I-BRICS yinto ebaluleke kakhulu ekukhuleni koMzantsi Afrika 

vukuzenzele unnamed

Kunyaka ongapha mbi konyulo loku qala lwentando ye sininzi, uMongameli Ne lson Mandela wabhala inqa ku kwiphephancwadi  le-Foreign Policy  malunga nomgaqo-nkqubo weza ngaphandle omtsha wo Mzantsi Afrika.
Ecinga ngotshintsho kuma nyano lwehlabathi oluziswe kukuphela kweCold War , wabhala ukuba amazwe kwakuza kufuneka ukuba “ayiphose kwakhona imi natha yayo” ukuba ayeza kuvuna iinzuzo kwimiba yamazwe ngamazwe.
Oko kwabakho utshintso olumandla luka-1994 nge thuba sithabatha isigqibo sokwahlukana hayi nocalu calulo nje kuphela kodwa nendlela ababubona ngayo ubudlelwane namazwe ngamazwe abayili balo, umgaqo-nkqubo wamazwe ngamazwe woMzantsi Afrika uqhubeka nokuphawulwa koku “kuphosa umnatha kwakhona”.
Umgaqo-nkqubo wethu wamazwe ngamazwe ubeka phambili umanyaniso lopoli tiko noqoqosho lwengingqi, ukuzingela uphuhliso lweAfrika, ukuzibandakanya kwamazwe amaninzi kunye  nokuphakanyiswa kwenta ndo yesininzi, uxolo nama lungelo oluntu.
Ukuza kuthi ga ngoku, sibumbe umanyano lobuchule namazwe eHlabathi aseZantsi kunye nentsebenziswano ezuzisa amacala omabini namazwe aseMantla.
Ukuzibandakanya neqela lamazwe e-BRICS ngo-2010 kwaba yimbalasane kwi phulo lethu lokuqhuba ezethu izinto ezihamba phambili ekuphuhliseni isizwe sethu ngokwenza ubumbano olo melele nangakumbi kunye namazwe abalulekileyo ano qoqosho osele lubukukhula ase-Brazil, e-Russia, e-India nase-China.
 Xa ejongwa onke ngoku pheleleyo, amazwe e-BRICS enza malunga neepesenti ezingama-41 zoluntu lwehla bathi kwaye anikela malunga neepesenti ezingama-24 kwimveliso yelizwe yonyaka kunye neepesenti ezili-16 ku rhwebo lwehlabathi. Sivune iinzuzo zobulungu beli qela lamazwe, ngokukodwa kwintsebenziswano yezoqo qosho.
 Urhwebo lwamazwe ama bini lukhulile, ingakumbi kunye ne-China ne-India, apho urhwebo lwempahla eya ngaphandle nempahla  eyenziweyo ilolona luhamba phambili. Amazwe e-BRICS aqhubeka nokuba yimitho mbo ebalulekileyo yotyalomali oluthe ngqo lwamazwe angaphandle kumacandelo abalulekileyo afana nezi mbiwa, izithuthi, uthutho, amandla ombane acoceki leyo, iinkonzo zezimali kunye nobugcisa bonxibelelwano.
Uhlaziyo lwethu lobulungu luka-2018 yinkampani yee nkonzo zobuchule bomse benzi iDeloitte  lwaqaphela ukuba amaqabane e-BRICS “atyale imali ephindwa ka thathu kweli lizwe xa kuthele kiswa neminyaka esixhenxe ephambi kuka-2011”. Olu tyalo-mali nezi projekthi zithe ke zakhokelela ekudalweni okubonakalayo kwemise benzi.
 Oko kwabunjwa iNew Development Bank , ene-ofisi yengingqi eseGoli, uMzantsi Afrika oko ufumana uncedo lwenkxaso-mali nenkxaso yobugcisa kwiiprojekthi zawo ezikwezothutho, amandla ombane acocekileyo, ukukhuselwa kokusingqo ngileyo, amaseko amanzi nokucuthwa kokukhutshwa kwesilahle.
Oko kwaqhambuka ubhu bhane weCOVID-19 , uMza ntsi Afrika sele ufumene inkxaso-mali eyi-R28 yeebhi liyoni kwiNew Development Bank  phantsi kweNkqubo yeMali-mboleko yeMeko kaXakeka yeCOVID-19  ukulwa lo bhubhane noku xhasa ukuvuselelwa koqo qosho lwethu.
Kube kwakho nentse benziswano ebonakalayo namaqabane ethu e-BRICS ekufumaneni izixhobo zokuzikhusela kunye ne ntsebenziswano malunga nokufumana nokuhanjiswa kwamachiza okugonya.
Sisandula ukuthabatha inxa xheba kwiNgqungquthela ye-BRICS ye-13, apho ama zwe e-BRICS aye avuma ukwenza nzulu intsebenzi swano yokulwa iCOVID-19  nokushukumisa inkxaso yezopolitiko kunye nezi xhobo zezezimali ezidi ngekayo ukulungela uku phendula kubhubhane kwixesha elizayo.
Oku kuquka ukusekwa kweZiko loPhando noPhu hliso lweChiza lokuGonya le-BRICS elikwi-intanethi kunye neNkqubo ye-BRICS yeNdibanisela yokuLumkisa kwangeThuba eza kuqikelela uqhambuko lwezifo ezosule layo phambi kokuba zenzeke kwixesha elizayo.
Enye indawo ebalule kileyo yesivumelwano ibekukunanzwa kwama xwebhu okugonya nenkqubo yokuvavanyela iCOVID-19  ngamacala onke – into eza kubaluleka kakhulu ku khenketho olunqumla imida kwixesha elizayo. Ingqiqo yentsebenziswano ezuzisa amacala onke iza kubaluleka ngokukodwa ekuvuselelweni koqoqosho lwehlabathi, apho uphuhliso olungalinganiyo luthetha ukuba amanye amazwe aza kubuyela kwimo yesiqhelo msinyane, ngethuba amanye esilela ngasemva.
Ukuxhasa ukuvuselelwa koqoqosho, amaqabane e-BRICS aye avuma ukome leza intsebenziswano kumacandelo enza ukuba izinto zenzeke afana namandla ombane, ubugcisa bonxibelelwano, inzululwazi, ubugcisa nemveliso yezinto ezintsha, ulimo noqoqosho enjongo yalo ikukucutha umonzakalo nomgcipheko kokusingqongileyo. Onke la ngamacandelo abalulekileyo achongwe kwisiCwangciso soKwakhiwa ngokutsha nokuVuselelwa koQoqosho esibhengezwe kulo nyaka uphelileyo.
Intsebenziswano namanye amazwe e-BRICS, ingakumbi kwicandelo lophando olu velisa izinto ezintsha, iza kuncedisa ukukhawulezisa kokunikwa amandla kwama shishini kweli lizwe ze isi ncede sifezekise iminqweno yethu yeFourth Industrial Revolution .
Ngoko ke, kwaye kwaba njwa iingxoxo malunga nokudalwa kwamaqonga asesikweni e-BRICS ukwa belana ngezona ndlela zizizo zokwenza izinto, ulwazi nobungcali, kuquka uku setyenziswa kwamaqonga obugcisa obufumaneka naku bani na.
Amaqabane e-BRICS aye avuma ukuba amazwe asakhulayo adinga uncedo ukuphumeza iiNjongo eziZinzileyo zoPhuhliso zeZizwe eziManyeneyo, kwaye amazwe anikelayo kumelwe ukuba akwenze oko azibophelele kuko. Oku kuba luleke nangakumbi kumxholo wentshukumo yemozulu.
Njengamazwe amaninzi, uMzantsi Afrika ufuna uku hamba kwindlela evelisa  izinga eliphantsi lekha bhoni, ebandakanyayo, ezinzileyo nethabathela ingqalelo indawo yethu njengelizwe elisakhulayo.
IQonga le-BRICS loPha ndo ngaMandla oMbane oluyiNtsebenziswano  liza kuxabiseka xa sizama ukufumana imithombo eyahlukeneyo yamandla ethu ombane.
Kule minyaka eli-11 oko sazibandakanya ne-BRICS, ubulungu bethu buziqhubele phambili kakhulu iinjongo zethu zesizwe. Ukuba lilungu le-BRICS kuyiphucule indawo yethu njengoqoqosho olukhu layo olubalulekileyo.
Kwenze ukuba sikwazi ukufumana ubungcali bemi gaqo-nkqubo neyobugcisa  boqoqosho lwamazwe ama khulu nazinzileyo, kunye nokufumana inkxaso yeNational Development Bank .
Komeleze ubutshantliziyo bethu kwiqonga lehlabathi, ingakumbi xa kufikwa kwi nguqu yamaziko amazwe amaninzi.
 Sizuzile ekubeni yinxalenye yelizwi lamazwi amaninzi alwela ukuphumeza ubume behlabathi obusekelwe ekuhloniphaneni nakulawulo oluzimeleyo olulinganayo lwezizwe.
 I-BRICS ibaluleke kakhulu kwiqhinga lelizwe lethu, kwaye iza kuqhubeka nokuba njalo ixesha elide elizayo.