Ukwakha isiZwe Esingena  Rhulumente obanjwe ngoBhongwane

vukuzenzele unnamed

Iindibano ebezihleli we zokunika ubu ngqina kwiKhomishi ni yoPhando ngokubanjwa ngobhongwane kukaRhulumente ziqukunjelwe ku tshanje, emva kweentsu ku ezingaphezu kwe-1 000 ingqina lokuqala lanikeza ngobungqina balo.
Nangona usihlalo wale khomishini, uSekela weJaji eyiNtloko u-Ra ymond Zondo ethe kusenokubakho imfuneko yokuba amanye amangqina ambalwa anikeze ubungqina, umse benzi wekhomishini ngoku ukufutshane engqinibeni.
Eli linyathelo elibaluleke  kakhulu elisisondeza ngakumbi ekubaleni kwi-mbali yentando yesininzi yethu enye yezona ziganeko zonakalisayo.
Kwanangaphambi kokuba uJaji Zondo angenise izi-phumo neengcebiso zakhe kuMongameli, singavuma sonke ukuba umsebenzi  wekhomishini ubaluleke  kakhulu.
Kwisithuba seminyaka emithathu, sive ubungqina obuchaza ngezityholo  zorhwaphilizo ezikwizinga eliphezulu. Sive ngezenzo ezikhokele ekubiweni kweebhiliyoni zeerandi zemali yoluntu. Sive ukuba mangaphi amaziko karhulumente kunye neenkampani zikarhulumente ezenziwe buthathaka ngabom.
Oku kuvezwa kwe ndlela, kobungakanani  kunye nobunzulu boku-banjwa ngobhongwane kukarhulumente akwe-nzekanga khusini, kodwa kwasasazwa kwilizwe lonke. Ngokuthi kuvunyelwe bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba balandele iingxelo zekhomishini, kuncede eku betheleleni ithemba kuluntu malunga nentando yesininzi yethu kwaye ikhuthaza  ukungafihlwa kunye  nokwenziwa kwezinto  elubala.
Ilizwe lityala umbulelo omkhulu kubo bonke ababebandakanyeka kumsebenzi wekhomishini; ukusuka kwabo baqhube uphando, kwabo baphengulule baze bahlanganisa ulwazi olungaka; kumangqina amaninzi kangaka athe anikeza ngo bungqina; koonondaba abathe basasaza ngenkuthalo iingxelo zekhomishini; kumagqwetha ancedisileyo ekunikeni ubungqina.
Sikwatyala umbulelo omkhulu kubantu abaninzi, abanye babo abasaziwa, abo iintshukumo zabo zikhokelele ekumiselweni kwekhomishini kwasekuqaleni. Aba ngabantu abathe bavumbulula  ezi zityholo zolwaphulo-mthetho, abathe bachasa, bathetha phandle kwaye benza amaphulo —  esidlangalaleni kunye nasekhusini — okupheliswa kokubanjwa ngobhongwane kukarhulu mente. Sibulela kubo, kuba ngoku xa sithetha ngoku banjwa ngobhongwane kukarhulumente sithetha ngento yexesha eladlulayo.
Ukubanjwa ngobho-ngwane kukarhulumente akuziphelelanga. Kuziswe esiphelweni zizenzo ezidi tyanelweyo zabemi boMzantsi Afrika abavela kuzo zonke iinkalo zobomi, besebenza kwiindawo ezahlukeneyo ukubuyisa ixabiso lentando yesininzi yethu. Kwaye kuxhomekeke kuthi sonke ukuqinisekisa ukuba ezi zinto asoze sizivumele ziphinde zenzeke.
Kule minyaka mithathu idlulileyo, sithathe amanya thelo abalulekileyo okulwa urhwaphilizo nokubanjwa ngobhongwane kukarhulu mente. Siye sazama sakha ngokutsha amaziko afana neGunya lezoTshutshiso leSizwe (i-NPA), iNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS), iNkonzo yeRhafu yaseMzantsi Afrika (i-SARS) kunye nezinye. Simisele imibutho emitsha, efana neCandelo loPhando kwiNPA ukuze itshutshise abo benza urhwaphilizo kwizinga eliphezulu kunye neSigqeba esiKhethekileyo se-SIU soku fumana kwakhona iimali zoluntu ezibiweyo. Siwa-phucule amandla ethu  okulwa ulwaphulo-mthetho ngokuthi siseke iZiko le Ndibanisa (i-Fusion Centre), elihlanganisa ii-arhente ezahlukeneyo zabantu bomthetho ukuba babe lane ngolwazi kwaye balungelelanise uphando kunye nokutshutshiswa kolwaphulo-mthetho.
Sibutshintshile ubunkokeli kumashishini karhulumente aphambili, saza saqalisa inkqubo yokuwabuyisela kwimmo entle yezemali neyokusebenza. Amashi-shini karhulumente ngoku asebenza ngemodeli entsha ekhuthaza ukungafihli,  ukuthatha ixanduva lokuphendula kunye nezisa uzinzo.
Uninzi lwalo msebe nzi uyaqhubeka. Kukho iindawo apho inkqubela phambili icotha kakhulu kunokuba sinqwena, kwaye ngoku ezi ndawo zifumana ingqwalaselo ethe chatha.
Iziphumo neengcebiso zekhomishini ngokunga thandabuzekiyo ziya  kuzomeleza ezi nzame.
Silindele ukuba ikhomishini ichonge apho sibethakale khona okuthe kwenza ukuba kuvuleke ikroba lokuba kubanjwe urhulumente ngobhongwane. Oku kuya kusixhobisa ngakumbi  ukuba sithathe amanyathelo okulungisa aqatha.
Ngelixa sinokuthi ixesha lokubanjwa ngobhongwane kukarhulumente liphelile, asikaloyisi urhwaphilizo.
Ubuqhetseba kunye norhwaphilizo kusasazekile kwaye kungene nzulu kumaca ndelo karhulumente nawa bucala.
Nangona kusenokungabikho kwizinga lokubanjwa ngobhongwane kukarhulumente, ezi zenzo zolwaphulo-mthetho  zityabula kakhulu kwilizwe lethu, zenze namaziko ethu  buthathaka kwaye zihluthe abemi boMzantsi Afrika  iimfuno ezininzi ezisisiseko.  Urhwaphilizo kukuzi-phatha kakubi ngeyona  ndlela, kodwa kuthatha  umntu onenkohlakalo kakhulu ukuba arhwaphilize ngexesha lokuxakeka kwabantu. Ndithetha apha ngezenzo zenkohla-kalo ezingaginyisi mathe  ezenziwe kunyaka ophe lileyo xa bekuthengwa iimpahla kunye neenkonzo ebezidingeka kumlo wethu nobhubhane we-COVID-19.
Sisebenze ngokukhawu -leza kakhulu ukunqanda  olo rhwaphilizo, saze sachonga abo bachaphaze lekayo kwaye sabatha thela amanyathelo. Obu bubungqina bokuzinikela kwethu ekuncothuleni  nengcambu urhwaphilizo.
Siqinise imimiselo ka-Nondyebo, saseka iziko lendibanisa (i-fusion centre) kwaye sanika iCandelo lokuPhanda eliKhethekileyo igunya elibanzi lokuphanda zonke izityholo zorhwaphilizo ezinxulumene ne-COVID-19.
Okokuqala kwilizwe, si-kwapapashe kwi-intanethi iinkcukacha zazo zonke izi vumelwano ezisetyenziswe ngawo onke amaziko oluntu ngelixa kuthengwa izinto ezayamene ne-COVID-19.
Umonakalo owenzeke kwilizwe lethu ngelixa urhulumente ebanjwe ngobhongwane unzulu. Kwaye iziphumo zawo  siya kuziva nakwiminyaka emininzi ezayo. Kodwa siqalile uku lungisa izinto, sisebenza kunye. Sesiqalile ukwakha kwakhona kwaye sibuyisela izinto esimweni.
Singalindela ukuba izi-phumo zeKhomishini kaZondo ziya kuzomeleza ezinzame. Ziza kusinika ithuba lokwenza isigwebo kwaye siphumle ekubanjweni ngobhongwane korhulu mente.
Mninzi umsebenzi onga-phambili, kwaye mininzi imingeni ekusafuneka  ijongiwe. Kodwa sisendle leni eya kwakha uluntu olukhululekileyo kububi bokubanjwa ngobhongwane kukarhulumente norhwaphilizo.  v