 Abantu abatsha basesona siphiwo sethu sixabisekileyo

vukuzenzele unnamed

Nge-16 kweyeSi limela 1976, ulu tsha lwaseSowe to kunye nelakwezinye iindawo apha esizweni laphakama ngokuchasene nobugwenxa beMfundo ye-Bantu Education.
Ngolo suku nangeentsu ku ezalandelayo, abantu aba ninzi baphulukana nobomi babo. Babulawa ngurhulu mente ongenalusini owaye ngabukhathalelanga kwa phela ubomi babantu aba ntsundu, kwaye ongacingi nto ngokuthulula iimbhu bhulu kubantwana besikolo abangaxhobanga, benxibe iyunifomu.Ezi ziganeko zaluqinisa kakhulu uluvo lwamazwe aphesheya ngokuchasene nolawulo localucalulo, lwaze lanika amandla ngakumbi kumzabalazo wenkululeko.Abantu abancinci bahla la behleli phambili kuqha nkqalazo lwentlalo, uku susela kuqhankqalazo lwe minyaka yoo-1950 olwalu chasene nolawulo e-Latin America, ukuya kuthi ga kuqhankqalazo olwenzeka kwi-Afrika iphela kwimi nyaka yoo-1960.Imbali irekhoda ngoku thembekileyo igalelo lesi zukulwana sika-1976 lo mbutho wabafundi wama zwe aphesheya kunye no kuma kwawo ngokuchasene nengcinezelo kunye nesenzo sentswelo-bulungisa.Esi siganeko seminyaka engama-45 esadlulayo sisaqhubeka ukukhunjulwa e-Afrika nakwihlabathi liphela.Kuyaphazamisa ke ukuba ulwazi lwe-16 kweyeSi limela luyancipha kulu tsha lwaseMzantsi Afrika. Ngakumbi kwisizukulwana  esibizwa ngokuba yi-Genera tion Z, okanye abo bantu ba tsha bazalwe phakathi ko mnyaka ka-1997 noka-2015.Uphando luka-2019/2020 loMzantsi Afrika lweZimo zoLuntu olupapashwe li Bhunga loPhando lweeNzu lulwazi zaBantu lufumanise ukuba phantse ama-40% e-Generation Z zange eva ngeziganeko zembali yomhla  we-16 kweyeSilimela. Ipe senti efana naleyo yona ikhe yeva malunga nezo ziganeko kodwa yazi kancinci kakhulu okanye ayazi nto ngayo.Nangona kunjalo, uvava nyo lufumanise ukuba abantu abatsha kwesi sizukulwana banomdla ukuba bangafunda ngeziganeko ziphambili zembali kwaye bakholelwa ekuqhubekeni kokubaluleka kwazo.Kufuneka senze okunga phezulu njengelizwe uku qinisekisa ukuba umyale zo ka-1976 ugqithiswa ngo kwenyaniso.Olu luxanduva lwabantu bonke kuqukwa urhulumente, izikolo, amaziko emfundo ephakamileyo, abazali, iintsapho, iimvumi, amagcisa, kunye noluntu lonke.Isizukulwana esazalwa emva kokuphela kocalucalulo sazuza njengelifa isizwe esinoMgaqo-siseko wentando yesininzi nalapho inkululeko ikhuselweyo.Amathuba abantu aba ntsundu abanawo namhlanje ohluke kakhulu kwaye aphucuke ngeyona ndlela.Ukugcina ibali ye-16 kwe yeSilimela iphila sisikhu mbuzo kwisizukulwana sa namhlanje sokuzincama okukhulu okwenziwa ukukhusela inkululeko yabo.USuku loLutsha sisikhu mbuzo samandla amakhulu kunye nokungxamiseka kokuba abantu abatsha kufuneka bazenzele ikamva eliqaqambileyo.Kule mihla abantu abatsha eMzantsi Afrika bajongene nemizabalazo emininzi. Abantu abatsha ngabona baphambili ekufakeni isa ndla ingakumbi kwizinto  zepolitiki, nokuba zizinto  ezifana nokufuna imfu ndo yasimahla okanye ngo kuchasene nemikhwa emibi  enje ngobundlobongela obusekelwe kwisini.Namhlanje owona mzabalazo mkhulu oqhutywa lulutsha kukuchasana nentswela-ngqesho, ethe yanda ngakumbi phantsi kobhubhane we-COVID-19.Eyona nto iphambili kurhulumente kukudalela abantu abatsha amathuba amaninzi kunye neendlela zokufikelela kuloo mathuba. Yonke into esiyenzayo njengorhulumente inegalelo ekuphuculeni ubomi babantu abatsha. Ukulwisana nentswela-ngqesho kulutsha kufuna ukukhula koqoqosho okukhawulezileyo, ingakumbi kumacandelo afuna abasebenzi abaninzi, kunye nokwakha amandla kurhulumente ukuze afezekise indima yakhe yophuhliso.Sikwaluqhuba olu luhlu lwezinto ezifuna ukwenziwa ngokuthi sibe nongenelelo esijolise kulo. Olu ngenelelo lubandakanya iMvuselelo yeNgqesho kaMongameli, esele ibonelele ngamathuba emisebenzi kunye nenkxaso yokuphila kubantu abatsha abaninzi.Sisungule uluhlu lwama nyathelo ongezelelweyo uku dala amathuba, ukukhulisa uphuhliso lwezakhono, ukuxhasa oosomashishini aba tsha kunye nokwenza ukuba ulutsha luthathe inxaxheba ngokupheleleyo kurhwebo lwezabasebenzi.Oku kubandakanya ukusekwa kwe-National Pa thway Management Ne twork, yoLutsha loMzantsi Afrika, ukwenzela kube lula kubantu abatsha ukuba babone kwaye bafumane amathuba nenkxaso esebe nzayo yokufumana iindlela zokungena kurhwebo lwezabasebenzi.Ezi zezinye zezinto ezi phambili kuManyathelo okuNgenelela kwiNgqesho yoLutsha kukaMongameli, eyaqaliswa kwiiveki nje ezimbalwa phambi kokuba singene kuvaleleko lwesizwe kulo nyaka uphelileyo nozakuthi ngoku uzalisekiswe.Amanyathelo okuNgene lela kwiNgqesho yoLutsha kukaMongameli asekwe phezu kwengqiqo yokuba ukusombulula ingxaki yentswela-ngqesho kulutsha kufuna ukucinga okutsha kunye nentsebenziswano eqinileyo kuluntu lonke.Eyona njongo yayo ipha mbili kukufumana izinto ezi sebenzayo, nokuba kuphu hliso lwezakhono okanye kwi migaqo-nkqubo yorhwebo labasebenzi, kwaye kunyu swe oku ngokukhawulezi leyo ukuze kufikelele ku lutsha oluninzi kangangoko kunakho.
Okona kubaluleke kakhulu, kukuyiqonda into yokuba abantu abatsha kufuneka babe sembindini wawo nawuphi na umzamo woku-nyusa ingqesho yolutsha. Abantu abatsha basesona siphiwo sethu sixabisekileyo, kwaye basesona sixhobo sethu sikhulu kulo mlo.Sothulela umnqwazi wonke umntu osemtsha odlala indima yakhe ekwakheni nasekuphuhliseni eli lizwe.Ngabantu abatsha abavo-lontiya kwiindawo esihlala kuzo, besakha ilizwe lethu ngeMvuselelo yeNgqesho kaMongameli, beqhuba amashishini abo kwaye befundela nokuziphucula.Ngabantu abatsha abazenzela eyabo indlela kwaye bathwale neentsapho zabo.Sibothulela umnqwazi abantu abatsha abaqhubeka nokusebenza ukuphucula ubomi babo. Abantu abatsha abenza eyabo indima; badinga inkxaso kurhulumente kunye noluntu luphela.Ilizwe lethu liphantsi kwelona xesha linzima, kodwa sisebenza mihla le ukwandisa ithemba.Siyawabona amahlumelo aluhlaza okukhula kuqo-qosho lwethu, kwaye si-qinisekile ukuba oku kuya kuguqula amathuba angcono kumntu wonke. Umse-benzi wethu ngoku kuku-qinisekisa ukuba abantu abatsha bakulungele kwaye banakho ukufikelela kula mathuba, bakwazi nokuze nzela awabo.