Asikho isizathu se-GBV 

Vukuzenzele Unnamed

Ukuba iinkolelo okanye iimbono ekwabelwana ngazo zesizwe zinokugwe tywa ngendlela esibaphatha ngayo abasetyini kunye nabantwana, ngoko ke siyasilela ukufikelela koko kujoliswe kuko.  Iinkcukacha-manani zamva nje zolwaphulo-mthetho ezikhutshwe yiNkonzo yamaPolisa yaseMzantsi Afrika (i-SAPS) zibonisa ukwanda kodlwengulo, ubundlobongela basekhaya, kwaye, mhlawumbi ezixha labisa kakhulu, ekubulaweni kwabantwana.
Phakathi kweyeKhala kunye neyoMsintsi wama2021, abantu abangama-9 556, uninzi lwabo ababengabasetyhini,  badlwengulwa.  Oku kungaphezulu nge-7% kunexesha lokunikezelwa kwengxelo yangaphambili.
Kumatyala okubetha aphantse abe ngama-73 000 axeliweyo ngeli xesha, ngaphezulu kwama-13 000 ayenxulumene nobundlobongela basekhaya. Izinga lokubulawa kwabantwana linyuke phantse ngesinye kwisithathu xa kuthelekiswa nexesha lokunikezelwa kwengxelo yangaphambili.
Besitshilo ngaphambili ukuba ubundlobongela obenziwa ngamadoda kubafazi ngubhubhane wesibini ekufuneka ilizwe lethu lijongane naye, kwaye njengobhubhane we-COVID-19 sinokuboyiswa ukuba sonke sisebenza kunye.
Njengorhulumente, sinomsebenzi kunye noxanduva lokunikezela ngezixhobo eziyimfuneko ukulwa ulwaphulo-mthetho lwe-GBV.
Ukusukela oko kwasungulwa isiCwangciso-qhinga seSizwe sokuLwa uBundlobongela obuSekelwe kwiSini kunye nokuBulawa kwabaseTyhini (i-NSP) ngowama-2020, kuye kwakho amangenelelo amaninzi okuphendula kwi-GBV.
Oku kuquka uhlaziyo lwemithetho oluneziphumo ezibalulekileyo, inkxaso kumaxhoba ngokubonelela ngezixhobo zobungqina kwizikhululo zamapolisa kunye neenkonzo zentlalontle yengqondo, ukusekwa kweNgxowa-mali ye-GBVF kunye nokuxhasa uthungelwano lwamaZiko eThuthuzela kunye ne Khuseleka.
I-SAPS ibonise ukuba senza inkqubela ekunciphiseni imisebenzi engekenziwa ebonakalayo kuhlalutyo lwe-DNA, nto leyo ebalu lekileyo ekuqinisekiseni ubulungisa kumaxhoba olwaphulo-mthetho ngo kwesondo. I-SAPS ikwasebenzisa iidesika ze-GBV ezili-134 kwizikhululo  zamapolisa kwilizwe jikelele kwaye ikwinkqubo yokuseka ezinye.
I-GBV yingxaki yobundlobongela bamadoda.
Ubukhulu becala ngamadoda abangabadlwenguli.
Ikakhulu ngamadoda angabenzi bobubi bobundlobongela basekhaya.
Kuba ingamadoda angabenzi bobubi abaphambili, kufuneka ukuba ibe ngamadoda akhokelayo ekuthetheni phandle nasekuxeleni i-GBV, ekwaziseni abantu, ekufundiseni koontanga nakwinzame zokuthintela.  Kufuneka ibe ngamadoda akwizikhundla zamagunya akwinkqubo yethu yezemfundo, nokuba ziinqununu zezikolo, abafundisi-ntsapho okanye abahlohli, aba-fanele ukuba benze izikolo kunye neendawo zemfundo ephakamileyo zibe ziindawo ezikhuselekileyo zabantwana besikolo ababhinqileyo kunye nabafundi, kwaye bangaze kwakhona basebenzise kakubi isikhundla sabo segunya ukufuna ukwabelana ngokwesondo.
Amadoda nawo kufuneka adlale indima eyakhayo nekhoyo nangakumbi kwiintsapho zawo, ingakumbi ekukhuliseni oonyana babo ukuze babonise ubudoda obusempilweni, obuqinisekileyo nobunentlonipho kwabasetyhini nasebantwaneni.
Uluntu kunye nemibutho yasekuhlaleni kufuneka basebenzisane norhulumente ukuphumeza amangenelelo achaza ngokutsha ubudoda ukuze sikhulise amadoda ngovelwano, unyamezelo kunye nentlonipho.
Njengokuba ukuphelisa i-GBV kungenakuba luxanduva lukarhulumente kuphela, uxanduva alunakuba kowasetyhini kunye nabantwana ukuphelisa amanqanaba awothusayo obundlobongela kunye  nokuxhatshazwa okubafike layo.
Amadoda aseMzantsi Afrika kufuneka adlale indima enkulu ekuthinte leni i-GBV.  Kufuneka aqonde ukuba yintoni na eyenza i-GBV, ingakumbi ubundlo bongela obuphathelele kwezesondo.
Iinkcukacha-manani zamva nje zolwaphulo-mthetho zibonisa ukuba baphantse babe ngama-4 000 abantu abadlwenguliweyo emakhayeni abo okanye kulowo womenzi wobubi, kwaye kumatyala  odlwengulo axeliweyo angama-400 ixhoba nomenzi wobubi  babenobudlelwane.  Oku kuphakamisa ukuba amanye amadoda akaqondi ukuba ukwabelana ngesondo ngaphandle kwemvume ecacileyo lulwaphulo-mthetho.
Amadoda kufuneka ahloniphe abafazi bawo kunye namantombazana athandana nawo kwaye aqonde okokuba ukuba kubudlelwane bokuthandana ayisosizathu sokuba kwenzeke ubundlobongela  basekhaya.
Ukuba indoda nganye iqokelela amadoda amabini kwaye bobathathu benze isibhambathiso sokuba abasoze badlwengule owasetyhini, abasoze babeke isandla kowasetyhini kwaye babambane kwaye indoda nganye ibenoxanduva lokuphendula ngesi sibhambathiso, singaqalisa ngokuzimiseleyo ukulwa ne-GBV kwilizwe lethu.
Akwanelanga ukungenelela kuphela xa abenzi bobubi bengenile kwinkqubo yobulungisa  yolwaphulo-mthetho.  Kufuneka sithintele i-GBV phambi kokuba yenzeke.
Ndimemelela onke amadoda oMzantsi Afrika, ulutsha kunye namadoda amadala, abahlali basezidolophini kunye nabahlali basezilalini, kubantu abakholelwa kwiinkqubo zala maxesha kunye nabo basagcine izithethe, abatshatileyo nabangatshatanga, ukuba babe yinxalenye  yeenzame zothintelo ezifuneka ngamandla emakhayeni nakwiindawo  esihlala kuzo.
Ngokwala ukuvumela ubundlobongela obujo liswe kwabasetyhini kunye nabantwana, ngokungabandakanyeki kubo wena buqu kwaye ngokuxela izenzo ezinjalo, umisela umzekelo kwamanye amadoda ngokubanzi, ingakumbi kubafana namakhwenkwe.
Uza kuthumela umqondiso ocacileyo wokuba akukho budlelwane, ubuhlobo  okanye ukunyaniseka okunokuba sisizathu sokuba ungameli amalu ngelo abasetyhini kunye nabantwana.