Masisebenzisane ukomeleza ulawulo lwentando yesininzi

Vukuzenzele Unnamed

Njengokuba uMzantsi Afrika ungena kunyaka omtsha, ujongene neziganeko ezibini ezinzulu ezisikhumbuza ngeendlela ezahlukeneyo, into esidibanisayo.
Ngosuku lokuqala luka2022, isizwe sahlangana ukuthi ndlela-ntle kuBhishophu Omkhulu u-Desmond Tutu e-St George’s Cathedral, eKa pa.
Ibilixesha elibuhlungu kakhulu sikhumbula ubomi kunye negalelo leqabane elithandekayo, nowaye sisazela, ngeendlela ezininzi, zokuziphatha sisisizwe.
Kwaxeshanye, umngcwabo wakhe ibungumbhiyozo wezinto ebezimele. Ibingumbhiyozo womanyano kunye nehlobo abantu bethu abohlukene ngalo, kwaye ibisisikhumbuzo sokuzincama okwenziwa ngabantu ukufezekisa le ntando yesininzi yethu.
Ngosuku lwesibini luka2022, ilizwe labukela lunxunguphele umlilo  omkhulu owawutshisa iPalamente yethu, kumgama nje olikhulu leemitha ukusuka apho sasidibanele khona kusuku olungaphambili sinika imbeko yethu yokugqibela kuBhishophu Omkhulu uTutu.
Sixolile ke noko kuba akukho mntu wabhubhayo kwaye akukho mntu wonzakalayo kulo mlilo.
Sibulela kakhulu kubacimi-mlilo abathe balwa lo mlilo baze bawucima ekugqibeleni.
Uphando ngonobangela walo mlilo luyaqhuba.
Kufuneka siqinisekise ukuba olu phando lwenziwa ngokugqibeleleyo kwaye luyaqukunjelwa ngaphandle kolibaziseko.
Ilizwe kufuneka lazile ukuba kwenzeke ntoni.
Amalungiselelo enziwe ukuqinisekisa ukuba imisebenzi yePalamente iyaqhuba nokuba izakhiwo azinakusetyenziswa.
Kubalulekile ukuba iPalamente iqhubeke ithathe ingqalelo kwaye ipasise imithetho eza kuguqula uluntu kwaye iqhubeke ukubeka iliso nokuqinisekisa uxanduva njengoko  urhulumente esebenzela ukuphumeza isigunyaziso asifumene ebantwini.
Ngaphandle kokuba kufutshane kwe-St George’s Cathedral kunye nePalamente, into edibanisa le misitho mibini kukuba umsitho ngamnye usikhumbuza ngeyonanto isidibanisayo njengabemi boMzantsi Afrika: intando yesininzi yethu.
Simzilele u-Desmond Tutu kuba ebengutata osibonisa indlela malunga nentando yesininzi yethu.
Sikhathazekile ngokonakala kwezakhiwo zethu zasePalamente kuba zizisihlalo sentando yesininzi yethu.
Ziyindawo apho uMgaqo-siseko wethu omtsha wentando yesininzi wamkelwa khona kwisithuba nje seminyaka engama-25 eyadlulayo, nalapho amakhulukhulu emithetho yethu yenguqu iye yapasiswa khona.
Sisenongasoloko siyiqaphela loo nto, kodwa umlilo wasePalamente ubonise indlela abaziva ngayo abemi boMzantsi Afrika ngentando yesininzi yabo.
Kukwasisikhumbuzo sokuba kubaluleke kangakanani na ukuba sisebenzele ukomeleza nokukhusela le ntando yesininzi.
Ngelixa izakhiwo zePalamente zonakaliswe ngapha kweqondo lokusebenziseka kwakhona, iziko lePalamente liyaqhuba nomsebenzi walowokunceda abantu.
Esi sisikhumbuzo esibalulekileyo sokuba amaziko ethu entando yesininzi awazozakhiwo, kodwa angumsebenzi owenziwayo kunye nethemba abantu abanalo ngakuwo.
Oku kuyinyaniso kuwo onke amaziko ethu entando yesininzi.
Kanye xa ucinywa umlilo ePalamente, iBambela leJaji eyiNtloko u-RaymondZondo ungeniseinxalenye yokuqala yengxelo yeKomishini yoPhando ngokuThathwa koMbuso.
Le nxalenye yengxelo inika iinkcukacha ngendlela amaziko oluntu amaninzi athe angenwa ngayo, aphangwa kwaye onakaliswa kakhulu.
Oku kuquka amashishini karhulumente afana neZiko loMoya loMzantsi Afrika, iNkqubo yoNxibelelwano loLwazi lukaRhulumente kunye neNkonzo yeRhafu yoMzantsi Afrika.
Le nxalenye yale ngxelo izoba umfanekiso okhathazayo kakhulu, wendlela apho amaziko abalulekileyo entando yesininzi athi afakwa engozini kwaye ajongelwa phantsi ngenjongo yolwaphulo-mthetho.
Akubiwanga nje izixa zemali kuphela, kodwa la maziko awakwazanga kuzalisekisa ngokufanelekileyo imisebenzi ayemiselwe yona.
Iziphumo kunye nezindululo zeKomishini kaZondo ziza kunceda ilizwe ukuba liwakhe ngokutsha la maziko kwaye libambe abo banoxanduva lokuphendula.
Kufuneka siqinisekise ukuba siyazisebenzisa ukuze sikhusele la maziko nakwixesha elizayo angaphinde athinjwe.
Kufuneka sizikhusele kuzo zonke iinzame zokuthothisa intando yesininzi yethu esiyizuze nzima – nokuba ezi nzame zikwihlobo lorhwaphilizo kumashishini karhulumente, ukubhukuqa ii-arhente zethu zogcino-mthetho, ukonakaliswa kweziseko ezingundoqo zoqoqosho, okanye ukuhlaselwa kwenkululeko kunye nobulungisa beenkundla zethu zamatyala.
Kufuneka sikhusele uMgaqo-siseko wethu, urhulumente wethu wentando yesininzi kunye nenkqubo yonyulo kuye nabani na ofuna ukwenza buthathaka intando yesininzi yethu; avimbe abantu boMzantsi Afrika inkululeko yabo abayizuze nzima.
Mininzi imingeni ekufuneka siqwebisene nayo njengoko sisebenzela ukwakha ngokutsha kwaye si.
 kunye nakumnqweno wethu wokwakha isizwe esimanyeneyo, esikhululekileyo nesilinganayo.
Ndininqwenelela okuhle kodwa kulo nyaka siwungenayo.