Masilwe ingxaki yokuzibulala kwabantu

Allison Cooper

Baninzi abantu  ababhubha  ngokuzibulala kunabo babhubha  ngenxa ye-HIV, ngesifo seengcongconi, ngo mhlaza wamabele, imfa zwe kunye nokubula lana.
Oku kuhambelana nee nkcukacha-manani zakutshanje zoMbutho wezeMpilo weHlabathi (i-WHO), ezi bonisa ukuba bangaphezu kwama-700 000 abantu aba bhubha ngokuzibulala unyaka nonyaka – ukutsho oko ngumntu omnye kwa-bali-100 kwaye phantse umntu omnye kwimizu zwana engama-40 kwababhubhileyo.
UGqr Tedros Adhanom Ghe -breyesus, uMlawuli-Jikelele we-WHO uthi: "Asinakho kwaye akufuneki singa kuniki ngqalelo ukuzibulala."“Ukuzibulala oku kodwa nje kuyintlekele. Inqwalasela yethu ekuthinteleni ukuzi bulala ibaluleke ngakumbi ngoku, emva kweenyanga ezininzi siphila nobhubhane weSifo sentsholongwane yeCorona, esize neengcipheko  ezininzi zokuzibulala  ukuphulukana nomsebenzi, uxinzelelo lwezezimali kunye nokuzikhetha eluntwini  ezi sekhona nangoku,” wongeze ngelitshoyo.
Usuku lweHlabathi loku  Thintela ukuzibulalaUSuku lokuThintela  ukuziBulala lweHlabathi lwasungulwa ngomhla we-10 kweyoMsintsi 2003, nguMbutho waMazwe nga Mazwe wokuThintela uku ziBulala.
Lo mbutho ujolise eku-thinteleni ukuzibulala kunye neendlela zokuzibulala, kwaye ukwajolisa nasekunciphiseni iziphumo zokuzibulala, kananjalo ubonelela ngeqonga kwizi fundiswa, kwiingcali zempilo yengqondo, kubasebenzi bakaxakeka, kumavolontiya kunye nakwabo basinde  ekuzibulaleni.
NgokweQela labaNtu abano Xinzelelo ngokoMphefumlo loMzantsi Afrika (i-SADAG), uMzantsi Afrika ubhala abantu abangama-23 yabo bazibuleleyo kunye nama-230 yabantu abazama ukuzibulala mihla le.
“Ukuzibulala kusengumba ongafuni kuphathwa luluntu akukho mntu ufuna ukuthetha ngako; akukho mntu waziyo indlela yokuthetha ngako kwaye abazali abafuni kuthetha nabantwana babo ngako hleze kanti 'ityale iimbono'. Nangona kunjalo, ukuzibulala kukhona kwaye kuyenzeka, oku kuno kubonwa ngenani leefowuni esizifumanayo elonyuka mihla le, utshilo u-Cassey Chambers, onguMlawuli wezokuSebenza we-SADAG.
Uthi, "Ukuba abantu abaninzi bayaqonda ngokuzibulala kwaye bayayazi indlela yokufumanela umntu uncedo kusengethuba, oku kunonceda ukunciphisa izinga lokuzibulala,”Iimpawu ezisisilumkiso ezinokubakho xa umntu ezakuzibulala:l Ukuthetha ngokutshabala lisa ubomi bakhe, ngokufa okanye ngokuzibulala.l Umnqweno obalaseleyo wokufa okanye ukuzixa kekisa kakhulu ngokufa nokufa.l Ukuphisa ngezinto ezixa-bisekileyo.
l Iimpawu zoxinzelelo, ezinje ngokungatyhileki, ukungabi nathemba, ukurhoxa, ukungabinamdla wokutya kunye nokulala nzima, nokuphelelwa ngumdla kwimisebenzi yesiqhelo.
lUkwanda kokusela  utywala okanye ukusebe-nzisa iziyobisi.
l Ukuthetha ngokungabikho kwixesha elizayo okanye avalelise.
lUtshintsho olukhulu kwindlela yokuziphatha.
l Ukwenza amalungi selelo okugqibezela izinto azishiye esithubeni.
Ukuba wena okanye umntu omaziyo ufuna uncedo, tsalela umnxeba i-SADAG kule nombolo0800 567 567 esebenza imini nobusuku.