ISirayeli nePalestina ibongozwe ukuba ilinganise uMzantsi Afrika ilandele uxolo

vukuzenzele unnmaed

 Amava ethu malu nga notshintsho lwentando yesininzi abasisifundo nga mandla ovelwano, othe tha-thethwano kunye  nawokuhlangabezana.
Imeko ekhulayo kwa Sirayeli nasePalestina inga-nqina into esiyazi kakuhle thina baseMzantsi Afrika, yokuba ungquzulwano olungalawulekiyo lunoku sonjululwa kuphela ngothe tha-thethwano olunoxolo.Ikwabonisa ukuba ngaphandle kokusonjululwa kwezizathu ezikhokelela kwimpixano eyenzekayo akusayi kubakho xolo.
 Ezo zizathu kule meko zezokuhlala ngokungekho mthethweni kwaSirayeli kumhlaba wasePale stina, kunye nokunyashwa kwamalungelo okuzikhe thela kwabantu basePale stina.Ubundlobongela bamva nje buvuswe sisigqibo senku ndla yakwaSirayeli soku gxotha iqela leentsapho kumakhaya abo kwindawo yase-Sheikh Jarrah kwi Mpuma ye-Jerusalem ukuze benze indawo yokuhlala yakwaSirayeli.Ukubona amadoda, abasetyhini kunye nabantwana begxothwa emakhayeni abo awayehlala izizukulwana ngezizukulwana zabo kubuyisa iinkumbulo ezibuhlungu kunye nezobuqu kwisininzi sabemi boMzantsi Afrika soku suswa ngenkani nokuhlu thwa komhlaba.Yayiyintlungu nokuthotyelwa phantsi okwa kujamelene nosapho lwam, kunye neentsapho ezininzi zaseMzantsi Afrika. Usapho lwam lwasuswa ngenkani amatyeli amabini kwiindawo ezahlukeneyo zeli lizwe.Ukususwa ngenkani komntu kwikhaya lakhe ekhonjwe ngompu yintlu ngu engalibaleki lula, kwaye idlulela kwizizukulwana ngezizukulwana.Njengelizwe sisahleli nemiphumela yezenzo ezibi ezenziwa egameni localulo lomhlaba.Bonke abo bakholelwa ekulinganeni, kubulungisa nakumalungelo oluntu, asinakungachukunyiswa kwaye sicaphuke ngenxa yentlungu nokuthotyelwa phantsi ekwenzeka ku bantu basePalestina; kuba kuphindeka okwenzeka kuthi.Izenzo zakwaSirayeli zaphula umthetho wezizwe. Zibonakalisa ukungakha thaleli izigqibo ezilandelela nayo zeBhunga lezoKhuse leko leZizwe eziManyeneyo ezifuna kupheliswe ukuhlalwa komhlaba wase Palestina kwaye kuzalise kiswe ukufezeka kwama lungelo wabantu base Palestina.Oko imikhosi yezokhuseleko yakwaSirayeli yaqala ukuhlasela abakhonzi kwi-Al Aqsa Mosque eJeru salem kwiveki ephelileyo, ubundlobongela ngoku bugubungele i-Gaza  Strip, iindawo ezininzi e-West Bank kunye nezixeko ezininzi zakwaSirayeli. Olu hlaselo soluthathe imiphefumlo yabantu abaninzi, kuqukwa nabantwana.Kuyakhathaza kakhulu ukuba imikhosi yakwa Sirayeli itshabalalisile isakhiwo esinemigangatho emininzi esihlala imibutho eliqela yemithombo yee ndaba, eso senzo sithu mela umyalezo owothusayo kakhulu kwiingxelo zosa sazo malunga nobubundlo bongela.Ukuqhushumbisa okuqhubekayo nobungenangqiqo kwaSirayeli e-Gaza kuya  kusiba neziphumo ezibi kakhulu kubantu abangaphezu kwezigidi ezibini, ekudala bebandezelekile ngenxa yokuvalwa ngokungekho semthethweni kweSirayeli kangangeminyaka eli-14.Sihlaba ikhwelo kuwo onke amaqela abandakanyekayo ukuba azibambe, ahloniphe ubomi babantu, bayeke ukulwa.SinguMzantsi Afrika sizibophelele ekubeni  yinxalenye yemizamo ya mazwe ejolise ekuvusele leni inkqubo yezopolitiko eya kuthi ikhokelele ekuse kweni kwelizwe lasePa lestina elinamandla neliphi la ngoxolo neSirayeli, kwaye nelikwimida eyamkelwe lilizwe liphela.Isisombululo sokuba namazwe amabini ngeyona ndlela inokusebenza kakhulu kubantu bakwaSirayeli nabasePalestina, kwaye kufuneka siqhubeke no kusixhasa.Ngethuba imikhosi yezokhuselo yakwaSirayeli yayihlasela abanquli kwi Al Aqsa Mosque, nathi eMzantsi Afrika sasilu ngiselela ukukhumbula ikhulu leminyaka le Bulhoek Massacre  kwindawo yonqulo eNta belanga eMpuma Koloni.Ngomhla wama-24 kaCanzibe 1921, imikhosi ye zokhuselo yobukoloniyali eyayiphethe imipu nezi xhobo zokudubula yathu lula iimbumbulu kubanquli, yabulala abantu abanga phezu kwama-160 kwaye yenzakalisa phantse ama-130.Ukubulawa kwabantu kubeke elubala inkohlakalo kungekuphela nje yamapolisa eManyano yoMzantsi Afrika, kodwa kubeke elubala nenkqubo yobuhlanga ekwakufuneka eyilandele.Kanye njengempiki swano kwindawo yase-Sheik Jarrah, inkohlakalo yase-Bulhoek yayingaphikisani ngendawo nje kuphela; kodwa ezona ziseko zale mpikiswano yayikukohluthwa komhlaba ngenkani, yayimalunga nokuthunjwa kwendawo yokuhlala, ikwamalunga nocalucalulo ngokobuhla nga kunye nangokupha thwa gadalala kwabo  baneembono ezahlukileyo.Njengoko sijonga le ngxaki yase-Middle East, ingaku mbi ukubandezeleka  kwabantu basePalestina, kungakuhle ukuba sikhu-mbule amazwi ka-Selby Msimang, ilungu elasu ngula i-African Natio nal Congress. Emva kwenyhikityha yokubulawa kwabantu e-Bulhoek wabhala wathi: "Imbali ibonakalisile ukuba abantu ngokwendalo baya buvukela ukungabikho  kobulungisa".Uqhankqalazo kwane mvukelo yabantu abacine zelweyo boMzantsi Afrika ngokuchasene nobukolo niyali kunye nocalucalulo kwangqina ukunyaniseka kwesi siprofetho.Njengabathandi benkululeko nobulungisa, simi nabantu basePalestina ku mnqweno wabo woku zimela, nasekuchaseni ko kohluthwa kwamalungelo wabo kunye nokuthotywa kwesidima sabo.Njengabemi belizwe eli kwaziyo ukufulathela inzo ndo yobuhlanga nokuphala zwa kwegazi, nokwakha uluntu oluqukayo olumiliselwe kumalungelo oluntu kumntu wonke, sinethemba lokuba abantu bakwaSirayeli nasePale stina bayakulandela indlela efanayo naleyo yoMzantsi Afrika, kwaye bayakufumanana baze bafumane  uxolo. 

