Amaphupha azalisekile kuluntu lwaseTafelkop

Vukuzenzele unnamed

Iqela labalimi baseTa felkop eGroblersdal, eLimpopo, ngabanini abanebhongo beehektare eziyi-189 zomhlaba, ababe belima kuwo kule minyaka ingama-25 idlulileyo.
Aba balimi bangama-30 bafumene iziqinisekiso zetayitile kuMongameli uCyril Ramaphosa emva kokuba iSebe lezeMisebenzi yoLuntu neziSeko ezingu Ndoqo liwugqithisele ngee njongo zokwabiwa komhla ba ngokutsha.
Lo mhlaba unexabiso eli ngaphezulu kwamashumi amabini anesihlanu anesi qingatha sezigidi zeerandi (ama-R25.5 seezigidi) kodwa unikezelwe kubalimi si mahla.
“Ngokwenene olu lusuku olukhulu kuluntu lwaseTa felkop, kubantu baseLimpo po, nakuMzantsi Afrika uphela.
“Namhlanje sibona iphu pha loluntu lizaliseka. Lo ngumbono olu luntu luchithe le minyaka ingama-25 idlu lileyo lusilwela ukuze liwu bone uzalisekiswa,” utshilo uMongameli kumsitho wo kunikezela ngomhlaba.
Aba balimi bebelima nge mpumelelo iimveliso zezo limo ezahlukeneyo ukusu kela ngowe-1996.
Baququzela bahlangani sana ngeminyaka yama1990 ukuba babhalise njengabalimi bezorhwebo phantsi koMbutho waBalimi baseTafelkop baze baqalisa ukuthethana norhulumente.
Ngonyaka wama-2000, iSebe lezoLimo leSizwe lelo xesha langena kwizivume lwano zokuqeshisa kunye noMbutho waBalimi base Tafelkop ngokwenkqubo yoKwabiwa ngokuTsha koMhlaba kwiNkqubo yo Phuhliso lwezoLimo.
Ngonyaka wama-2009, elalisakuba liSebe lezoLimo eLimpopo lacebisa iSebe le Misebenzi yoLuntu ukuba lo mhlaba ugqithiselwe kwaba balimi.
Ezi tayitile zabhaliswa ngamagama waba balimi ekuqaleni kwalo nyaka.
Lo mhlaba ngoku usetye nziselwa ukulima icuba, umqhaphu kunye nemveliso entsha.
Ngamakhaya angamashu mi amathathu anesibini  axhaswa ngulo mhlaba kunye nemisebenzi yoku lima ebonelela ngomsebenzi abasebenzi abasisigxina abali-128 nabasebenzi abafi kelela kuma-320 abasebenza ngamaxesha athile.
Ubulungisa kolu  luntuUMongameli uthe olu luntu lunyamezele ubunzima obuninzi kule minyaka idlu lileyo kwaye "iitayitile zi zisa ubulungisa kolu luntu lwahluthwa umhlaba".
“Asikulibalanga ukuhlu thwa komhlaba, ukubiwa komhlaba kunye nokususwa kwabantu ngenkani abathe abantu bale ndawo kunye noluntu oluninzi kweli lizwe liphela ekwakunyanzeleke ukuba lukunyamezele.
"Asiyilibelanga imvelaphi engqwabalala yokulima apha eLimpopo, apho aba hlali basezifama banyanze lwa ngenkani ukuba baqeshe indawo yokuhlala ngokuthi babe ngabasebenzi kumhla ba wookhokho babo, kwaye bengavunyelwa ukuba babe nomhlaba wokondla iintsapho zabo okanye wo tyisa imfuyo yabo."Wongeze ngelithi abasebe nzi abamnyama basezifama babexhatshazwa kwaye be phathwa kakubi kwindawo eyayisaziwa njengomNtla Transvaal ngaphambili.
“Sikwakhumbula nendlela urhulumente wocalucalulo awayexhasa ngayo abalimi abamhlophe ngezixhobo, ngenkxaso yezobugcisa kunye nokufikelela kwimalimboleko yokwakha ama shishini wabo, kodwa abali mi abamnyama basokola ukuze baphile.”Ukuguqula ushishi no lwezolimoUMongameli uthe ukugqi thiselwa komhlaba kukhu thaza kuvuselela ithemba kuba kubonisa ukuba ngenkxaso elungileyo kunye nokunikwa amathuba, ushi shino lwezolimo lunoku guqulwa ukuze kuzuze eli ilizwe.
“Sibhiyozela inkqubela phambili yethu, kuba umhla nezolo iNkqubo yokuBuyi selwa koMhlaba iya isiba namandla.
“Ukuza kufikelela ngoku, urhulumente wabe ngoku tsha umhlaba ongaphezulu kwezigidi ezintlanu zeehe ktare, ofikelela kwiifama ezimalunga nama-5 500 zizo nke, zabalelwa ngaphezulu kwabaxhamli abangama 300 000.”Ukuza kufikelela ngoku, inkqubo yokubuyiselwa komhlaba ixhamlise nga phezulu kwezigidi ezibini zababangi bomhlaba kwaye ikhokelele ekugqithiselweni kwe-2.7 sezigidi zeehektare.
“Ukubuyiselwa komhlaba akwenziwa nje ngenxa yoku lungisa intswela-bulungisa yangaphambili, ubulungisa kunye nokumanyana ko luntu. Kukwalungisa nophu hliso lwezoqoqosho. Ezolimo kunye nomxokolelwane wezolimo zinakho kwaye kufuneka ziguqule uqoqosho lwasemaphandleni,” utshilo uMongameli uRamaphosaURhulumente uceba ukuse ka i-arhente yokubuyiselwa komhlaba kunye nohlaziyo lwezolimo ukukhawulezisa ukubuyiselwa komhlaba.
“Sikhangela ukuba ibi sebenza kangakanani na imigaqo-nkqubo yethu yangaphambili. Siza kuwu lungisa lo mba wokubuyi selwa komhlaba ngokukha wuleza.”Ukulungisa iimpa zamo zexesha la ngaphambiliUMongameli uthe urhulu mente usebenza ngamandla ukulungisa izinto ezinga -hambanga kakuhle ngemi nyaka yengcinezelo naseku sukeleni kokuqala kolawulo lwentando yesininzi.
“Sikwenza oku ngokunika imbeko kwabo babesaku phila phakathi kwethu; ababehlala apha.”Ukubuyiselwa komhlaba kubalulekile ekuphuculeni ukubakho kokutya kweli li zwe, ukwakha uqoqosho olubandakanya wonke umntu, kunye nokubonelela ngekamva elingcono kubo bonke abemi boMzantsi Afrika, wongeze watsho uMongameli.
Ubongoze abalimi baseTa felkop ukuba bawusebenzise ngobunono umhlaba kwaye baxhamlise uluntu.
“Kum, le mini ibe lelona suku luhle kakhulu elulawu lweni; ukuphequla umhlaba niqhumise uthuli ndize ndi bone imveliso yenu.
“Andithandabuzi ukuba ngokuzimisela kunye na mandla wabo bonke ababa ndakanyekayo, le projekthi iza kuqhubeka nokukhula," utshilo.
Usihlalo woMbutho waBa limi baseTafelkop, uJerry Se foloshe ubulele urhulumente ngokwenza abalimi ukuba babe nakho ukuba ngabanini bomhlaba abawusebenze iminyaka engamashumi amininzi. 
UMongameli uCyril Ramaphosa ekunye nabalimi baseTafelkop, eLimpopo, abasandula kufumana iziqinisekiso zetayitile zomhlaba abalima kuwo.