Uxhaso Lwamashishini kunye  Nabasebenzi 

vukuzenzele unnamed

Ukuqala nokwakha ishishini kufana nokukhulisa  umntwana. Kuthatha ixesha, umonde, inkxaso ethe gqolo kwakunye nokumkhulisa ngononophelo eseliyuku ade abemdala.  Kosomashishini abaninzi iyophula kakhulu intliziyo into yokubona ishishini lakho owalisusa phantsi lijongene nemicelimngeni yokukhula, okanye xa lijongene nee ngxaki ezinyanzelisa ukuba livale  iingcango zalo. Kususela oko kwaqala ubhubhane we-COVID-19, ibeyimeko ebuhlungu ejongene namashi shini amaninzi kuquka amancinane kunye namakhulu, kwaye le meko ingekho buhlungu kweli lizwe lethu qha kodwa kumhlaba wonke jikelele. Amanyathelo ekuye kwafu neka siwathathe ukuze sinqande ukunwenwa kwalo bhubhane wentsholongwane abenefuthe elibi kumashishini.
 Ukujongana nalo bhubhane siye safuna ukusebenzisa ubu ngqina obusisiseko xa siqulunkqa umgaqo-nkqubo kunye nokusebenza. Ngokuthi siqwalasele uphando lwenzululwazi, ubu chule bezonyango kunye namandla esinawo, kwakunye nefuthe kuwo wonke amacandelo oluntu.  Siye sazama ukufumana isilinganiselo phakathi kokugcina ubomi kunye nokugcina indlela yokuphila.
Siye sazama ukunciphisa ifuthe elingalandela ezimpilweni zabantu ngenxa yemiqathango yokumiswa ngxi kweentshu kumo, okanye umngcipheko wolunye ubhubhane lwesibini, mhlawumbi indyikitya yobhu bhane olubi nangakumbi lwentlupheko nendlala kwilixa elizayo.
 Kwiintsuku zokuqala kunyaka ophelileyo, sothula amanya thelo afana nesibonelelo sethutyana sabaqeshi nabasebenzi i-COVID Temporary Employer/Employee Relief Scheme (TERS) kwakunye neSikimu Esisisiqinisekiso seMali-mboleko nezinye ke iindlela zokuxhasa amashishini asakhasayo ngokuwanika isibonelelo sethutyana esikhawulezileyo ukuze sothule umthwalo emagxeni wabase benzi noosomashishini.  Ukongezelela, kwabakhona uncedo olukhethekileyo lwezibo nelelo sezentlalo ngelokwandisa ukufikelela kwizibonelelo ebe sele zikhona kakade, ukuze kubonelelwe iintsapho nabantu abahlelelekileyo ngeendlela zokuphila.
 Ngolu ngenelelo sikwazile ukunciphisa iziphumo ezimbi kakhulu ebezingeza nalo bhu bhane, ngokuthintela ukuvalwa kwamashishini kwanokulahle kelwa nangakumbi yimisebenzi.
Olu ngenelelo lwakhe isiseko esiluqilima seSicwangciso soKwakha ngoKutsha noKuvuse lelwa koQoqosho. Sicwangciso eso esisungulwe ngeyeDwarha yonyaka ophelileyo.
 Njengenxalenye yesicwa ngciso, sothule iNkqubo yeNgqesho kaMongameli ukuze sibonelele ngengeniso nendlela yokuphila kwizigidi zabaxhamli.  Ngenxa yoku kuvuselela,  bangaphezu kwe-300 000 abantu abatsha ababekwe njengaba ncedisi ezikolweni. Angaphezu kwe-100 000 amafama aziphilisayo abhaliswe kwiziko ledatha elelingazange libekho ngaphambili apho banoku kwazi ukufikelela kwinkxaso ngobuchwephetshe.  Bangaphezu kwe-30 000 abantu abatsha abanikwe amathuba kweze nkcubeko nakwicandelo lobugcisa nemidlalo. Iingcali ezi lulutsha zona zinikwe amathuba kumacandelo okuphuculwa kweziseko zophuhliso, ukulo ndolozwa kwendalo namanye ke amacandelo.  Zikhona ke nezalathisi ezi-bonisa ukuba uqoqosho luthe chu ukuvuseleleka, ngokukhula kwanokuqalwa kwemise benzi kumacandelo amaninzi, ukususela kwimveliso ukuya kwizimbiwa nezolimo.
 Kwangaxesha linye, siyazi ukuba oku kujonga ‘ngeliso elikhulu’ akubathuthuzeli ncam abasebenzi noosomashishini abachaphazeleke ngokunga thethekiyo, ukususela kulo nyaka ogqithileyo nesiqingatha. Kwaye siyathemba ukuba sizakubona imeko iphukcuka njengoko uqoqosho lusiya luvuleka kancinane.
Ukunyuka ngokukhawuleza kosulelo, kusenziwa nangakumbi intsholongwana entsha i-Delta kunyanzelise izithintelo ezingqongqo kwiintshukumo zabantu, ukusebenza kwamanye amashishini, kunye neendibano zoluntu.
Noko ibingezozigqibo zilula ukuzithatha ezi, ngenxa yo kwazi ulwamvila oluzokuvakala  kwiindlela zokuphila kwabantu.
 Njengoko senza njalo ekuqaleni kwalo bhubhane, sathethathethana noogxa bethu kwezentlalo-ntle, amashishini, ezabasebenzi nemibutho yo luntu. Sikhangela ukuba ngeyiphi indlela esinokuzisa ngayo uzinzo kwezemali esinokuxhasa ngalo amashishini nabantu nge-lixesha loxinzelelo.
 Iingxoxo kwibhunga lophuhliso loqoqosho lwesizwe kunye nabasebenzi zaba neziphumo zesivumelwano esithi, awona manyathelo asebenzayo nangakwazi ukuzisa uzinzo olukhawulezileyo kwezemali kukwandisa ixesha lesibonelelo se-COVID-19 TERS kumacandelo achaphazeleki leyo zizithintelo ezibuyekiziweyo kwisigaba sesine sokumiswa kweentshukumo. Ukuxhasa amashishini aphele lwe zilayisenisi kunye neemvume eziphelelwe phakathi kweyo-Kwindla 2020 neyeSilimela 2021, sizakwandisa ukusebenza kwawo kude kube ngumhla we-31 kweyoMnga 2022 kwaye akukho ntlawulo yelayisenisi ezakubhatalwa.
 Kwakhona kunyaka ogqithileyo, besisebenza ngoku ngaguqukiyo sikhusela abasebenzi abasesichengeni abamisebenzi yabo ikwingcipheko, ingakumbi kumacandelo abetheke kakhulu afana neevenkile, ukutya neziselo kwakunye nemveliso yesinyithi. Ngenxa yenkqubo eququzelwa yi Khomishini yoXolelwaniso, uNgenelelo noLamlo, eminye imisebenzi eyi-58 000 igcinakele. Ngenxa yalo bhubhane onga bonisi zimpawu zokuphela kwamsinya, amashishini kunye nabasebenzi basahleli esichengeni.
 Sibulela ukudibana kweze ntlalo kuba urhulumente, amashi shini kunye nabasebenzi, sikwa zile ukusebenzisana siqhubeke sikhusela abasebenzi kunye namashishini kwiimpembelelo ezinzima kuqoqosho ezenziwe ngulo bhubhane. Okwangoku, eyona nto ipha-mbili kuthi kukusindisa iimpilo zabantu kwanokuqinisekisa ukuba sinikezela ngenkxaso efunekayo, ngokwamandla ethu, ukuze sithintele amashishini amaninzi angavali nto leyo engakhokelela ekulahle keni kwemisebenzi emininzi.
Njengoko senzile ngesibonelelo se-COVID-19 TERS, urhulu mente uthe gqolo nokuqhubeka azibophelele kwiingxoxo namashishini kunye nabasebenzi ukuze kufunyanwe indlela yokuphuma kula maxesha oxi nzelelo ngokuthi kusindiswe ubomi, kukhuselwe neendlela zokuphila.