombululo esikhawulezayo kwiimbambano zenkampani, ezinxulumene nezicelo kunye nezikhalazo ezenziwe ngokoMthetho weeNkampani Nomb.
71 ka-2008.
Oku kuquka iimbambano ezinxulumene namagama eenkampani, ulawulo kunye nokukhululwa ekusekeni iikomiti zentlalo kunye nezokuziphatha.
Ikwahlola izaziso zokuthobela ezikhutshwe yi-CIPC, ezimalunga nokwandiswa kwexesha lokulungiselela iingxelo zemali zonyaka kunye nokubiza iintlanganiso zikawonke-wonke zonyaka.
“I-CT ijongene nezicelo ezahlukeneyo.
Umzekelo, ngexesha leCOVID-19, sifumene izicelo ezininzi zokwandiswa komhla wokubiza intlanganiso kawonke-wonke yonyaka,” utshilou-Chicktay.
Enye inkonzo yasimahla enikezwa yi-CT kukusombululaimbambano.
Umntu angathumela umba ukuba usonjululwe ngolamlo, ngoxolelwaniso okanye ngokwahlulwa, njengenye indlelayokuya enkundleni.
I-CT isebenza njengomququzeleli phakathi kwamaqela.
“I-CT ikhuthaza ukulamla ukuze kugcinwe imisebenzi, ngakumbi ngelixesha leCOVID-19, kwaye abantu maba qale ukuyisebenzisa ngakumbi,” utshilo u-Chicktay.
IKhomishini ye-B-BBEE
Ngokutshiwo nguLindiwe Madonsela, uMphathi oMkhulu wokuThobela weKomishini ye-B-BBEE, igunya lequmrhu kukubeka esweni, ukulawula kunye nokukhuthaza ukuthotyelwa koMthetho we-B-BBEE Nomb.46 ka-2013.
Ikwaphanda ngezenzo zokwenza kubonakale ngongathi kuphethe abantu abantsundu; ijolise ekwandiseniulwazi kunye nokukhuthaza ukuqondisa uluntu nge-B-BBEE, ngokuthi yenze amanyathelo okufundisa nawokuqondisa; kwaye inika isikhokelo eluntwini.
Nawuphi na umntu okrokrelayo okanye onolwazi ngokunyhashwa kwalo Mthetho, njengendawo apho abantu abantsundu besetyenziswa ngongathi baphethe kusenziwa iinzame zokuphumeza amanqaku e-B-BBEE, unokufaka isikhalazo kwikomishini.
Umzekelo, abasebenzi abakwiqumrhu basenoku ba bayazi ukuba iqumrhu elo lisebenzisa abantu abamnyama ngongathi ngabo abanini-zabelo okanye abaphathi, ngelixa kungenjalo, utshilo uMadonsela.
Ukufumana ulwazi oluthe vetshe ngeKomishini ye-B-BBEE, tyelela www.bbbeecommission.co.za.