kubalikhoboka lecuba: Impilo yakho iyatshabalala

Kgaogelo Letsebe 

UKUKHUMBULA Usuku IweHlabathi OluChasene neCuba ngomhlawama-31 kuCanzibe, i-Vuk’uzenzele incokola nekhoboka lecuba elisachachayo malunga nokoyisa ubukhoboka balo becuba.
UKatlego Makhanda wase-Moiletswane eMntla Ntshona wazi kakuhle kakhulu ukuba kunzima kangakanani na ukuyeka ukutshaya.
  De wayeka kwiminya ka emine eyadlulayo, uMakhanda (28) waye dla ngokutshaya nga phezulu kweesigarethi ezingama-30 ngosuku.
Waqala ukutshaya xa wa yeneminyaka eli-18 ngenxa yoxinzelelo loontanga.
  “Ndandingenawo u mdla wokutshaya – zange kube ngumntsalane kum ndade ndafunda iba nga leshumi kwaye iqela labafana endandikade ndihlala nalo laqala ukundi chukela ngenxa yokunga mkeleki ngokwaneleyo kuba ndingatshayi.” UMakhanda waqale watshaya isigarethi enye okanye ezimbini ngosuku, kodwa oku kwanda ngokuhamba kwexesha.
  “Emva kwematriki, ndaya eyunivesithi kwaye inkululeko eza nokungahlali nabazali bam yayithetha ukuba ndingasela u tywala rhoqo kangangoko ndifuna.  Oku konyusa izinga lam lokutshaya.”  Ngowama-2017, uMakha nda wagula kwaye walali swa esibhedlele.  Wafu nyaniswa enesifo se swekile sodidi lwesibini kwaye wayebuthathaka kakhulu kanga ngee veki ezininzi uku ba angaphuma ebhedini.  “Ugqirha wacacisa gca ukuba ukulawula isigulo sam akunakwenziwa ukuba ndiyaqhubeka nokutshaya.  Kulapho ndaye ndagqiba kwelokuba ndiyeke ngokupheleleyo.”  UGqr Midah Malule ke waseMpumalanga uthi ukutshaya kuyi ngozi phantse kuwo onke amalungu omzimba.
 “Izigulo ezifana no mhlaza, isifo sentliziyo, ukuxhuzula, izifo zemiphunga, isifo seswekile kunye nesifo sokukrala kwemiphunga esinga nyangekiyo zinokubange lwa kukutshaya. “Uphando lubonisa ukuba abantu abatshayayo banamathuba angama-30% ukuya kuma-40% ukuba bavele isifo seswekile sodidi lwesibini kunabantu abangatshayiyo. Ukutshaya kukwadala ubunzima ekulawu -leni esi sifo,” utshilo.  Iingcebiso zokuyeka ukutshaya  Umbutho woMhlaza wase Mzantsi Afrika (i-CANSA) unikezela ngezi ngcebiso zilandelayo ukuba uza ma ukuyeka ukutshaya:  ●Thatha isigqibo malu nga nomhla wokuye ka ukutshaya emva koko ukwenze oko.
 ● Lahla yonke into ekukhumbuza ngoku tshaya.  Oku kuquka iipa kethi zesigarethi, iitreyi zothuthu, izilumeki-mlilo.
 ● Sela amanzi amani nzi  –  oko kuya kunce da ukugungxula i-nico tine emzimbeni wakho.  ● Yazisa usapho kunye nabahlobo bakho ukuba uzama ukuyeka ukutshaya ukuze babenokunika  inkxaso.  ●Usenokuba nesiyezi e sithile, intloko ebuhlungu okanye ukhohlele xa sele uyekile ukutshaya.  Oku kuqhelekile kwaye kufuneka kuphucuke emva kosuku okanye ezimbini kwaye kunyamalale kwiintsuku ezili-14.
 UMakhanda uthi uha mbo lwakhe zange  lubelula, kodwa u zimisele ukungatshayi.  “Ikliniki yengingqi kunye nabasebenzi bandinikezela ngenkxaso nangeenkcu kacha zokubaluleka koku  phila ubomi obungenacu ba.  Ekuqaleni, ivumba lecuba lalirhalisa, kodwa ngoku sendiliqhelile,” u tshilo. 

