Qaphela iimpawu zezilumkiso zomhlaza wabantwana

Allison Cooper

INYANGA YOKWAZISA ngoMhlaza waBantwana, eyenzeka rhoqo kweyoMsintsi, iveza ukwaziwa kwemihlaza yabantwana emininzi.
Umhlaza waba ntwana unyuka kwihlabathi jike lele, ekuqikelelwa uku ba kwisinye sabantwana abangama-408 kwihlabathi lonke sifunyaniswe sino mhlaza ngaphambi kwe minyaka eli-15.
Ngokuka-Taryn Seegers, uMququzeleli wezoNxibelelwano kuMbutho woMhlaza waBantwana waseMzantsi Afrika (i-CHOC), kukholelwa ukuba isibini kwisithathu sabantwana abanomhlaza abalufumani unyango kwaye amaxesha amaninzi  abobalufumanayo sele bekwinqanaba lokugqibela lesi sifo.
Ukusukela ngowama-2011, i-CHOC ibisebenza neSebe lezeMpilo kunye namaxhwele ukunikezela iingcali zempilo, abasebenzi beze-mpilo, amaxhwele kunye noluntu ngolwazi lomhlaza wabantwana.
“Aba bantu bafundiswe ngeempawu zezilumkiso zangethuba ze-Siluan kwaye bafunda ngendlela yokwenza lula ukuqonda uluvo olungachanekanga kunye noku bekwa amabala kwiindawo zabahlali,” utshilo u-Seegers.
Iimpawu zezilumkiso zangethuba zeSiluan  zezi:
• Fumana uncedo lwezonyango lweempawu zange thuba, ezizingisayo.
• Iliso: Ibala elimhlophe esweni, ukufifithekisa, ukungaboni, ikhozo lwe liso elithe phuhlu.
• Iqhuma: Isisu kunye nesinqe, intloko kunye nentamo, amalungu omzimba, amatyhalarha kunye namadlala.
• Okungachazekiyo: Umkhu hlane wexesha elide elingaphezulu kweeveki ezimbini, ukuncipha, imbonakalo exwebileyo engenampilo, ukudinwa, ukugruzuka lula okanye ukopha.
• Ukuqaqamba: Amathambo, amalungu omzimba, umqolo kunye nokwaphuka lula.
• Iimpawu zemithambo-luvo: Utshintsho okanye ukujingxela kwindlela ohamba ngayo, uthantamiso okanye intetho, ukubuyela umva kokukhula komntwana, intloko ebuhlungu engaphezulu kweveki ugabha okanye ngaphandle kokugabha kunye nentloko enkulu.
Imihlaza yabantwanaImihlaza yabantwana yahlukile kwimihlaza echaphazela abantu abadala.  Zisoloko zisenzeka kumalungu omzimba, zikhange leka ngokwahlukileyo phantsi kwesibonakhulu kwaye zisabela kakuhle kunyango, utshilo u-Seegers.
“Amazinga onyango kuninzi lwemihlaza yabantwana aphakame kakhulu kunalawo omhlaza omninzi wabantu abadala. Namhlanje, kumazwe asakhasayo, uninzi lwemihlaza yabantwana lunokunyangwa ngokuse benzayo kakhulu, kwaye phakathi kwe-50% ukuya kwi-60% inokunyangwa.  Kumazwe anengeniso ephezulu, izinga lokusinda linokubaphakathi kwe-85% ukuya kwi-90%.”Abantwana abaninzi kufu neka bafunyaniswe ngelixa isifo sisekumanqanaba okuqala kwaye bafumane unyango oluchanekileyo – kumaziko onyango akhethe kileyo ukusuka kwiingcali ezifanelekileyo ukuba izinga lokusinda kufuneka liphu culwe.  vNgeenkcukacha ezithe vetshe, qhagamshelana nomnxeba woncedo we-CHOC ku-0800 333 555. 
