Khusela Ubusela Besazisi

Kgaogelo Letsebe

UShenki Mabitsela  (28) ubazi bonke ubusela besazisi  kunye nolwaphulo mthetho olunxulumene nabo, nanje ngoko ebekhe walixhoba.
UMabitsela, waseModimolle eLimpopo, ufake isicelo semali-mboleko ebhankeni ngeyeNkanga ka-2020, kodwa waxelelwa ukuba unamatyala amaninzi kwaye akakufanelanga ukufumana imali-mboleko. “Ndiye ndayokufaka isicelo semali-mboleko yexeshana kuba bendifuna imali yokuziphilisa emva kokudendwa ngeyeSilimela ka-2020. Ndothuka xa ndixelelwa ukuba andifanelekanga. “Ekuqaleni ndacinga ukuba kungenxa yomvuzo wam ongazinzanga, kodwa bekungenjalo. Ndandizazi ukuba ndinetyala elinye kuphela lokuthenga iimpahla kwaye andinalo elinye ityala, ndiye ndacela ukuba ndikhutshelwe inkcazelo ebanzi nga-matyala am,” utshilo.UMabitsela ubone ukuba kuvulwe izivumelwano ezi-bini zeeselula, imali-mboleko yebhanki engama-R65 000 kunye namatyala amaninzi eevenkile avulwe ngegama lakhe. Ityala laliphantse lafikelela kwi-R100 000. “Phambi nje kokuba ku-valwe kwinqanaba lesi-5 kuzwelonke, ndilahlekelwe yincwadi yam yesazisi. Ndandicinga ukuba ikwenye indawo kwalapha endlini kwaye andabi naxhala kakhulu kuba bendinesazisi sam sekhadi,”utshilo.Emva kokubona ukuba kukho umntu ovula amatyala egameni lakhe, uMabitsela wavula ityala lesazisi esibiweyo kwiNkonzo yamaPoli-sa oMzantsi Afrika (i-SAPS). Kwafuneka abhale ingxelo efungelweyo echaza ukuba ulahlekelwe yincwadi yakhe yesazisi ze ayise kubantu abatyalwayo kunye nenombolo yamapolisa avule ngayo ityala ukunqanda uku-bekwa kuludwe lwabantu abangahlawuli matyala. Amava kaMabitsela awohlukanga kwawabanye. Ngokwengxelo yoBuqhetseba  yaseMzantsi Afrika (i-SAFPS) ka-2020, kunyaka opheli-leyo ubuqhetseba bonyuke nge-161% eMpuma Koloni nange-120% e-Gauteng. U-Manie van Schalkwyk, uMphathi oLawulayo we-SAFPS, uthi: “Eyona nto ixhalabisayo bubuqhetseba bokuzenza omnye umntu oko kubizwa njengobu-qhetseba besazisi bunyuke ngama-337%.” U-Van Schalkwyk uthi abantu mabaxele malunga nokulahleka kweeNcwadi zezazisi okanye iipaspoti ngokukhawuleza. “Ukunika ingxelo yoku-lahleka okanye ubusela kwi-SAFPS nakwi-SAPS kuqinisekisa ukuba siyakwazi ukufaka iinkcukacha kwiziko le-intanethi kwaye sazise amalungu ethu. Ba-nokuthi emva koko bathathe ingqalelo eyongezelelweyo xa beqinisekisa ngesazisi.” 

