Nceda abafundi ukuba bajongane  neCOVID-19

More Matshediso 

BAZALI KUNYE NOOTITSHALA bangabanceda abafundi ukuba bakwazi ukumelana nenkxalabo kunye nonxunguphalo abanalo ngenxa yobhubhane weSifo seNtsholongwane yeCorona .
Abafundi bajongene nemiceli-mngeni emininzi ngenxa yeSifo seNtsholongwane ye-Corona  ( i -COVID-19) kunye nezithintelo zoku valwa mba kweentshu kumo.
Kubekho utshintsho rhoqo kummandla wokufunda kwizikolo zoMzantsi Afrika, ezinokushiya abafundi  beziva bexhalabile kwaye benoloyiko.
Abafundi kuye kwafu neka ukuba balungiselele ihlabathi elitsha lokufunda nge-intanethi okanye uku funda okulibazisekileyo, ukuhlala bodwa, ilahleko, ukubindeka kunye noko thuka, konke oku kunoku bangela ukwanda kwenkxa labo kunye nonxunguphalo.
Ingcali yoluleko lwengqondo uBoitumelo Tlhapane, ose benzela iCandelo leMfundo eBandakanya wonke umntu kwiSebe lezeMfundo eFreyi stata, uthi ukuziva uxhalabile okanye unxunguphele ngala maxesha obunzima kuyaqondakala.
“Malunga nonyaka onesi qingatha ngoku, abafundi kuye kwafuneka ukuba baqhele indlela entsha yoku funda, enexesha elincinane lokudibana nootitshala kunye nelokufunda.
“Abaninzi kuye kwa funeka ukuba bafunde ngokuzimeleyo, ngelixa bephila ngokungaqiniseki ngekamva labo nangefuthe le-COVID-19 kumathemba nakumaphupha abo, kusapho kunye nobomi bentlalo yabo,” utshilo uTlhapane.
Indlela yokumelana nale meko  Ucacisa ukuba inkxa labo luloyiko okanye ukukhathazeka ngento ene siphumo esithandabuzekayo.  Ukunceda abafundi bakwazi ukumelana nale meko, unikezela ngale ngcebiso:  • Qonda ukuba yinto eqhele kileyo ukuba nenkxalabo okanye ukuba noloyiko.  Oku akuthethi ukuba ubuthathaka. Kulungile ukungaziva ulungile.  • Into oyenzayo ngo loyiko lwakho yiyo into ebalulekileyo. Ingaba uyayithobela yonke imithetho ye-COVID-19  emiselwe ukuba ikhusele wena kunye nabanye abantu? Yintoni enye into ongayenza ukuqinisekisa ukhuseleko lwakho nolwabanye abantu? • Ingaba unazo iinkcuka cha ezithembekileyo malunga neCOVID-19  xa kunokwenzeka ukuba wena okanye umntu omthandayo osuleleke? • Ingaba unayo inkxaso yoo titshala, eyosapho kunye neyabahlobo yokukunceda xa uziva unentandabuzo okanye unonxunguphalo okanye unenkxalabo? Oku kubaluleke kakhulu.
Ootitshala banokunikezela ngenkxaso kunye nokufunda okungenandibano yobuqu ngokusebenzisa izinto zeintanethi kunye namaqela okufunda; ngokumisela izikhumbuzi zokukhuthaza abafundi ukuba bafundele ekhaya; nangokubakhuthaza ukuba bachaze uloyiko lwabo malunga nokuya esikolweni.
“ O k u  k u b a l u l e k i l e , ingakumbi kwizifundo aba zifumana zinzima,” wongeze watsho.
Usapho kunye nabahlobo banokunikezela ngenkxaso y a s e m p h e f u m l w e n i kubafundi, ngendlela yokubakhuthaza kunye nokuqinisekisa okunga guqukiyo, utshilo uTlhapane “Abafundi kufuneka beso loko bekhunjuzwa ukuba iinzame nokuzimisela kwabo ziqatshelwe kwaye zixatyisiwe, ngale ndlela kwa ndisa ukuzithemba kwabo.”Indlela yokunciphisa inkxalabo  UTlhapane uthi zininzi  iindlela abathi abazali naba fundi banciphise ngazo inkxalabo. Ezi ziquka:
• Ukuqinisekisa ukuba kukho inkqubo engqongqo yoku funda, eyokulala kunye neyokuzonwabisa. Oku kuza kunceda abafundi ukuba bahlangabezane neenjongo zabo kunye nemihla ebekiweyo, ngelixa bencedwa ukuba bazive belawula izifundo zabo.
• Abafundi kufuneka base benzise zonke izibonelelo ezifumanekayo esikolweni nakwiinkqubo zemfundo, ngokuhambelana ne-kharityhulam, ezisasazwa kumabonakude nakunomathotholo.
• Abazali bangancedisa ngokuqinisekisa ukuba abafundi abaziboni ka khulu iindaba zeCOVID-19 , ingakumbi malunga noku sweleka kunye neengcingane zamayelenqe, njengoko oku kunoku bangela uloyiko lwabo kwaye kukhokelele kwii meko ezininzi zengqondo.
• Abafundi kufuneka banci phise ukusebenzisa amajelo eendaba zoluntu, njengoko kuchitha ixesha lokufunda kwaye kusisiphazamiso esikhulu.
• Usapho lungakwazi uku ziqhelanisa nendlela yalo yokuphila ngokongeza imi sebenzi yokuzikhathalela, njengokuzilolonga kunye nokudlala.
“Ukuba umfundi uphu lukene nomntu amthandayo, banokuba neempawu zokubindeka ezifana nonxunguphalo okanye inkxalabo.
“Kubalulekile ukuba isikolo kunye nabazali bathumele aba bafundi kwinkxaso ejongene neemfuno zengqondo nezentlalo, enikezelwa liSebe leMfundo esiSiseko, okanye bacele ukuthunyelwa kwizi bonelelo zasimahla okanye kwiikliniki zasekuhlaleni,” utshilo uTlhapane.
Iimpawu zembandezelo Abazali kufuneka bahlale bephaphile kwaye bajonge iimpawu ezahlukeneyo ezi -nokubonisa ukuba umntwana wabo usembandezelweni.  Ezi ziquka:
• Ukuthula komntwana kunye nokuzikhetha kwabanye abantu.
• Ukutya kunye nokulala ngendlela ezingaqhele kanga.
• Ukuba neemvakalelo ezigqithileyo, ezinjengo kuhlala ulila, ukucaphuka okanye ukuba nomsindo msinyane.
• Ukusokola ekugxileni.
• Ukungayigqibi imisebenzi kunye nemisebenzi yesi kolo eyenzelwa ekhaya.
• Iingxaki zokuziphatha, njengobundlongondlongo.
• Ukwenza izizathu zokungayi esikolweni.
• Ukubasemnxebeni rhoqo okanye kwiinethiwekhi zamajelo eendaba zoluntu.
• Ukusilela ekugqibezeleni eminye imisebenzi yobomi yemihla ngemihla.
Ukufumana uncedo, abazali kunye nabafundi banokutyelela ii-ofisi zezithili zesebe lemfundo.
Banokuqhagamshelana neSouth African Depression and Anxiety Group , ku-0800 567 567 okanye bathumele i-SMS ku-31393 kwaye umcebisi uzakubuya  akutsa lele umnxeba.