IsiVuseleli sikaMongameli seNgqesho sidala amathuba emisebenzi

vukuzenzele unnamed

Ukusungulwa  kwakutsha nje kwesigaba sesi-bini kwesiVuseleli sika-Mongameli seNgqesho kubonisa inkqubela  phambili enkulu kakhu-lu kwilinge lokudala amathuba emisebenzi kubemi boMzantsi Afrika abangaphangeliyo.
Kulo nyaka uphelileyo siye saqulunqa uvuselelo ngqe-sho ukuze sikwazi ukudala amathuba emisebenzi amaninzi, kangango ko sikwazi kwixesha elifutshane. Oku kufune iindlela ezintsha nezino buchule zokusebenza ukuze kuphunyezwe le nkqubo ngesantya kunye nango-mlinganiselo ongazange wabonwa.
Kwinkqubo yokufuna nokufumana abantu abaninzi abangasebenziyo, siye sasebenzisa amaqonga edijithali ukuze sikwazi  ukufikelela kubathathi nxaxheba abaninzi naba fanelekileyo. Umzekelo, amafama asakhasayo  akwazile ukufaka izicelo zenkxaso nge-USSD kwaye bakwazi ukufumana iivawutsha kwiiselfowuni zabo.
Okoko iSebe leMfundo esi Siseko livule ithuba lezicelo zeqela elilandelayo labancedisi bezikolo kutshanje, bangaphezulu kwama-940 000 abantu abatsha abafake izicelo besebenzisa iqonga lokukhangela imisebenzi elingahlawulisiyo elibizwa ngokuba yi-SAYouth.mobi, eliyinxalenye ye-Pathway Management Network yesizwe.
Ukusetyenziswa kwethe-knoloji yale mihla ekuvezeni amathuba engqesho kwenze ukufuna nokufumana kwabantu kwabalula kakhulu, kwakhawuleza kwaye kwa caca ngakumbi.
IsiVuseleli sikaMonga meli seNgqesho senze kwaye saququzelela intse benziswano kumacandelo karhulumente. Iinkqubo kwisigaba sokuqala ziphunyezwe ngamasebe  esizwe ali-11. La masebe  alungelelanisa imisebenzi yabo ukuthintela ukuyi-phindaphinda kunye nemosharha kwaye aze aphucula ukufunda kumava abanye.
Uvuselelo lwengqesho lukwabonise ukubaluleka kwentsebenziswano noluntu. Urhulumente, amashishini, abasebenzi kunye nemibutho yoluntu aye adibana ukuze bafake abo bangaphangeliyo kwe-zoqoqosho.
Bangaphezu kwesiqingatha sesigidi abemi boMza ntsi Afrika abasele bexhamlile kwisigaba sokuqala sale nkqubo, kusekho neenkqubo ezininzi ezisa qhubayo. Abathathinxa-xheba banikwe amathuba amaninzi afana nawokufumana imali yokuziphilisa, awokufunda izakhono ezitsha nawokuphucula  ezo zakhono sele zikho kwaye basebenzisa amava abo njengesiseko sokufu mana eminye imisebenzi okanye awokuzisebenzela.
Umzekelo, abanye abatha thi-nxaxheba abaqeshwe kwiinkqubo zesigaba sokuqala zeSebe leMise-benzi kaRhulumente neziSeko zoPhuhliso bakwazile ukufumana  ingqesho kumacandelo abucala ekupheleni kweyo-Kwindla ka-2021.
Uninzi lwabo babekwiqela lokuqala labancedisi ezikolweni, ngokufanayo, baye bafumana indlela yokufu mana imisebenzi, bexhobe ngamava, ngeqeqesho kunye nabantu abanochaza uhlobo abasebenza ngalo.
Iinkqubo eziphunyezwe sisiVuseleli sikaMongameli seNgqesho ziye zanceda uluntu ngokubanzi. Ezi nkqubo zigxile ekudaleni amathuba emisebenzi kuma candelo anefuthe elithe ngqo kwezentlalo afana neze-mfundo, nokufumaneka kokutya, nokugcinwa kweziseko ezingundoqo zoluntu kunye nokukhuselwa koku singqongileyo.
Ngale nkqubo yesiVuseleli sikaMongameli seNgqesho kwaqeshwa ulutsha ukuwu xhasa nokuncedisa oo-titshala ezikolweni zethu.
Kwaze kwaqeshwa nabanye ukwakha iibhulorho kwiindawo ezisemaphandleni.
AmaZiko amaninzi oPhuhliso lwaBantwana aBaselula axhaswa ukuze akwazi ukuphinda avule kwakhona. Ngelixa amafama asakhasayo wona axhaswa ukuze akwazi ukwandisa iimveliso kwakhona, izinto ezifana nemilambo nemigxo bhozo iye yabuyiselwa esimeni esisebenzayo yaze yagcinwa ikhuselekile.
Njengenxalenye yesigaba sesibini, siseka iNgxowa-mali yeNgqesho yoluNtu eza kuxhasa imisebenzi ekhokelwa yimibutho yase -kuhlaleni kwimimandla eyohlukeneyo kwezolimo zasezidolophini, kwezobugcisa, kwezokuphu culwa kwamatyotyombe kunye nakwezokhuseleko  loluntu.
Kudodobalo okukhoyo okukhulu kwezoqoqosho okubangelwa ngubhubhane wentsholongwane i-Corona, ingqesho yoluntu nentla lontle ibonelele ngovuselelo olubalulekileyo ekudaleni amathuba emisebenzi. Oku ibe kukuphunyezwa kwe sibophelelo sethu sokuba urhulumente kufuneka axhase ezengqesho ngelixa icandelo lezemisebenzi  lisazama ukubuyela kunda lashe.
Ngokusebenzisa isi Vuseleli sikaMongameli seNgqesho sizise amawa kawaka abantu abatsha emsebenzini ngendlela engazange yabonwa ngaphambili kwixeshana nje elifutshane. Malunga nama-84% abathathi nxaxheba kwisigaba sokuqala sale nkqubo yayingabantu abatsha abangaphantsi kweminyaka engama-35, kwaye isibini kwisithathu sabo yayinga bantu basetyhini.
Kwisigaba sesibini sale nkqubo silindele ukuba eli nani linyuke nangakumbi, njengoko olu vuselelo luya kubonelela ngemali ephantse ibe yibhiliyoni yeeRanti kuNgenelelo lukaMongameli lweNgqesho yoLutsha.
Njengenxalenye yonge-nelelo, abantu abatsha abaliqela baza kufakwa  kwiiNkonzo zoLutsha zeSizwe ezihlaziyiweyo. Abantu abatsha baya kufumana uqeqesho kwizakhono zedijithali kwaye amashishini aphantsi  kolutsha aya kufumana inkxaso yokwandisa nokuqesha.
Intswela-ngqesho kwi lizwe lethu yingxaki.
Kwaye asikwazi kumelana nokulibaziseka okunga-pheliyo ekulungiseni le ngxaki, ulibaziseko olwenziwa kukwenziwa kwezinto ngokwemimiselo, ngokweenkqubo zokuqesha eziphelelweyo, nangoko kunqongophala kwamandla kunye nokucwangcisa, okanye ngenxa yeenkqubo ezihlala ixesha elifutshane kwaye ezingazinzanga.
Impumelelo yesiVuseleli sikaMongameli seNgqesho ibonise ukuba xa sisebenza kunye, sihamba ngo kukhawuleza, sicinga ngokukutsha kwaye silawula izixhobo zethu kakuhle, singane futhe  elikhulu.
IsiVuseleli sikaMongameli seNgqesho sibonakalise ukuba xa sinosebenzi sana njengamacandelo karhulumente, elabasebenzi kunye noluntu singakwazi ukudala amathuba emise benzi.
Andithandabuzi ukuba  isigaba esilandelayo senkqubo yesiVuseleli sikaMongameli seNgqesho siya kusisondeza  ngakumbi ekufezekiseni  iinjongo zethu sisonke, zokuba kubekho imisebenzi endilisekileyo kunye nama thuba alinganayo kumntu wonke.
