Ukuphelisa urhwaphilizo kumaziko karhulumente

vukuzenzele unnamed

Ukuvezwa ePala mente kokuba  amawaka abase benzi bakarhulumente bafumana izibonelelo ngo kungekho semthethweni  inyanga nenyanga, kubo nisa ukuba isende indlela ekusafuneka siyihambile yokumilisela inkcubeko yokuziphatha kakuhle kwabantu abakumaziko karhulumente.
Ekuqaleni kwalo nyaka, kwafunyaniswa ukuba malunga nama-16 000 abasebenzi bakarhulumente bahlawulwa ngokunxamnye nomthetho isibonelelo seNkxaso-mali yoNcedo lweNtlalontle yeCOVID-19 .
Kuyaziwa ngumntu wonke ukuba abafaki zicelo abane minye imithombo yengeniso abasifanelanga le sibonelelo.
Kukwaziwa ngokucacileyo ukuba abo bafumana umvuzo kurhulumente akufanele kanga bafake izicelo zale sibonelelo.  Kodwa bazifaka. Abantu abangama-17 000 abaqeshwe kurhulumente wesizwe nowephondo bafake izicelo ngeenjongo zokunyusa imivuzo yabo ngemali eyenzelwe abo bangathathi ntweni. Ngenxa yentlupheko isizwe ejongene nayo, eya ziwa kakhulu ngabasebenzi bakarhulumente, le njongo yangabom yokuba kwimali karhulumente ayixoleleki.
Urhulumente ngoku uqinisa imizamo yakhe yokuthintela olu hlobo loku xhatshazwa kwemali yakhe kwaye athabathe amanya thelo ngakuye nabani na okumaziko karhulumente othe wabandakanyeka kwi -senzo sobuqhetseba.
Kutshanje, urhulumente usungule iCandelo lokuzi Phatha kakuhle, iNtembeko kunye noLuleko kuLawulo lukaRhulumente. Eli candelo liza kwakha amandla nga phakathi kwimibutho yoluntu ukuze liqalise iinkqubo zoluleko kwimeko yokunga ziphathi kakuhle kwaye lisebenzisane namanye amaqumrhu karhulumente ekuziseni ngaphambili abo bathe babandakanyeka.
Eli candelo liza kuthumela amatyala orhwaphilizo kwiQela likaRhulumente lokuLwa uRhwaphilizo, lize lilandelele amasebe karhulu mente ukuqinisekisa ukuba amatyala olwaphulo-mthetho abandakanya abasebenzi bakarhulumente aguqulelwa kumatyala oluleko. Ngentse benziswano neziko iFusion Centre  lee-arhente ezininzi, eli candelo liza kunceda ekuchongeni abasebenzi ababandakanyeka kumatyala ahamba phambili aphandwe ngabasemagunyeni bezo mthetho.
Eli candelo liza kubeka eswe ni indlela yokuphila yabase -benzi bakarhulumente. Apho amasebe karhulumente aza kuchonga urhwaphilizo kunye nobutyebi obunga qondakaliyo, lamatyala aya kudluliselwa kwiNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika.
Eli candelo litsha sele liwuqalisile umsebenzi walo ngokuzimisela, lincedisa ekuchongeni abasebenzi bakarhulumente ababandakanyeka kumatyala anxulumene nokuthengwa kweempahla zeCOVID-19 , nesibonelelo esikhetheki leyo seCOVID-19  kunye nobuqhetseba kwiNgxo wa-mali ye-Inshurensi yokuNgaphangeli.
Amatyala amagosa ase burhulumenteni athunye lwe liCandelo loPhando oluKhethekileyo ukuze ku thathwe amanyathelo olu leko ngakuwo, aya kujongwa leli candelo ukuvavanya inkqubela-phambili yawo.
Elinye icala elibaluleki leyo leliCandelo iya kuba kukumisela imigaqo yoku ziphatha kakuhle kunye nokuthembeka kumaziko karhulumente. Abasebenzi bakarhulumente abambalwa kule minyaka idlulileyo, banoluvo lokuba ukwenza ushishino okanye ukuxhamla kuRhulumente kuvumele kile kubo, kubahlobo babo nakwiintsapho zabo, ukuba yonke into isemthethweni.
Kufuneka senze konke esi nako ukutshintsha le ndlela yokucinga.
Njengokuba sisebenzela ukuphelisa urhwaphilizo, kufanele ukuba kugxilwe ngokulinganayo ekufundi seni ngesimilo esisesikweni, ngoba okusenokuba se mthethweni kusenokuba gwenxa ekuziphatheni ngokusesikweni kwaye aku fanelekanga oko kubasebenzi bakarhulumente.
Eli candelo litsha liza kumi sela imigaqo nemilinganiselo yokuziphatha kakuhle, yokuthembeka kunye neyesi milo. Liza kwakha namandla amasebe okohlwaya ama gosa afunyaniswe enetyala lokungaziphathi kakuhle.
Bangaphezu kwama-200 abasebenzi abaye baqeqeshwa kunyaka ophelileyo njenga magosa ongameleyo kunye nabasunguli.
Ukwakha ilizwe eliziphatha kakuhle, nelinakho kuqhu beka kuzezona zinto olu lawulo igxila kuzo.
Njengoko kuvezwe  inqwaba yeziganeko ezi bandakanya abasebenzi bakarhulumente abathe baxhamla ngokungekho mthethweni kurhulumente, le nkqubo iyakuba nzima kwaye izothatha ixesha.
Nangona kunjalo sizimisele ukulufeza ugqatso.
Umbuso onesakhono usi siseko sokufezekisa zonke izinto eziphambili kwilizwe lethu. Ngaphandle kokuphu cula uxanduva lokuphendula kunye nokukhuthaza ukuzi phatha kakuhle, akukho nanye into enokufezekiswa.
Uninzi lwabasebenzi baka rhulumente bazinikele, bathobela umthetho kwaye banesimilo.
Umsebenzi ophambi kwethu kukusebenzisana sisonke ukukhupha abo benza ngwenxa, kwaye kulungiswe impazamo yokuba bonke abo baqeshwe kurhulumente bangohlohle sabo okanye bayarhwaphiliza.
Sihlaba ikhwelo kuwo onke amadoda nabasetyhini abase benzela ilizwe lethu yonke imihla ukuba bazibophelele kwakhona kwiinqobo zoku ngazicingeli kunye nezoku nika iinkonzo, kwaye bakhu mbule ukuba indlela aba ziphethe ngayo kufuneka ngawo onke amaxesha ibe semthethweni nangokulu ngileyo.
Ukusekwa kweli candelo  yenye yeendlela esizisebe nzisayo ukuphelisa urhwaphi lizo kumaziko karhulumente nakuwo onke amabakala obomi boMzantsi Afrika.
