I-SANDF ilwa neCOVID-19

More Matshediso 

UMkhosi woKhuse lo weSizwe wase Mzantsi Afrika (i-SANDF) uncedisana nokulwa nesifo sentsho longwane ye-Corona (i-COVID-19) kwiphondo lase-Gauteng, nekulelona phondo lingumbindi wetyeli lesithathu lale ntsho longwane okwangoku.
I-SANDF incedisa ngoku vavanywa koluntu oluninzi, ukuhlola kunye nokulandelelwa komkhondo, kwakunye nokuncedisa nakuyo nantoni  na ezibhedlele.  UMkhosi waseMzantsi Afrika weNkonzo yezeMpilo, uthunyelwe kweli phondo ukuze uphungule umthwalo emagxeni abasebenzi bezempilo.
Kubekwe Iqela loMsebe nzi wezoNyango kwisibhe dlele i-Chris Hani Baragwa-nath Academic Hospital esiseRhawutini.
Emva kokuba iphondo le-Gauteng libhengezwe njengelona phondo elinamanani aphezulu e-COVID-19 ngexesha letyeli lesithathu. Esi sibhedlele sikhankanywe njengeziko le mpilo lephondo, kwaye ngoku libekelwe bucala ukuze lijongane nezigulana ze-COVID-19.
Ngaphambi kokuba iQela loMsebenzi wezoNyango liqale umsebenzi walo, liye lagonywa ukuze lihlale likhuselekile ngelixa lisebenza ngamanani onyukayo abantu abosulelekileyo kunye nabamkwelwa esibhedlele.
Inkomanda yeli Qela loMse benzi woNyango uKholoneli Fezeka Mabona, ongumongikazi oqeqeshiweyo, uthi usebenza namanye amalungu eqela ngqo kanye apho uncedo lufuneka khona. “Eli qela liqulathe abasebenzi  abaqeqeshiweyo kweze mpilo ngokwahluka-hlukeneyo, kuquka abongikazi, oogqirha, abasebenzi bezonyango kunye nabo abaqeqeshelwe ezempilo nokhuseleko emsebenzini,” utshilo. Uninzi lwabongikazi luneziqu zokonga kwinqanaba lesi danga, kumakhono ohlukeneyo aquka ukhathalelo lwempilo oluphambili.
“Abanye abongikazi  baqeqeshelwe ukusebenza ethiyetha. Sonke sisebenzile njengabongikazi ngokuthe  gabalala, ababelekisi, ooti tshala babongikazi kunye nabaphathi kuzo zombini iinkqubo, emkhosini nakwimpilo yoluntu,” uqhubeke watsho.
Iqela lohlukene ngama qelana emisebenzi kwaye lisebenza ngokutshintshana ngamaxesha nabasebenzi besibhedlela ngokweemfuno zecandelo. Okwangoku eli  qela linikezela ngeenkonzo  zonyango kwiiwadi  ezisithandathu.  “Ngokwalo mzuzu inani labasebenzi liphantsi kunelo elingakwazi ukulawula inani  labantu obosuleleki leyo. Kubaluleke kakhulu ukuba sizame kanga ngoko esinako ukunce disana nabo ukuze sonke sinqande ukongezeleleka koxinzelelo kwinkqubo yezempilo,” utsho njalo uMabona.
Ukongezelele wathi umoya wentsebenziswano phakathi kwabongi be-SANDF kunye nabasebenzi bezempilo baseluntwini usemhle kakhulu kude kuzothi ga ngoku.
Ngenxa yokonyuka kwama nani e-COVID-19, kulinde leke ukuba isibhedlele sifu mane ezinye iibhedi, ukuze  konyuswe umthamo waso weebhedi eziyi-96 ngeenjongo zokukwazi ukwamkela nezinye iziguli ezininzi. 