Ukwakha isiseko sotyalo-mali

vukuzenzele unnamed

Ngokwesiqhelo,  kweli xesha lonya ka sidla ngoku dibanisa abatyali-mali abaphuma kwilizwe liphe la nakwihlabathi jikelele.
Sibadibanisela  kwiNkomfa yoTyalo-mali yaseMzantsi Afrika ebanjwa rhoqo ngo nyaka.
Ngonyaka wama2018 sabamba iNkomfa yoTyalomali yokuqala njengenxalenye yephulo lethu lokonyusa i-R1.2 yetriliyoni kutyalomali olutsha kwisithuba seminyaka emihlanu. Le nkomfa yayizinyaswe nga bathunywa abangaphezu kwewaka ngo-2018 nango2019. Kodwa ke ngenxa yobhubhane lweCOVID-19 ngo-2020 ibibanjwe ngo buxhaka-xhaka beteknoloji . Zizonke, ezi nkomfa zonyuse ngaphezu kwe-R770 yeebhiliyoni zerandi kwizi bophelelo nezivumelwano zotyalo-mali kumacande lo amaninzi oqoqosho. Inkomfa yesine yoTyalo-mali yaseMzantsi Afrika ibiza kubanjwa ngenyanga ye Nkanga kulo nyaka ka-2021, kodwa sigqibe kwelokuba siyifudusele kwinyanga yeNkwindla kunyaka ola ndelayo ka-2022 ngenxa ye zinye iinkqubo eziliqela ezenzekayo ngeli xesha.
Ezi nkqubo ziquka unyulo loorhulumente basekhaya, inkomfa yemozulu ye-COP26 kunye noMboniso woRhwebo wangaphakathi kwe-Afrika.
Esinye isizathu esibaluleki leyo sokuyibamba kulo nyaka uzayo kukuba noko amanani abantu abazakuba begonye lwe iCOVID-19  ayakuba sele onyukile noko ngelo xesha, nto leyo ezakukwenza kube lula ukuhamba kunye noku dibana endaweni enye.
Nangona iNkomfa yesine yoTyalo-mali izakubanjwa emva kweenyanga ezimba lwa, kodwa lona iphulo lethu lotyalo-mali liyaqhube keka. Liqhubekeka nokuba luphakathi komceli mngeni wemeko yezoqoqosho eba ngelwe ngubhubhane we COVID-19 , meko leyo eyathi yaphinda yandiswa nangakumbi bubundlobo ngela nentshabalalo eye nzeke kwiindawo ezithile zaKwaZulu-Natal nase Rhawutini ngenyanga ye Khala. Amashishini ayaqhu beka nokwenza okulungileyo kwizibophelelo zawo, kunye nokujonga amanye amathuba otyalo-mali eMzantsi Afrika.
Kulo nyaka uphelileyo nje kuphela, phantse i-R120 yebhiliyoni yotyalo-mali iye yangena kulwakhiwo lweprojekthi okanye ekwa ndisweni kwayo. Oku kuthetha ukuba ukuza kuthi ga ngoku malunga nama-38% ezibo phelelo zotyalo-mali zizonke – okanye i-R290 yeebhiliyoni  – sele ingene kuqoqosho.
Olunye utyalo-mali luye lwalibaziseka ngenxa yeCOVID-19 , ngakumbi kumacandelo antlitheke nzima kolu bhubhane afana nophuhliso lwezindlu kunye necandelo lezokhenketho. Uqoqosho olubonisa intla ntsi entsha kwaye olukhula ngokonwabisayo likuma shishini avelisa amayeza. I-Aspen Pharmacare isa ndula kuphehlelela ulwandiso lwayo lwe-R3.4 yeebhiliyoni, eyayilubhengeze kwiNkomfa yoTyalo-mali yonyaka yo wama-2018. Olu tyalo-mali luguqule umzi-mveliso  wa kwa-Aspen oseGqeberha waba yenye yezona ndawo zinkulu emhlabeni jikelele zokwenziwa kweyeza loku thomalalisa iintlungu kwaye sele ibonelele ngomthamo ongaphezulu kwezigidi eziyi100 zesitofu sokugonyela i-COVID-19  sakwaJohnson & Johnson .
UMbutho wezeMpilo weHla bathi ukwakhethe uMzantsi Afrika ukuba ubambe indawo yokwenziwa kwe sitofu sokugonya i-mRNA ne-Biovac Institute, le ke yintsebenziswano ephakathi kukarhulumente namashi shini abucala. Inzalelwane yalapha eMzantsi Afrika UGqr Patrick Soon-Shiong kunye nekhampani yakhe i-NantWorks kutsha nje ba bhengeze inyathelo  lokwakha ukhathalelo lwezempilo olukwinqanaba eliphezulu e-Afrika. Ukongeza kutyalomali abaza kuluzisa, olu phuhliso luya kuba negalelo kumnqweno wethu oyindiba niselwano wokuba ilizwekazi lenze ii-60% eemfuno zalo zogonyo singekagqithi ku nyaka wama-2040.
Enye indawo yokukhula kwezoqoqosho ikwicandelo lamandla ombane. Abanikimaxabiso  abangama-25 ababekhethwe kumjikelo wesihlanu weNkqubo yethu yokuFumana uMvelisi oZi meleyo waMandla oMbane oHlaziyekayo, kulindeleke ukuba batyale imali emalunga neebhiliyoni ezingama-R50 kuqoqosho. Ukonyuswa komgangatho welayisenisi yokuveliswa okuzinzisi weyo ukuya kwiimegawathi ezili-100 kusenokwenzeka ukuba kubangele utyalo-mali lwabucala olukhulu kwiipro jekthi zokuvelisa umbane.  Kutsha nje uMzantsi Afrika ufumene isibophelelo sokuqala esimalunga ne-R131 yeebhiliyoni zokuxhasa ngemali utshintsho oluya kuqoqosho lwekhabhoni ephantsi, ngokutyala imali kumandla ombane ohlaziye kayo, i-hayidrojini ecocekileyo kwakunye nezithuthi zo mbane. Oku kuzibophe lela kwe-United States, i-United Kingdom, iFransi, iJamani kunye neManyano yaseYurophu kuhambelana neSivumelwano sase-Paris, esibophelela amazwe afumi leyo ukuba axhase ukuyeka kokusetyenziswa kwe kha bhoni kumazwe asakhasayo.
Olu tyalo-mali kumandla ombane luza kusinceda ukuba soyise ucimi-cimi wombane ilizwe elijongene nawo owenziwa njengeenzame zokuncitshiswa komthwalo osemandleni ombane eli zweni, njengoko ngoku umthamo omtsha wokuvelisa umbane sele uqaliswa.
 Utyalo-mali olutsha olu ninzi kumaziko agcina ulwazi kunye neentambo ezihamba ngaphantsi kolwandle aluyi kuzisa utyalo-mali olu tsha kuphela nje, kodwa luza kubonelela ngeziseko eziyimfuneko ekukhuleni kweteknoloji kunye nama shishini onxibelelwano.
Kweli phulo lethu lotyalo-mali inxalenye ebalulekileyo yisiphumo sohlenga-hlengiso esilwenzayo kwimimandla efana nezamandla, ezo nxibelelwano, amanzi nama zibuko noololiwe. Olu hle ngahlengiso ke luza kuphu cula ukusebenza kakuhle kwakunye  nokhuphiswano, luthobe iindleko zokwenza ushishino eMzantsi Afrika, kananjalo lukhuthaze utyalomali lwabucala olukhulu kwiziseko ezingundoqo zoqo qosho lwethu.
Ngoku sinemimandla yoqo qosho ekhethekileyo eli-13 kwilizwe liphela, ibonelela abatyali-mali ngenkuthazo yotyalo-mali ekujoliswe kuyo, amazinga erhafu akhethe kileyo kunye nenkxaso yokuthumela ngaphandle. Le mimandla ibonelela ngesiseko semizi-mveliso kumashishi ni akhangela amathuba kwiimarike zasekhaya neza mazwe ngamazwe. Ixabiso lale mimandla liye lonyuka kakhulu emva kokumiselwa koMmandla woRhwebo weLizwekazi lase-Afrika ongaHlawulelwayo, lo mma ndla welizwekazi uqalise ukurhweba ngokusesikweni ekuqaleni konyaka.
Nangona izinga lotyalo-mali liye lacotha ngenxa yezi phumo zobhubhane, nto leyo eyenze ukuba iiprojekthi ezi ninzi zilibaziseke, kodwa ngoku iphulo lotyalo-mali liqalisa ukuphakamisa isantya kwakhona.
Njengoko sisenza inkqubela phambili yokuphunyezwa kweSicwangciso soKwakha Ngokutsha nokuVuselelwa koQoqosho  esi sicwangciso sizakujoliswa kakhulu kwizi seko ezingundoqo, uphuhliso lwemizi-mveliso, ingqesho kunye nohlaziyo lwezakhiwo utyalo-mali olwenzelwe okusingqongileyo lona luza kuphucuka ngakumbi.  