Lumkelani abophuli-mthetho ngezesondo

Sphelele Ngubane

QALA UJONGE iRejista yeSizwe yaBaphuli-mthetho ngokweSondo phambi kokuba uqeshe umntu ozakonasa abantwana okanye abo bakhubazeke ngokwasengqondweni.
Ukuba ungumntu oqhu-ba iziko lo-phuhliso lwabantwana abaselula, ungomnye wabantu abanyanzelwa ngumthetho uku-ba bajonge abaqeshwa babo abakho na kwiRe-jista yeSizwe yaBaphu-li-Mthetho ngokwe-Sondo (i-NRSO).
I-NRSO iphantsi kwe-Sebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-Siseko kwaye abaqeshi kufuneka baqhagamshelane neli  Sebe ukuze bajonge abo bazakubaqesha ukuba aba bhaliswanga na kolu luhlu.
Umqeshi ukwabandakanya umzali ofuna ukuqesha umntu oncedisa endlini, umntu ozakuba lilungu lebhodi elawula isikolo okanye esibhedlele. I-NRSO yasekwa ngokoMthetho wePalamente ngonyaka ka-2007.
Ngamagama wabo  bafunyenwe benetyala lolwaphulo-mthetho ngo kwesondo kubantwana nakubantu abakhubazeke ngokwasengqondweni abadweliswe kolu luhlu.
UNtombizodwa Matjila, uMbhalisi we-NRSO, uthi le rejista inamagama abophuli-mthetho angama doda nababhinqileyo.
Aba ngabantu abenze ubugwenxa kubantwana kunye nabo bakhubazeke ngokwasengqondweni, ubugwenxa obufana noku; 
• Ukwabelana ngesondo nomntwana omncinci; 
• Ukunyanzelisa okanye ukwenza abantwana bangqine ulwaphulomthetho ngokwesondo; 
• Ukwenzisa isondo; 
• Ukuxhaphaza ngokwesondo; 
• Ukunyoba umntwana ngenjongo yokumhluku meza ngokwesondo; 
• Ukuvezwa okanye ukuboniswa kwemifanekiso yamanyala yabantwana kubantwana okanye kubantu abakhubazeke ngo -kwasengqondweni; kunye nokusebenzisa abantwana okanye abantu abakhubazeke ngokwasengqondweni ngeenjongo zokuthatha imifanekiso yamanyala.
“Ukuba umqeshi ufumanise ukuba igama lomsebenzi wakhe liyavela kwirejista, umqeshi kufuneka amsuse loo msebenzi amse kwe sinye isikhundla esingazi kumdibanisa nomntwana okanye nomntu omdala okhubazekileyo ngokwa sengqondweni,” utsho uMatjila.Ukuba umqeshi akakwazi kumsusa umqeshwa amse kwesinye isikhundla, kufu -neka asiphelise isivumelwano sakhe sengqesho.
Ulwazi oluqulethwe kwiNRSO lubandakanya; 
• Amagama apheleleyo kunye nefani yomaphuli-mthetho, isiteke tiso kunye nomsebenzi wakhe; 
• Idilesi yendawo eya ziwayo yomaphuli-mthetho, kunye nazo naziphi na iinkcukacha zoqhagamshelwano, kuquka nedilesi yeposi; 
• Inombolo yesazisi yomaphuli-mthetho okanye yencwadana yokundwendwela; 
• Uhlobo lolwaphulomthetho ngokwesondo. Irejista ayivulelwa uwonkewonke. Inokuboniswa kuphela abaqeshi ukuze bafumane isatifikethi esi bonakalisa ukuba loo magama ajongiweyo awa chaphazeleki kulwaphulomthetho.
Kululwaphulo-mthetho ukuchazela nabani na ongomnye iinkcukacha eziqulethwe kwirejista.