Khuselani abantwana kuxhatshazo olwenzeka kwi-intanethi

Kgaogelo Letsebe 

IINGCALI ZE-CSIR zisebenzisa itekhnoloji ukuzama ukuphelisa ukuxhatshazwa nge-intanethi.
Inkohlakalo kunye  neziphumo ezibi zokuxhatsha zwa kwabantwana nge intanethi kuvele elubala kwiinyanga ezidlulileyo.
Kwisenzo sakutsha nje sokuxhatshazwa nge-inta-nethi, umfundi weBanga le-10 uLufuno Mavhunga, weSikolo samaBanga aPhakathi iMbilwi eLimpopo, uye wazibulala emva kokubethwa ngo-mnye umfundi. UMavhunga  watya iipilisi ngokugqi thiseleyo emva kokuba ividiyo yokubethwa kwakhe isasazwe kumakhasi onxibelelwano.Iingcali zokhuseleko kwezokuxhatshazwa nge-inta nethi ezivela kwi-Cou ncil for Scientific and Indu strial Research (i-CSIR) zithi ukuxhatshazwa nge-inta-nethi kuyingozi kakhulu eba ntwaneni kwaye kunga khokelela kuxinzelelo lomphe fumlo, usizi, umsindo, udano, uvalo kunye noloyiko.“Kungakhokelela futhi nasekuzijongeleni phantsi, ekwenzeni izenzo ezimbi, ekubeni yindlobongela  esikolweni, ekudaleni  iingxaki zosapho kunye nakwiingcinga zokuzibu lala,” ucacise watsho uSipho Ngobeni, umphandi omkhulu we-CSIR.Ukuxhatshazwa nge-inta-nethi kwenzeka xa umntu  esebenzisa ngabom ama khasi onxibelelwano uku hlupha, ukugrogrisa,  ukuhlaza, ukoyikisa, uku landelela rhoqo umntu  ngendlela eyoyikisayo, uku hlaza okanye ukuhlekisa ngomnye umntu.UNgobeni uthi uphando lubonisa ukuba ama-41% wabantwana babanovalo lokujongana noluntu emva kokufumana ukuxha tshazwa nge-intanethi, ama-37% abonakalisa uxinzelelo lomphefumlo, ama-26% aneengcinga zokuzibulala kwaye ama-25% ayaze nzakalisa."Ezi ziphumo zibonisa ukuba ukuxhatshazwa nge intanethi ngumba onzima kakhulu....wongeze ngelithi oyena ndoqo wokujongana nale ngxaki kukubanda kanya wonke umntu ocha phazelekayo ulutsha, aba zali, abafundisi-ntsapho, abantu bomthetho kunye neenkampani zamakhasi onxibelelwano".Umyinge ongama-42%, ongoyena mkhulu wokuxhatshazwa nge-inta-nethi wenzeka kwi-Insta gram, ama-31% kwi-Face-book, ama-31% kwi-Sna-pchat, i-12% kwi-Wha tsApp, i-10% kwi-YouTube kunye ne-9% kwi-Twitter.Ingcali ye-CSIR uRofhiwa Netshiya uthi kukho imfuneko yokufundiswa koluntu ngazo zonke iindlela zoku xhatshazwa kwi-intanethi.“Kufuneka sifundise aba ntwana ukuba ukuxhatsha zwa kwi-intanethi kunga khokelela kwiziphumo ezibi” waleke ngelitshoyo.Ukulwisana nokuxha tshazwa nge-intanethi, iqela  le-CSIR lenza indlela eza kuthi ibone ukuxhatshazwa komntu kwiingxoxo eze nzeka kumagumbi onxibele lwano. “Le ndlela isaqulunqwayo iza kuthi ngokuzenzekelayo ikubone ukuxhatshazwa nge-intanethi kwiingxoxo zamaqela ezenzeka ku magumbi onxibelelwano kwaye ithintele abantu abaqhubeka nokuthumela intetho enentiyo. Izakunika umntu lowo uyisebenzisayo imiyalezo yesilumkiso emithathu, kwaye ukuba uqhubela phambili nokuthumela intetho enentiyo iyakumvalela ngaphandle angabisanako ukuyisebenzisa kwakhona” utshilo uNetshiya.Ucebisa abazali ukuba bafake i-software yokujonga i-intanethi kwizixhobo zo nxibelelwano zabantwana babo ukuze bakwazi ukujonga izinto abazenzayo kuzo.“Kukho iimveliso ezibiza amaxabiso aphantsi ezinokujonga ngokungabonakaliyo izinto ezenziwa ngabantwana kwizixhobo zabo zonxibe lelwano kwaye zikuthume lele ngasese iziphumo ka ngangoko ufuna. Ezi mveliso zibaluleke kakhulu ukujonga iisayithi ze-intanethi ezityelelweyo, nezikhutshelweyo, nasekujongeni iingxoxo ezenzeka kumagumbi onxibelelwano kunye nemiyalezo ekhawulezileyo.I-CSIR ibonelela ngezi ngce biso zilandelayo kubazali  abakrokrela ukuba abantwa na babo bangamaxhoba oku xhatshazwa nge-intanethi:
• Qinisekisa ukuba umntwana uziva ekhuselekile, kwaye ubonakalise ukuba umxhasa ngokupheleleyo.• Sebenzisana nomntwana wakho ukuze nifikelele kwisigqibo enizakusithatha eniza kuvumelana ngaso nobabini.• Xoxa ngomba wokuxha tshazwa nge-intanethi nesiko lo esichaphazelekayo.• Qhagamshelana nabazali bomhlaseli ukuze uphande lo mba kwaye ungathethi nge zinto ezikhubekisayo.• Bika lo mba emapoliseni kwimeko apho kukho isigrogriso sokwenzakaliswa okanye sokubethwa okanye kwimeko yokuphangwa, yokulandelelelwa rhoqo ngendlela eyoyikisayo, yoku nyanzelwa ukuba ukhuphe imali ngokoyikiswa ukuba kuzakubhengezwa imfihlo yakho okanye kwimeko yokuxhatshazwa ngokwesondo kwabantwana.• Fundisa umntwana wakho  ngendlela efanelekileyo yokuziphatha kwi-intanethi.• Bethelela isimilo esihle kunye neendlela ezizizo zokuziphatha.
