Ii-SOE kufuneka ziqhube ukukhula koqoqosho kunye nenguqu

vukuzenzele unnamed

Sele kuyiminyaka ngoku, amashishi ni aphantsi korhu lumente oMzantsi Afrika (ii-SOE) enxulunyaniswa kakhulu namehlo abantu  kunye nokubanjwa ngobho ngwana kukarhulumente,  ukusetyenziswa gwenxa kwezimali nokungaqhubi  kakuhle.  Ukongeza ekufuneni uku-khululwa rhoqo ngurhulu-mente, ezinye zeenkampani ezinkulu nokubalulekileyo eziphantsi kukarhulumente bezisokola ukufikelela kwizigunyaziso zazo.Ezi SOE kufuneka zibe phambili kutshintsho lwezo-qoqosho nezentlalo. Zinoxanduva lokubonelela ngezise-ko zoncedo kunye neenkonzo uqoqosho oluxhomekeke kuzo, nokuba kukwenziwa kombane, uthutho lwabakhwe-li, ubonelelo ngamanzi, uku-thuthwa kwempahla okanye unxibelelwano ngomnxeba.Indlela yethu yokufumana ubunini bukarhulumente ixhotyiswe yimfuno yokuse-benza kwamashishini aphambili othungelwano, afana nawamandla kunye namazi-buko, kunye nesidingo soku-qinisekisa ukuba iimfuno ezisisiseko zabo bonke abemi boMzantsi Afrika, ngakumbi abahluphekileyo, ziyafezeki-swa.Sikholelwa ngokungagungqiyo ukuba ubunini boluntu buyimfuneko kumacandelo abaluleke kakhulu kuqoqosho kwaye ilizwe lifuna ii-SOE ezomeleleyo ezikwaziyo ukuqhuba ukukhula kwe-zoqoqosho kunye neenguqu.Oku kunjalo ikakhulu ekuhanjisweni kweenkonzo zoluntu ezifana nombane na-manzi, apho ii-SOE zikwazi ukulandela igunya lophuhliso ngokomdla woluntu ngokuchaseneyo nentengiso esulungekileyo.Kungenxa yoko le nto sibeke phambili kulo rhulumente ukuba ajike ezi nkampani ukuze zisiphule neengcambu urhwaphilizo, ziphucule ulawulo lwazo kwaye zibenako ukudlala indima ekuqhubeni ukukhula koqoqosho kunye nokudala imisebenzi.Ukuza kuthi ga ngoku, sithathe iinguqu ezininzi ukomeleza ezi SOE ukuze zikwazi ukuvelisa iziphumo ilizwe elizifunayo nokulindeleki-leyo. Olunye uhlaziyo olubalule-kileyo kakhulu lukwicandelo lezamandla. Siqalisile ngenkqubo yokwakha ngokutsha u-Eskom abe zii-SOE  ezintathu, ezijongene nokuveliswa, ukuhanjiswa nokusasazwa ngokulandelelana kwazo. Kungenxa yokuba ulwakhiwo lwangaphambili luka-Eskom lwalungaku-lungelanga ukutshintsha imbonakalo yamandla. Lungasebenzi kakuhle, lubiza kakhulu kwaye lungabo-nakali ngokucacileyo. Ukusekwa kwecandelo lokuhanjiswa kombane kuya kuthetha ukuba u-Eskom uza kuba nakho ukuthenga amandla kuluhlu olubanzi lwaba-boneleli, abucala nakarhulu-mente. Oku kuza kuphucula ukungafihli, kunyuse ukhu-phiswano kukhuthaze uku-thengwa kombane onexabiso eliphantsi. NgeNkqubo yaBavelisi abaZimeleyo baMandla aVuselelekayo, kubekho utyalo-mali lwabucala olubalulekileyo ekuvelisweni kwamandla. Ngesindululo soku-nyusa ukukhutshwa kwamaphepha-mvume kwiinkampani ezixhomekekileyo ngemveliso apho iinkampani zizivelisela umbane ngokwazo kunye nabanye abasebenzisi borhwebo ukusuka kwi-1MW ukuya kwi-100MW, sinokulindela utyalo-mali lwabucala nga-kumbi. Oku kubalulekile ngexe-sha apho ilizwe lithwaxwa kukunqongophala okukhulu kombane ozinzileyo nalapho u-Eskom norhulumente bengenakho ukutyala imali kumthamo omtsha wokuve-lisa.Okubalulekileyo, olu hlengahlengiso luya kunika u-Eskom isithuba sokujongana nemiceli mngeni yakhe yeze-mali kunye nokusebenza.Olunye uhlengahlengiso olubalulekileyo kukusekwa kweGunya leZibuko leSizwe njengenkampani ezimeleyo ye-Transnet.Eli licandelo elibaluleki-leyo lesicwangciso esibanzi sika-Transnet sokuvuselela iziseko zophuhliso. Abakwa-Transnet baceba ukutyala imali ezibhiliyoni zeerandi kule minyaka mihlanu izayo kuphuculo lweziseko zayo kuzo zonke iinkqubo zamazi-buko. Oku kuyakwenza ukuba amazibuko ethu asebenze ngakumbi kwaye ukuthunyelwa kweempahla kwamanye amazwe kukhu-phisane ngakumbi, kwaye kuncede uqoqosho luphela.Kumthengi oqhelekileyo, oko kuya kuthetha ukwehla kwamaxabiso kwixesha elide kwizinto zethu ezininzi. Ku-bathumeli mpahla ngaphandle, oko kuya kuthetha ukhuphiswano olukhulu kwiimarike zehlabathi.Njengokuba imveliso yethu ethunyelwa kumazwe angaphandle ikhula, uqo-qosho lwethu luza kwanda luze ludale imisebenzi emi-ninzi. Amazibuko asebenza ngokukuko aya kwenza uqoqosho luphela lusebenze ngcono kwaye njengoko amanani asebenzisa izibuko esanda, imisebenzi iyakuvela kumazibuko ngokwawo.Ukuseka iGunya leZibuko leSizwe njengenkxaso ye-Transnet nebhodi yayo, phakathi kwezinye izinto, kuya kuthetha ukuba inge niso eveliswe ngamazibuko inokusetyenziselwa ukubu yisela izixhobo ezindala ku nye nokuphucula nokwa ndisa amazibuko ethu, u msebenzi othe walibaziseka ngaphezulu kweminyaka elishumi. Phakathi kwezinye izinto, ezi nguqu ziya kukhuthaza utyalo mali lwabucala olukhulu kwiziseko zophu hliso zelizwe. Abanye abantu bavakalise inkxalabo yokuba oku kuya kunciphisa ukuba luleka okanye kunciphise ixa biso lee-SOE. Enyanisweni, oku kuzakuzikhulisa ii-SOE. Olu hlengahlengiso luza kuqinisekisa ukuba ngeli lixa iziseko zophuhliso zihleli zisezandleni zikarhulumente, ii-SOE zethu ziya kusebenza ngakumbi kwaye nemizi mveliso ezixhasayo iya kukhuphisana ngaku mbi. Ngokulinganayo, olu hle ngahlengiso lubalulekile uku qinisekisa ukuba ii-SOE ziphu meza uxanduva lwazo ngoku banzi lophuhliso ukuxhasa bonke abemi noqoqosho.Umgaqo-nkqubo wethu uhlala usithi ii-SOE kufuneka zidlale indima ebalulekileyo kuphuhliso ekuxhaseni ukukhula koqoqosho lwethu. Umsebenzi wethu kukuzibeka kwindawo efanelekileyo, ukuze bakwazi ukunceda abo banezabelo okungabantu baseMzantsi Afrika.
