Umhla wokugqibela wenkxaso-mali ye-NSFAS

Sphelele Ngubane 

Abafundi kunye nolutsha oluphuma kumakhaya ahlelelekileyo bayakhuthazwa ukuba bafake izicelo ze nkxaso-mali kwiSikimu soNcedo lwezeZimali sabaFundi seSizwe (i-NSFAS).
NgokweSebe leMfundo ePhakamileyo kunye noQeqesho, inkxaso-mali ye-NSFAS iyafumaneka kulutsha olusele lugqibile ukufunda esikolweni okanye olusele lusenza izifundo  kulo naliphi na iziko lemfundo ephakamileyo.
Bangafaka isicelo senkxaso-mali kwi-NSFAS ukuze bafunde kwiyunivesithi yoluntu okanye kwikho leji yemfundo yobugcisa  noqeqesho (i-TVET), kodwa bakwenze oko ngaphambi komhla wokuvala wesi-7 kweyoMqungu, wama-2022.
Abafaki-zicelo kufuneka:
• Babe ngabemmi boMzantsi Afrika okanye babengabahlali abasisigxina abafuna ukubhalisa okanye abasele befunda kwiyunivesithi yoluntu okanye kwikholeji ye-TVET; 
• Babengabaxhamli bezibonelelo ze-Arhente yeziBonelelo zezeNtlalo noMhlalaphantsi yaseMzantsi Afrika; 
• Baphume kumakhaya anomvuzo wekhaya odityanisiweyo ongagqithiyo kuma-R350 000 ngonyaka.
Ikamva eliqaqambileyo
UNhlakanipho Mkhize (26) ligcisa lombane, siyabulela kwinkxaso-mali ye-NSFAS, ehlawulele izifundo zakhe kwiKholeji i-Umfolozi TVET College KwaZulu-Natal.
UMkhize, wase-Richards Bay, ufumene iSatifikethi seSizwe (Somsebenzi) so Kwakha iziSeko zoPhuhliso loMbane ngowama-2017.
Ukongeza kwimfundo yasekholeji, kuye kwafuneka ukuba agqibezele uqeqesho lwasemsebenzini kwaye aphumelele uvavanyo lokwenza umsebenzi.
Ekuqaleni kwezifundo zakhe, uMkhize wafumana ithuba lokusebenzisa oko akufundileyo, eqinisekisa ukuba ufumana ukuzithe mba kwizakhono ezisisiseko awayeziphuhlisa.
“Njengomfundi owenza unyaka wokuqala, ndandisele ndilungisa iingxaki zombane kwindawo endihlala kuyo. I-Umfolozi TVET College isinike zombini ithiyori kunye nokusebenza.
“Inzuzo abanayo abafundi be-TVET ayikokubona nje ukuba wenziwa njani umsebenzi kuphela, kodwa ikwayinto enyanzelekileyo yokufunda esekelwe emsebenzini ukuze kuqinisekiswe ukuba banobuchule ngaphambi kokuba bafumane iziqinisekiso zabo,” utshilo.
Njengoninzi lolutsha lwaseMzantsi Afrika oluphuma kumakhaya ahlelelekileyo, uMkhize wayesazi ukuba ufuna ukulandela ikhondo lobunjineli, kodwa akukho namnye kusapho lwakhe owayenakho ukuhlawula imali yokufunda yasekho lejini.
“Ndathi ndakufumana ulwazi ngenkxaso-mali ye-NSFAS, ndandisazi ukuba iza kundikhokelela apho ndifuna ukuya khona – ukuba yinjineli,” utshilo.
Inkxaso-mali ye-NSFAS yeminyaka emithathu ka Mkhize yamhlawulela iincwadi zakhe, izifundo zakhe kunye nezothutho,  kwaye wafumana nesibonelelo sokuzikhathalela.