Amachiza okugonyela i-COVID-19 : Iimpendulo zemibuzo yakho  

Allison Cooper

Njengokuba inkqu bo yoMzantsi Afrika yokugo nyela iSifo seNtsholo ngwane yeCorona  (i-COVID-19) iqhuba  ngokupheleleyo, iVuk’u zenzele  ifunele uluntu u lwazi kwiSebe lezeMpi lo leSizwe ukuphendula eminye yemibuzo eqhe lekileyo.
Umbuzo:  Ingaba ichiza lokugonya lingayibangela i-COVID-19  okanye linga ndenza ndifumaniseke ndi nayo xa ndivavanywa?Impendulo: Hayi.  Akukho nalinye kumachiza okugonya asetyenziswa eMzantsi Afrika elinentsho longwane ephilayo ebange la iCOVID-19 . Ngoko ke ayinakho ukubangela intsho longwane kwaye awuziku fumaniseka unayo xa uva vanywa emveni kokuba ugonyile.
Umbuzo:  Ingaba yinyani ukuba la machiza okugonya anetshiphu encinane elande la umkhondo weentshukumo zabantu?Impendulo: Hayi.  Akukho tshiphu encinane okanye sixhobo sokulande lela umkhondo kumachiza okugonya. Abavelisi bama chiza okugonya kufuneka bachaze izithako kwiGunya bantu eliLawula iiMveliso zezeMpilo loMzantsi Afrika (i-SAHPRA) phambi kokuba ichiza lokugonya liphunye zwe ukuba lingasetyenziswa.
Umbuzo:  Ndikhe ndeva kusithiwa amachiza okugonya anophawu lweRhamncwa – elingu-666. Ingaba yinyani le?Impendulo:  Hayi. Ama chiza okugonya awananto iwadibanisa namaqela ezenkolo kwaye awanakho ukufakwa imimoya okanye ezinye izithako ezingapha thekiyo.
Umbuzo:  Ingaba kumelwe ukuba ndigonye ukuba ndi khulelwe?Impendulo: Amathuba okuba umntu okhulelweyo afumane iCOVID-19  ma khulu. Ukugonya kunga thintela owasetyhini okhu lelweyo ekuguleni kakhulu.
Umbuzo:  Ingaba kumelwe ukuba ndiyeke na ukunca ncisa ukuze ndigonywe?Impendulo: UMbutho weHlabathi wezeMpilo kunye neSebe lezeMpilo aba cebisi ukuba uyeke ukunca ncisa ukuze ugonyelwe i-COVID-19 . Kucetyiswa ukuba amachiza okugonya asetyenziswe ngoomama abancancisayo.
Umbuzo: Ndingagonya msinyane emva kokuba ndo suleleke yiCOVID-19 ?Impendulo:  Hayi. Nabani na owosuleleke yiCOVID-19  kufuneka alinde ubuncinane beentsuku ezingama-30 ukususela ekupheleni kwee mpawu.
Umbuzo: Ndineempawu ze-COVID-19 , ingaba ku khuselekile ukuba ndigonye?Impendulo: Hayi. Aku melanga ukuba ugonye ukuba uneempawu zeCOVID-19 . Kungcono uva vanywe.
Umbuzo:  Ndingalifu mana ithamo lam lesibini lechiza lokugonya lakwa Pfizer zingaphelanga iintsuku ezingama-42 emva kwesitofu sam sokuqala?Impendulo: Hayi. Use lungelweni lokufumana isi tofu sesibini kuphela emveni kweentsuku ezingama-42.
Umbuzo: Ikhona imfu neko yokuba ndigonye ukuba ndithe ndaphila kwiCOVID-19 ? Umzimba wam awunakho ukwazi ukuzi lwela esi sifo ngokwawo, ngaphandle kokugula emva kokugonya?Impendulo: Ubungqina bubonisa ukuba ukulwa komzimba wakho xa ugula ngenxa yeCOVID-19  kubuthathaka kwaye kumfutshane kunokulwa kwawo kwichiza lokugonya.
Ukugonya kuza kukunika ukulwa kwamajoni omzimba okomeleleyo nokwexesha elide.
 Ukugula emva kokugonya kuncinci kwaye akuthathi ixesha elide kunosuku olunye okanye iintsuku ezimbini, ngethuba ukugula ngenxa ye-COVID-19  kungabangela ukuba ulaliswe esibhedlele okanye ufe.
Umbuzo:  Ingaba abantu abanezifo ezingapheliyo, ezifana noxinzelelo lwegazi oluphezulu, bangagonya?Impendulo:  Abantu abanezifo ezingapheliyo bakumngcipheko ophezulu wokufumana iCOVID-19  eqatha. Ngoko ke ngabona baza kuzuza kakhulu ngo kugonya.
Umbuzo:  Ukuba bendikhe ndaliwa liyeza okanye ichiza lokugonya, ingaba kumelwe ukuba ndigonye?Impendulo: Nabani na onemvelaphi yokwa liwa ngamanye amachiza okugonya okanye amaye za kumelwe ukuba aqale athethe nomsebenzi wakhe wezempilo.
Umbuzo: Kunobungozi kangakanani na ukwaliwa lichiza lokugonya?Impendulo: Ukwaliwa okuqatha kumbalwa kakhu lu. Kudla ngokwenzeka kwimizuzwana okanye imizuzu engephi emveni kokugonya. Yiyo loo nto bonke abantu kunyanze lekile ukuba balinde kwi ndawo yokujongwa imizuzu engama-15 emva kokugonya.
Umbuzo: Kukhuselekile ukugonya ukuba amaqanda ayandala?Impendulo:  Ewe. Akukho nalinye kumachiza okugo nyela iCOVID-19  elineepro theyni zeqanda.
Umbuzo:  Ndikhe ndeva ngabantu abolupheleyo abaswelekayo kungekudala emveni kokugonya. Ingaba eli chiza lokugonya libalungele abantu abolupheleyo?Impendulo: Ichiza  lokugonya likhuselekile kwaye lisebenza kakhu lu ukuthintela isifo seCOVID-19  esiqatha kunye nokufa. Ngokusetyenziswa kwechiza lokugonya, sibona ukwehla okukhulu kukufa okubangelwa yiCOVID-19  kubantu abolupheleyo kumazwe amaninzi.
Umbuzo:  Kutheni aba nye abantu besafumana i-COVID-19  kwisithuba seeveki ezimbini emveni kokugonya?Impendulo: Umntu ugo nyeka ngokupheleleyo kuphela kwiintsuku ezi ngama-30 emveni koku fumana ichiza lokugonya lakwaJohnson & Johnson okanye iiveki ezimbini emveni kokufumana ithamo lesibini lechiza lokugonya lakwa-Pfizer .
Umbuzo: Ingaba ichiza lokugonya likuthintela ngo kupheleleyo ekosulelekeni yi-COVID-19 ?Impendulo: Hayi. Nase mveni kokuba ugonywe ngokupheleleyo usenga yifumana iCOVID-19 .
Kodwa, ichiza lokugonya lehlisa umngcipheko oqatha wosuleleko, ukulaliswa esibhedlele kunye nokufa.
Ngeenkcukacha ezithe kratya iya kuhttps://sacoro navirus.co.za