Mzantsi Afrika wothulela umnqwazi abavezi bobubi

vukuzenzele unnamed

Kwisithuba semi nyaka emithathu ukusukela oko  iKomishini yoPhando  lokuBanjwa ngobho ngwane kukaRhulu mente ithe yaqala umse benzi wayo, sivile  ngobunzulu abenzi bobubi bezenzo zorhwa philizo abathe bafihla ngayo izenzo zabo ezinga lunganga.
Ibiyinto enzima kakhulu ukwazisa uthungelwano lwempembelelo olwenza urhwaphilizo. Phakathi kwe zinye izinto, uthungelwano olukhulu lweenkampani eziphambili zasekwa ukuze zihambise imali ngokujike-lezayo kwaye zifihle iintlawulo ezenziwe kubantu abanxulumene nezopo litiko.
Ezi ndlela zifanayo zibonwe kuphando oluninzi lorhwaphilizo olwenziwa liCandelo loPhando oluKhethekileyo (i-SIU), iCandelo loPhando loLwaphulo-mthetho  oluPhambili, iCandelo loPhando leGunyabantu lezoTshutshiso kunye namanye.
Njengokuba olu phando luqhubeka kwaye nomnatha uqala ukuvaleka kubantu abachaphazelekayo, siye sabona amangqina egrogriswa, iintsapho zawo zisoyikiswa, zinyanzelwa ukuba zizimele, zide zibu lawe.
Ukubulawa kuka-Babita Deokaran, igosa eliphezulu lezemali kwisebe lezempilo e-Gauteng, sisikhumbuzo esicace kakhulu somngcipheko ophezulu obandakanyekayo kwi-phulo lethu elihlangeneyo lokususa lomkhwa ku luntu lwethu.Ngelixa singekasazi isizathu sokubulawa kwakhe, wayelingqina eliphambili kuphando lwe-SIU oluma lunga nokuthengwa kwe zixhobo zokuzikhusela kwisebe.
Inkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) kunye namaqela okhuseleko abucala abambe abarha nelwa abasixhenxe kutshanje kufuneka banconywe ngomsebenzi wabo.  Uxwebhu lwamatyala  ludluliselwe kuma-Hawks, kwaye uphando luza ku nikezela ngezinye iinkcukacha ezimalunga nokuba kutheni uNks Deoka ran wabulawa.
Nokuba zithini iimeko  ezibangelwe yile ntlekele, uNks Deokaran wayeli gokra kunye nomthandi welizwe lakhe. Njengokuba isininzi sabavezi bobubi abathi bazibeke emngci phekweni omkhulu, ba-ncede ukufumana izenzo ezingalunganga, ulawulo olugwenxa, ukuqesha ngokokuzalana kunye nobusela.
Ngaphandle kongenelelo lwabo olukhaliphileyo nolunokuziphatha ngoku fanelekileyo, besingasokuze sikwazi ukuveza abo benza urhwaphilizo.
Nangona kumaxesha akutshanje kugxilwe kakhulu kubavezi bobubi kwicandelo likarhulumente, sikwane tyala lokubulela abo ba kumacandelo abucala abo izenzo zabo zingathathe-lwanga ngqalelo, kodwa babalulekile ngokulinganayo.
Abavezi bobubi ngabagcini ababalulekileyo bentando yesininzi yethu. Bahlaba  umkhosi ngokuchasene nezenzo nangeendlela zokuziphatha ezingekho mthethweni kurhulu mente nakwimibutho.
Bathetha phandle ngoku thembekileyo nango lindeleko olunengqiqo kungekuko kuphela ukuba inyathelo liza kuthathwa ekuvezeni kwabo, kodwa baza kukhuselwa kwaye bangabinakuphathwa  gadalala okanye bacalucalulwe.
EMzantsi Afrika kukho ukhuseleko olubanzi lo mthetho lwabavezi bo-bubi, kuquka indlela yoMthetho weZibhe-ngezo eziKhuselweyo, uMthetho wezoBudle lwane eMsebenzini,  uMthetho weeNkampani, uKhuseleko ngokuchasene noMthetho wokuXhatsha zwa, kunye noMgaqosiseko ngokwawo.
Ukongeza, iSebe lezoBulungisa neeNkonzo zoLuleko, lisebenzisana nezinye ii-arhente zogcino-mthetho, lilawula i-Ofisi yoKhuseleko lwamaNgqina ukuba linike inkxaso kumangqina asemngciphekweni noyikiswayo nakweyiphi na inkqubo yezomthetho.
Ukungena kukhuseleko lwamangqina kwenziwa ngokuzithandela, kwaye akukho namnye kwi-SAPS okanye i-NPA abanokunya nzela ingqina ukuba lenze oko.
Ukuba ingqina lifumana  izigrogriso ebomini balo okanye liziva lingakhuselekanga, kufuneka lazise abaphandi kwaye lifake  isicelo sokungeniswa kule nkqubo. Le nkqubo ine-mpumelelo idlale indima ebalulekileyo ekuqinisekiseni ukutshutshiswa okunempumelelo ukusukela oko yaqalayo, ingakumbi ngokubheki selele kulwaphulo-mthetho olulungelelanisiweyo.
Kucacile ukuba njengo kuba idabi lokulwa no rhwaphilizo lifumana umfutho, kufuneka siyi qwalasele ngokungxa misekileyo indlela yethu yangoku kungekuphela  nje ukhuseleko lwama ngqina, kodwa ibelukhu seleko olubanzi lwabavezi bobubi kananjalo.Ngelixa iinkqubo ezininzi zisekhona ukwenza ukuba abavezi bobubi benze  ingxelo ngokufihlakeleyo, kufuneka siqinise iinkqubo esele zikho kwaye sinikezele ngenkxaso enkulu kwabo beza phambili esidlangala-leni kunye neenkcukacha.
Njengoluntu, kufuneka sichonge apho imithetho ekhoyo kunye nemigaqo-nkqubo zingonelanga ekukhuseleni iindlela  zokuziphilisa, udumo  kunye nokukhuseleka kwabavezi bobubi kwaye sisebenzisane ekusombululeni ezi zinto.
Iinjongo zabaphulimthetho abajolise kubavezi bobubi ayikokuvala umlomo nje abantu abathile ikwaku kuthumela umyalezo kwabanye abantu abazakuba ngabavezi bobubi. Imihla ngemihla, abemmi bo Mzantsi Afrika abakhaliphileyo abanjengo Babita Deokaran abagungqi kwinto yokuba abazukuba yinxa lenye yorhwaphilizo kwaye bakulungele ukunikezela  ngobungqina ngokuchasene nalo.Njengabantu baseMzantsi  Afrika simothulela umnqwa zi kunye nabo bonke aba vezi bobubi kumacandelo  karhulumente nawabu cala abaveza urhwaphilizo  ebaleni. Benza oko nga-phandle kokulindela ukunconywa okanye umvuzo. Okwabo nje lolona hlobo luphezulu lwenkonzo yoluntu.
Asinakho ukubaphoxa.  Kufuneka, kwaye siza kuqinisekisa ukuba uku bhengeza kwabo kukho kelela ekutshutshisweni  kwaye senza nangakumbi ukuqinisekisa ukuba ba khuselekile ekonzakali sweni.
Njengabemmi boMzantsi Afrika, sifuna ukuthumela umyalezo oqinileyo wokuba asizukoyikiswa. Abo  baphembelela ukubu lawa kwamangqina nabavezi bobubi baza kubanjwa kwaye bajongane namandla omthetho, kunye nabo bonke abo bafu nyanwe benetyala lalo naluphi na urhwaphilizo oluzanywa ukufihlwa  ngaba babulali.