Ukufaka izikhalazo ze-GEPF kwenziwe kwalula

vukuzenzele unnamed

Amalungu, abo aba dla umhlala-pha ntsi kwakunye na baxhamli bengxowa-mali yoMhlalaphantsi waBase benzi bakaRhulumente (i-GEPF) ngoku banga kwazi ukufuna uncedo xa bengonwabanga nge nkonzo noncedo abalu fumana kwi-GEPF.  Ngeenzame zokuqinisekisa uku ba amalungu e-GEPF kunye neentsapho zawo aphathwa ngobulungisa, kutshanje ibhodi iseke i-ofisi yokusi ngatha izikhalazo. Le ofisi ibi zwa ngokuba yiGovernment Employees Pension Ombud (i-GEPO) iyi-ofisi yanga phakathi e-GEPF nangona ko dwa yona izimele ngokwayo.  I-GEPF ingenye yeengxowamali ezinkulu zomhlala phantsi kwihlabathi, ina malungu angaphezu kwe-1.2 esigidi kwakhona inamalu ngu asele esidla umhlala-pha ntsi kwakunye nabaxhamli abangaphaya kuma-450 000.
Le ngxowa-mali yasekwa kwaye ilawulwa ngoko Mthetho woMhlalaphantsi wabaSebenzi bakaRhulu mente.
Igqwetha uMakhado Ramabulana obekwe njengo Nozikhalazo (iOmbud).
Uthi le ofisi yasekwa nge njongo yokunceda abantu abangonwabanga ziinkonzo abazifumana  kwi-GEPF.  Le ofisi izakuba luncedo olukhulu ngakumbi kwabo bantu bangakwaziyo  ukuzihlawulela iindleko zo mthetho, kuba kaloku ngoku ngaphambi kokuba abantu bathabathe izikhalazo zabo bazise kwi-Ofisi yoMkhuseli woluNtu okanye kwiinkundla zamatyala, ngoku bazaku kwazi ukufumana uncedo nongenelelo olusuka kuNo zikhalazo.
UNozikhalazo uza kunge nelela kwimiba ekhokelela ekulibazisekeni ngokunga fanelekanga kweentlawulo zabafaki-mabango. Kodwa ke angalamla izikhalazo ezi vele kule minyaka mithathu igqithileyo kuphela.
Eminye imiba ejongwe ngaphakathi kwe-GEPO iba ndakanya:
• Ukusilela kwamagosa u kwenza imisebenzi yawo ngokomthetho nemigaqo yeNgxowa-mali; 
• Ukwaphula isibophelelo ngaphandle kwesizathu esibambekayo; kwakunye• Nolwazi olungachaneka nga okanye olulahleki sayo olusuka kubasebenzi be-GEPF.
Phambi kokufaka isikhalazo kwi-GEPO, umntu kufu neka athumele isikhalazo esibhaliweyo kwi-GEPF, mhlawumbi kwi-Arhente yoLawulo loMhlalaphantsi kaRhulumente (i-GPAA) okanye kumqeshi wakhe, aze abanike ithuba loku silungisa isikhalazo eso.  U-Ramabulana ucacise wathi, “Kufuneka ubanike ithuba elingangee ntsuku ezingama-30 ukuba balungise imiba oyikhalazelayo. Ukuba ngaba, emva kweentsuku ezingama-30, imiba yakho ayikasonjululwa, ungasifaka ke isikhalazo kuNozikha lazo”.
UNozikhalazo akazula mkela ityala ukuba sele kukho uphando olusemthethweni oluqhutywayo kwenye indawo.
 “Kwiiveki ezimbini uku suka kumhla wokufunyanwa kwesikhalazo, i-GEPO iza kuthathela ingqalelo [ityala] kwaye yazise ummangali ukuba izakukwazi na uku phanda ithathe isigqibo ngomba lowo.”Ukuba uNozikhalazo uyala ukuphanda isikhalazo, umma ngali angabhalela i-ofisi ye-GEPO zingaphelanga iintsuku ezingama-21 enika izizathu zokuba kutheni ekholelwa ukuba isikhalazo siwela phantsi komyalelo we GEPO.  



