Umanyano loluntu lubalulekile kakhulu kwimpumelelo yoMzantsi Afrika

vukuzenzele unnamed

Ngelixa ubundlo b o n g e l a  k u n y e nokutshatyala l i s w a  o k u g u b u n g e l e iindawo ezithile zaKwa Zulu-Natali naseRhawu tini kutshanje zibange le umonakalo omkhulu kwimpahla nakwiindlela zokuphila, ziye zanefuthe elikhulu kumanyano lolu ntu lwethu.
Oku kwacaca gca kwizi ganeko ezimanyukunyezi ezenzeke kwiindawo eziku futshane ne-Phoenix kunye naseThekwini.
 Ngexesha lezidubedube ezithile ezimbi kakhulu kwintando yesininzi yethu, nakwimo esele igcwaliswe kukusola kunye nokunga thembani kwabantu, abantu ebebehlala kwindawo enye ngoxolo baye bajikelana.
 Kusekuninzi ekufuneka sikuvumbululile malunga neziganeko ezenzekileyo.
Ukwanda ngokukhawuleza kweendaba zobuxoki, imi fanekiso engcikivayo kunye neenkcukacha ezingachane kanga zenze kwabanzima ukwahlula phakathi kwenyani nobuxoki.
 K o d w a  s i y a z i  n g o k w e e ngxelo zomthetho nakulwazi lwethu ukuba abantu bebe bukulwa ngokobuhlanga kwiindlela ezivalwe ngo kungekho semthethweni, abanye abantu bakhutshwa ezimotweni babethwa, kwaye abanye bathotywa isidima kwaye becekelwa phantsi.  Abantu abaninzi babulawa.
 U n i n z i  l w e z i n t o  e z e -nzekileyo ziziphumo  ezingenakuphepheka xa abantu bezithathela umthetho ezandleni zabo.  Ukuthathela umthetho ezandleni akuzu kunyamezeleka kweli lizwe.
Kululwaphulo-mthetho kwaye kuyingozi.
 Ngoku kuba ukuzola kubuyiselwe esiqhelweni kwiindawo ezichaphaze lekileyo, ii-arhente zethu zogcino-mthetho ziphanda ngazo zonke izenzo zolwaphulo-mthetho.
Iqela labacuphi linikwe umsebenzi wokujongana nokubulala kwaye lise benza ngokusondeleleneyo noluntu lwasekuhlaleni.
K u b e k h o  u k u b a n j w a kwabantu kwaye abo babandakanyekayo baza kujongana nengalo yomthetho.
Uninzi lwengxelo  ezingqonge iziganeko zase-Phoenix bezilawulwa ziinzame zokuthelekisa iintlanga ezahlukeneyo.
Bezivuselelwa ngabantu abangaziwayo kumajelo eendaba zoluntu nakumaqela emiyalezo enza amabango acaphukisayo kwaye beme melela impindezelo.
 K u k h o  i i n z a m e  z o k u b o nisa oku njengophawu lokuchithachitha ubudle lwane beentlanga phakathi koluntu oluNtsundu kunye nolwamaNdiya.
 Njengokuba babekhona abantu ababezama ukuxha phaza abantu abasesichengeni kwaye babangele isiphithiphithi, kukho abo bebefuna ukubonisa izenzo zolwaphulo-mthetho ngoko buhlanga ukuze bafezekise iinjongo zabo.
 Abazu kuphumelela.
UMzantsi Afrika unembali yokuzingca yokuziphatha ngokungacaluli ngoko buhlanga kunye nobumbano lwabasebenzi. Uluntu oluNtsundu kunye nolwa maNdiya lwalumanyene kumzabalazo wokulwa nocalucalulo kwaye, kunye nolunye uluntu, bahlala bezibophelele kwintlalo emanyeneyo neyentando yesininzi.
 U k u p h e n d u l a  k u l o y i k o  nokungathembani, abantu base-Phoenix kunye neendawo ezingabamelwane zaseBhambayi, eZwelitsha nase-Amaoti zisebenzela uku lungisa loo monakalo.
Bencediswa liqonga loxolo elasekwa yiNkonzo yaMa polisa oMzantsi Afrika ngentsebenziswano kunye neenkokheli zoluntu, aba hlali baye badibana ngoku nika inkxaso kwabo bantu bachatshazelwe zizidube dube kwaye bavule amajelo engxoxo.
 Le ayiyiyo kuphela indawo yelizwe ejongene nemicelimngeni enjalo.
 Iinzame zethu zokwakha uluntu oluhlangeneyo  zityhafiswa lilifa lesicwangciso socalucalulo kunye nokungalingani okuzingi sayo.
Izixeko zethu, iidolophu kunye neendawo zase maphandleni zisahlulahlulwe ngokobuhlanga nangokodidi lwentlalo.
Oku kuyayityhafisa intsebe nziswano kunye nokuqondana, kwaye kudodobalisa umsebenzi esiwenzileyo wokwakha uluntu olungenacalulo ngokobuhlanga.
 U k u l u n g i s w a  k o l u  p h a zanyiso lwendawo kufuneka kube yinxalenye yomsebenzi wethu wokwakha uqoqosho olubandakanya wonke umntu noluphucula iimeko zokuphila zabantu bonke baseMzantsi Afrika.
Yiyo loo nto sisebenzela ukwakha uqoqosho olukhulayo ezilokishini  nasemaphandleni, kwaye sigxile ekukhuleni kwama shishini amancinane. Yiyo loo nto sityala imali kwi ziseko zophuhliso kwezi ndawo kwaye sisebenzela ukuphucula ukubonelelwa kweenkonzo.
Ngaxesha nye, kufuneka sijongane nobuhlanga kuluntu lwethu. Kufuneka sithethe ngokunyanise kileyo kungekuphela nje ngeembono zethu komnye nomnye, kodwa nangeemeko ezibonakalayo ezisahlulahlulayo.
Xa kungona ulwahlulo lobutyebi kunye namathuba eMzantsi Afrika zisagqityelwa ikakhulu bubuhlanga kunye nesini, asinakho ukwakha isizwe esimanyene ngokwenene.
 I z i g a n e k o  z a s e P h o e -nix zisisikhumbuzo  esibuhlungu sokuba unga kanani umsebenzi ekusa funeka siwenzile ukwakha uluntu olubandakanye kayo oluye lwachitha chitha ngempumelelo imi qobo yexesha elidlulileyo.
Ezi ziganeko zikwabo nisa indlela abanye abantu abazimisele ngayo eku sahlulahluleni, kunye nendlela ekufuneka senze ngayo ngokusemandleni  ethu ukumelana nabo.
 Luxanduva lwethu oludi beneyo ukuxhasa aba bahlali baseThekwini nakwezinye iindawo kuhambo lwabo oluya kuxolelwaniso nase kuphileni.
 Intando yesininzi yethu yakhiwa ngabantu aba noxolo kunye nabalamli.
Abaqulunqi benkululeko yethu yayingamadoda naba fazi abaNtsundu, amaNdiya, abeBala nabamhlophe aba bekhaliphe kakhulu abakhetha indlela yoxolelwaniso endaweni yempindezelo, kunye noxolo endaweni  yemfazwe.
 Njengokuba sizama ukuphila kulo mothuko wesizwe udibeneyo, masi qine sibambisane.  Masizoyise  iiyantlukwano zethu ekufu neni okulungileyo.
Masisebenzisane ukwenza ikamva eliqhelekileyo apho wonke umntu enesabelo esi linganayo.