Xela urhwaphilizo ngomnxeba wokulwa norhwaphilizo

Silusapho Nyanda 

UKUBA NGABA urhanela izenzo zorhwaphilizo, ubuqhophololo, ubusela okanye ezinye izenzo ezigwenxa kwinkonzo karhulumente, uyabongozwa ukuba uzixele.
Ukunqanda urhwa philizo kwiinkonzo zoluntu kuyakuhla la  kungowona mba upha mbili kurhulumente, yiyo loonto  kukho uMnxeba weSi zwe oChasene noRhwaphilizo owenza kubelula ukuba ulu ntu xa lukrokrela izenzo zo rhwaphilizo luzixele kulo mnxeba.
Lo mnxeba waphehlelelwa ngokusesikweni yiKomishoni yeNkonzo kaRhulumente (i-PSC) ngonyaka wama2004, ukususela ngoko ke sele wamkele iminxeba engaphezulu kwama-100 000 ebika ngezityholo zorhwa philizo nolawulo olugwenxa. UMkomishinala weNkonzo kaRhulumente u-Michael Seloane, owongamele wonke umsebenzi owenziwe yile komishoni uthi le minxeba eyenziwa ngabo bahlaba i khwelo ikhokelele kuphando lwamatyala angama-24 035 orhwaphilizo, ubuqhophololo kunye nolunye ulwaphulomthetho.
Phakathi konyaka wama-2020 kunye nowama-2021, ngama tyala abalelwa kuma-337 axelwe kulo mnxeba. Amashumi amathathu anesihlanu ala matyala aphandwa yi-PSC abandakanya ukuqeshwa kunye nezitenxo zokuthengwa kweempahla. Kwaze kwathi ke amatyala athe ashiyeka athunyelelwa kwamanye amasebe karhulumente okanye ii-arhente zogci no-mthetho ukuze aphandwe.  Inkqubo yoKwakha ngokutsha noPhuhliso lwezindlu (i-RDP), ithenda kunye nezibonelelo ze zentlalo zezinye zezona zityholo zixhaphakileyo ezenziweyo.
U-Seloane uqhubeka athi, “Ngexesha lokumiswa kwee ntshukumo siye salunywa indlebe nge-imeyile. Sikwanayo nenkqubo yokurekhoda imiyalezo ezishicilela yona ngokwayo kwabo banqwenela ukutsalela umnxeba wethu emva kweeyure zomsebenzi”.  Wongeza ngelithi ukusukela oko ehlisiwe amanqanaba okumiswa kweentshukumo, kukho ukonyuka okuthe gqolo ekuxelweni korhwaphilizo olunxulumene nezibonelelo zentlalo-ntle, ingakumbi izi bonelelo zoNcedo lweNtla lo-ntle ngexesha leNtlekele.
Ukomeleza iinzame zoku nqanda urhwaphilizo, uRhu lumente uxhobise ii-arhente zogcino-mthetho ngabasebenzi abanezakhono, kwakhona waseka iZiko elidibanisa zonke ii-arhante zogcino-mthetho i-Fusion Centre . Eli ziko liyi ngqokelela yamaqela ee-arhente zogcino-mthetho ezabelana ngolwazi nezixhobo zokulwa ubuqhophololo norhwaphilizo ekufumaneni iimpahla neenkonzo ezinxulumene ne-COVID-19 .
  Kwenzeka ntoni emva kokuba umntu etsale indlebe yabezomthetho?  USeloane uthi xa ityala lixelwa ngomnxeba, ama gosa esisombululo aye ajonge ukuba zonke iinkcukacha ezifanelekileyo zikhona na.
Oku kuquka iinkcukacha zokuba ngubani owenze ntoni, senziwe nini isenzo eso  sesityholo, kwaye bekutheni.  Uthi xa kuthe kwafunya niswa ubugwenxa – nokuba bubugwenxa bokuthenga nokuqeshwa, ukunyotywa, urhwaphilizo olunxulumene nezindlu ze-RDP, ubuqho phololo kwisibonelelo sika rhulumente, ukufudukela kwelinye ilizwe ngokunge kho mthethweni, ukubetha, ubusela okanye ubuqhopho lolo. I-PSC iye mhlawumbi icebise ngamanyathelo olungiso kwisebe elicha phazelekayo okanye ityala elo ligqithiselwe koKhetshe, kwi-SAPS okanye kwiQela lokuLwa uRhwaphilizo ukuze kuphandwe nangakumbi.  Amatyala i-PSC eye iwabhe kise kumasebe ukuze aphandwe, aquka:
• Abasebenzi bakarhulu mente abenza umsebenzi owongezelelweyo kuba befumana imali ngapha ndle kwemvume yamasebe• Iinjongo ezingquzulana nesivumelwano somse benzi ebezingakhange zichazwe ngethuba, kunye• Nokuziphatha kakubi.
USeloane uthi i-PSC iye inike amasebe karhulumente iintsuku ezingama60 ukuba enze uphando, avale ityala.
Uthi  emva koko isebe lazisa i-PSC ngeziphumo zalo.
“Ukuba ngaba sonwabile ngamanyathelo athatya thwe lisebe, siza kulivala ityala, kodwa ukuba ngaba asonelanga, sibuyela kubo.” Ukungaziwa kuqi nisekisiwe 0000000  Xa umntu ohlaba ikhwelo engafuni ukuba kuchazwe ukuba ungubani, igosa lomnxeba le-PSC lithatha iinkcukacha zabo zoqha gamshelwano kuphela. Oku kubalulekile kuba kaloku ukuba ngaba kukho imfuneko  yolwazi olongezelelweyo, i-PSC kufuneka ikwazi ukuqhagamshelana nabo.  Abo bahlaba ikhwelo lama tyala kumnxeba we-PSC baqinisekiswa ngokukhu selwa ukuba ngaba bafuna ukuhlala bengaziwa, utsho uSeloane. Ucacisa athi, ama -gosa esisombululo aqeqeshiwe ukuze aqinisekise ukuba isa zisi somhlabi-khwelo sihlala sikhuselekileU-Seloane uthi abantu baseMzantsi Afrika mabalu xele urhwaphilizo kuba luxhwila ebantwini abanga thathi ntweni kwaye lumisa uphuhliso, nto leyo ebangela ukuba ilizwe lingakwazi ukuqhubela phambili.  